Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Madoda—Yenzani Kube Mnandi Ekhaya

Madoda—Yenzani Kube Mnandi Ekhaya

INDODA ifanele imnyamekele njani umfazi wayo? Abantu abaninzi bakhule becinga ukuba eyona nto iphambili kwindoda kukuza nemali ekhaya. Noko ke, amanye amakhosikazi anezinto ezininzi, kodwa aziva engakhathalelwanga kangangokuba ayoyika. Ngokomzekelo, uRosa, olibhinqa elithetha iSpanish uthi indoda yam, “Yayinobubele kwabanye abantu, kodwa ingqwabalala kum.” UJoy waseNigeria uthetha into efanayo, uthi, “Xa singavumelani nomyeni wam, wayedla ngokuthi, ‘Kufuneka wenze le ndikuxelela yona, ndim indod’ ekhapha.’”

Indoda inokuba nguye njani umyeni onothando? Yintoni enokuyinceda yenze kube mnandi ekhaya, ukuze libe ‘yindawo yokuphumla’ kumfazi wayo?—Rute 1:9.

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE NGEGUNYA ELINIKWE INDODA

Nangona indoda nomfazi belingana phambi kukaThixo, iBhayibhile ithi ngamnye kubo unendima yakhe entsatsheni. AmaRoma 7:2 athi umfazi uphantsi ‘komthetho wendoda yakhe.’ Imibutho emininzi idla ngokuba nomphathi, ngokufanayo, uThixo uye wabeka indoda njengentloko yomfazi wayo. (1 Korinte 11:3) Amadoda afanele akhokele kumakhaya awo.

Njengendoda, umele ulisebenzise njani igunya olinikwe nguThixo? IBhayibhile ithi, “Qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla.” (Efese 5:25) Nangona engazange atshate uYesu Kristu, umzekelo wakhe unokukunceda ube ngumyeni olungileyo. Makhe sibone ukuba ungakunceda njani.

UYESU UMISELA AMADODA UMZEKELO OMHLE

UYesu wayebathuthuzela yaye ebanceda abanye. UYesu wathi kwabo babecinezelekile beneengxaki, “Yizani kum, . . . ndiza kunihlaziya.” (Mateyu 11:28, 29) Wayeyikhathalele impilo yabo ibe wayebanceda basondele kuYehova. Kungenxa yoko le nto abaninzi babemthanda, babeqinisekile ukuba ukulungele ukubanceda xa benengxaki!

Indlela amadoda anokumxelisa ngayo uYesu. Mncedise umfazi wakho kwimisebenzi yakhe. Abanye abafazi bathetha amazwi abuhlungu afana nakaRosa owathi: “Ndandisisicakakazi nje somyeni wam.” Ngokwahlukileyo, uKweku, oyindoda enomtshato owonwabileyo uthi: “Ndiye ndimbuze umfazi wam ukuba akukho nto angathanda ndimncedise kuyo na. Kuba ndimthanda, ndiye ndicele ukumncedisa kwimisebenzi yakhe yasekhaya.”

UYesu wayebacingela abanye yaye enovelwano. Kangangeminyaka eyi-12 omnye umfazi wayephethwe sisigulo esibuhlungu. Emva kokuva ngamandla kaYesu angummangaliso, “wayemana esithi: ‘Ukuba ndichukumisa nje izambatho zakhe zangaphezulu ndiya kuphila.’” Wayenyanisile. Wachukumisa isambatho sikaYesu waza waphila ngoko nangoko. Nangona abanye kweso sihlwele kusenokwenzeka ukuba bathi lo mfazi wagabadela, uYesu waqonda ukuba wayenyanzelwa yimeko. * Wathi kuye: ‘Ntombi, phila kwisifo sakho esibuhlungu.’ Zange amenze azive ehlazekile okanye amngxolise, kunoko wamsizela kuba egula. Ngaloo ndlela wabonisa uhlobo lwendoda ayiyo—indoda enovelwano.—Marko 5:25-34.

Indlela amadoda anokumxelisa ngayo uYesu. Xa umfazi wakho engaziva mnandi, yiba novelwano nomonde. Zama ukubona ngasonye naye uze umthantamise. Ngokomzekelo, uRicardo uthi, “Xa ndibona ukuba umfazi wam uphazamisekile, ndiyazikhetha izinto endizithethayo ukuze ndingamqumbisi.”

UYesu wayencokola nabafundi bakhe. UYesu wayedla ngokuchith’ ixesha elide encokola nabahlobo bakhe. Wathi kubo, “Zonke izinto endizive kuBawo ndinazisile.” (Yohane 15:15) Yinyani kona ukuba ngamanye amaxesha uYesu wayekhe afune ukuba yedwa ukuze acamngce nokuze athandaze. Kodwa wayezityand’ igila kubafundi bakhe. Kubusuku obungaphambi kokuba abulawe njengesikrelemnqa wabachazela ukuba izinto eziza kwenzeka kuye zimenza abe ‘nentlungu enzulu.’ (Mateyu 26:38) Naxa babesenza izinto angazithandiyo, zange ayeke ukuncokola nabahlobo bakhe.—Mateyu 26:40, 41.

Ukucinga ngomzekelo kaYesu kunokuyinceda indoda ibe ngumyeni notata ongcono

Indlela amadoda anokumxelisa ngayo uYesu. Mchazele umfazi wakho izinto ozicingayo nendlela ovakalelwa ngayo. Umfazi usenokukhalaza athi umyeni wakhe uyathetha xa ephambi kwabanye abantu kodwa utya tyum endlini. Kwelinye icala, yiva indlela uAna avakalelwa ngayo xa umyeni wakhe emxelela indlela avakalelwa ngayo nezinto azicingayo, uthi: “Ndiye ndive ukuba undithanda nyhani, ibe loo nto indenza ndisondele ngakumbi kuye.”

Musa ukuqumbela umfazi wakho kuba usithi uyamohlwaya. Omnye umfazi uthi, “Xa umyeni wam exabene nam, kwakudla ngokudlula iintsuku engathethi nam. Wayendenza ndizive ndinetyala, yaye ndingento yanto.” Noko ke, uEdwin yena uzama ukuxelisa umzekelo kaYesu. Uthi: “Xa ndiphazamisekile, andikhawulezi ndiphendule, kodwa ndilinda ixesha elifanelekileyo ukuze silungise loo ngxaki.”

UJoy ekuthethwe ngaye uqwalasele utshintsho kum myeni wakhe emva kokuba waqala ukufundelwa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Uthi: “Uphucule kakhulu ibe ngoku uzimisele ukuba yindoda enothando njengoYesu.” Le mfundiso yeBhayibhile iye yanceda izigidi zamadoda namabhinqa atshatileyo. Awungethandi ukuba ngomnye wabo? Unokucela iNgqina likaYehova lifunde iBhayibhile kunye nawe simahla.

^ isiqe. 10 NgokoMthetho kaMoses, isigulo sakhe sasimenza angahlambuluki, ibe nabani na owayenokumchukumisa, wayeza kuba ngongahlambulukanga.—Levitikus 15:19, 25.