Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | URHULUMENTE ONGENALO URHWAPHILIZO

UBukumkani BukaThixo—Urhulumente Ongenalurhwaphilizo

UBukumkani BukaThixo—Urhulumente Ongenalurhwaphilizo

“Ekugqibeleni, amagosa karhulumente ngabantu yaye sonke singabantu.” Latsho njalo igosa lorhulumente waseNicaragua xa lalichaza isizathu sokuba urhwaphilizo lwaseburhulumenteni lungenakusitshulwa neengcambu.

Ngaba awuvumi ukuba, ukuba abantu bayarhwaphiliza, norhulumente wabo uya kurhwaphiliza? Ukuba kunjalo, urhulumente ongenalurhwaphilizo umele avele ngaphandle. IBhayibhile ithetha ngaloo rhulumente—uBukumkani bukaThixo, urhulumente uYesu awafundisa abalandeli bakhe ukuba bamthandazele.—Mateyu 6:9, 10.

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenene olawula ezulwini. Buza kuthabatha indawo yabo bonke oorhulumente babantu. (INdumiso 2:8, 9; ISityhilelo 16:14; 19:19-21) Ezinye zeentsikelelo eziza kuziswa buBukumkani kukuluphelisa nya urhwaphilizo lwaseburhulumenteni. Khawuqwalasele iinkalo ezintandathu zoBukumkani eziqinisekisa oku.

1. IGUNYA

INGXAKI: Ubukhulu becala oorhulumente babantu badla ngokuxhomekeka kubantu, ngerhafu nangeenkonzo. Le mali iphuma ingena ezandleni, wambi amagosa ayazinceda kuyo, ngoxa amanye enyotywa ngabantu abathile abafuna banciphise irhafu yabo okanye ezinye iinkonzo zikarhulumente abafanele bazihlawule. Loo nto inokuphumela ekonyusweni kwerhafu okungaphele ndawo ukuze kulungiswe lo monakalo, ekugqibeleni oko kuphumela kolunye urhwaphilizo. Kwimeko enjalo, abantu abamsulwa ngabona baba ngamaxhoba.

ISICOMBULULO: UBukumkani bukaThixo buxhaswa nguThixo usomandla, uYehova. * (ISityhilelo 11:15) Abuxhomekekanga kwirhafu ukuze busebenze. Kunoko, ‘amandla amakhulu’ kaThixo nesisa sakhe siya kuqinisekisa ukuba uBukumkani buza kuzinyamekela iintswelo zabalawulwa.—Isaya 40:26; INdumiso 145:16.

2. UMLAWULI

INGXAKI: USusan Rose-Ackerman, obecatshulwe kwinqaku elandulelayo uthi xa kusiliwa norhwaphilizo “kumele kuqalwe entloko.” Imigudu karhulumente iphelela emoyeni xa ezama ukulwa urhwaphilizo kumapolisa okanye amagosa ahlola izinto ezingenayo ngoxa lubethwa ngoyaba kumagosa aphezulu. Kwanoyena mlawuli unemilinganiselo ephezulu akafezekanga. IBhayibhile ithi, “akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.”—INtshumayeli 7:20.

UYesu wasikhaba ngawo omane esona sinyobo sakhe sasikhulu

ISICOMBULULO: Ngokungafaniyo nabantu abangafezekanga, uYesu Kristu, okhethwe nguThixo ukuba abe nguMlawuli woBukumkani, akanakulingelwa ukuba enze ububi. UYesu wasikhaba ngawo omane esona sinyobo sakhe sasikhulu, ukunikwa “zonke izikumkani zehlabathi nozuko lwazo.” UYesu wayeza kuzifumana ukuba wayenokunqula uMtyholi, umlawuli wehlabathi, kube kanye. (Mateyu 4:8-10; Yohane 14:30) Kwanaxa uYesu wayethuthunjiswa, wayezimisele ukuhlala enyanisekile kangangokuba akazange avume ukusela isiyobisi esasiza kuthomalalisa iintlungu kodwa simshiye engekho zingqondweni. (Mateyu 27:34) Ngoku uye wabuyiselwa ezulwini nguThixo kwaye uye wabonisa ukuba ukufanelekela ngokupheleleyo ukulawula uBukumkani.—Filipi 2:8-11.

3. UKUZINZA

INGXAKI: Amazwe amaninzi aba nonyulo rhoqo, olunika ithuba abantu lokuba bangawavoteli amagosa arhwaphilizayo. Inyaniso kukuba, ngexesha lokugaya inkxaso nonyulo kulula ukurhwaphiliza, kwanakumazwe afumileyo. Zisebenzisa imali nezinye iindlela, izityebi zinokuba nempembelelo kubantu abalawulayo nakwabo basaza kulawula.

UJohn Paul Stevens oyijaji yeNkundla Ephakamileyo yaseMerika ubhala athi impembelelo enjalo ayisongeli “kuphela ukufaneleka nomgangatho kaRhulumente kodwa kwanendlela abamjonga ngayo abantu.” Akumangalisi ke ngoko ukuba, abantu abaninzi ehlabathini benemvo yokuba amaqela ezopolitiko ngawona anorhwaphilizo.

ISICOMBULULO: UBukumkani bukaThixo abunakuphenjelelwa kukunyoba okwenziwa ngexesha lonyulo kuba buzinzile. (Daniyeli 7:13, 14) Ekubeni uMlawuli ekhethwe nguThixo, uBukumkani abuxhomekekanga kunyulo ibe abunakubhukuqwa. Ukuzinza kwabo kusiqinisekisa ukuba izigqibo ezenziwayo zenziwa kucingwa ngokulungelwa kwabantu ngonaphakade.

4. IMITHETHO

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenene olawula ezulwini

INGXAKI: Ekuqaleni, usenokucinga ukuba ukwenza imithetho emitsha kunokuba luncedo. Noko ke, iingcali ziye zafumanisa ukuba amaxesh’ amanzi ukwandisa imithetho ngokubangela urhwaphilizo olungakumbi. Ukongezelela, imithetho eyenzelwe ukunciphisa urhwaphilizo idla ngokungasebenzi ngenxa yeendleko, ukanti akukho nto ingako iyifezayo.

ISICOMBULULO: Imithetho yoBukumkani bukaThixo yongamile kunaleyo yoorhulumente babantu. Ngokomzekelo, kunokuba bube nodederhu lwemithetho, uYesu wafundisa umthetho obizwa ngokuba nguMthetho Omkhulu. Wathi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.” (Mateyu 7:12) Eyona nto ingamandla, imithetho yoBukumkani ijoliswe kwintsusa yesenzo nakwizenzo. UYesu wathi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:39) Ekubeni uThixo ekwazi ukufunda intliziyo, angayenza isebenze loo mithetho.—1 Samuweli 16:7.

5. INTSUSA

INGXAKI: Unobangela worhwaphilizo kukunyoluka nokuzicingela wedwa. Amagosa karhulumente nabemi badla ngokuba nezi mpawu zingathandekiyo. Kwivenkile eyadilikayo yaseSeoul ebesiyikhankanye kwinqaku elandulelayo, amagosa karhulumente anyotywa ziinkampani zokwakha ezazingafuni ukungena ezindlekweni ngokusebenzisa izinto zokwakha ezisemgangathweni.

Ukuze urhwaphilizo lusitshulwe neengcambu, abantu bamele bafundiswe ukuzikhwebula kwiimpawu ezendeleyo njengokunyoluka nokuzingca. Noko ke, oorhulumente babantu abakwazi ukusungula iphulo lemfundo elinjalo.

ISICOMBULULO: UBukumkani bukaThixo buza kulusiphula neengcambu urhwaphilizo ngokufundisa abantu ukoyisa imikhwa engatshongo khona. * Le mfundo iyabanceda “bawahlaziye amandla engqondo yabo.” (Efese 4:23) Bafundiswa ukuba endaweni yokunyoluka baze bazingce, baneliseke baze babe nomdla kwabanye.—Filipi 2:4; 1 Timoti 6:6.

6. ABALAWULWA

INGXAKI: Nangona besenokuma kakuhle baze bafundiswe nemilinganiselo ephezulu yokuziphatha, abanye abantu abanyaniseki yaye bayarhwaphiliza. Iingcali ziyavuma ukuba esi sesona sizathu sokuba oorhulumente babantu bangakwazi ukuluphelisa urhwaphilizo. Ekuphela kwento enokwenziwa kukulunciphisa urhwaphilizo nemiphumo yalo.

ISICOMBULULO: Ingqungquthela Yezizwe Ezimanyeneyo Enxamnye Norhwaphilizo ithi ukuze kuliwe norhwaphilizo, oorhulumente bafanele bakhuthaze “ukuthembeka, ukunyaniseka nokuzimisela.” Ngoxa iyinjongo entle le, uBukumkani bukaThixo benza okungakumbi kunokuzikhuthaza ezi mpawu, bufuna abo baza kulawulwa bubo babenazo. IBhayibhile ithi ‘abantu ababawayo namaxoki’ abanakubudla ilifa uBukumkani.—1 Korinte 6:9-11; ISityhilelo 21:8.

Abantu banokufunda ukuphila ngale milinganiselo iphakamileyo, njengokuba amaKristu okuqala enzayo. Ngokomzekelo, xa umfundi uSimon wazama ukuthenga umoya oyingcwele kubapostile, abazange bavume ukunyotywa, bamkhalimela bathi: “Guquka, ke ngoko, kobu bubi bakho.” Wathi uSimon esakububona ubungozi bomnqweno wakhe, wacela abapostile ukuba bamthandazele ukuze awoyise.—IZenzo 8:18-24.

INDLELA YOKUBA NGUMLAWULWA WOBUKUMKANI

Enokuba ungowaluphi uhlanga, unethuba lokuba ngumlawulwa woBukumkani bukaThixo. (IZenzo 10:34, 35) Iphulo lokufundisa elivulwa buBukumkani—eliqhutywa ehlabathini jikelele ngoku sithethayo—liza kukufundisa. AmaNgqina kaYehova aza kukuvuyela ukukubonisa isifundo seBhayibhile esiqhutywa ngesisa, esinokuthatha imizuzu elishumi kuphela ngeveki. Phakathi kwezinye izinto, unokufunda okungakumbi ‘ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo,’ nendlela oluza kupheliswa ngayo urhwaphilizo lwaseburhulumenteni. (Luka 4:43) Sicela uthethe namaNgqina akummandla wakho okanye ungene kwiWebhsayithi yethu ethi jw.org/xh.

Ngaba ungathanda ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile simahla?

^ isiqe. 8 UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.

^ isiqe. 22 Ngokomzekelo, funda inqaku elithi “Ngaba Umntu Unako Ukunyaniseka Kweli Hlabathi Lonakeleyo?” kwiMboniselo kaOktobha 1, 2012.