Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Imigaqo YeBhayibhile Ngezinto Ezilungileyo Nezirongo Isasebenza?

Ngaba Imigaqo YeBhayibhile Ngezinto Ezilungileyo Nezirongo Isasebenza?

 Abantu abaninzi, kuquka abo bazibiza ngokuba bangamaKristu bathi imilinganiselo yeBhayibhile ngesondo nangomtshato iphelelwe lixesha. Ukuze zihambisane neli xesha, iicawe ezininzi ziye zayitshintsha into eziyifundisayo ngezinto ezilungileyo nezirongo. Ngaba imigaqo yeBhayibhile yezinto ezilungileyo nezirongo isasebenza? Ewe. Eli nqaku liza kusicacisela izizathu zokuba sitsho.

Sidinga imigaqo yeBhayibhile ukuze sazi izinto ezilungileyo nezirongo

 Abantu badalwa ukuze bakhokelwe nguMdali wabo. IBhayibhile ithi: “Umntu ohambayo akanalo kwaigunya lokwalathisa inyathelo lakhe.” (Yeremiya 10:23) Nangona uYehova a uThixo wasidala sakwazi ukuzenzela izigqibo, zange asinike igunya lokuzigqibela ngezinto ezilungileyo nezirongo. Ngenxa yaloo nto, ufuna sithembe yena.—IMizekeliso 3:5.

 Indlela uThixo afuna siziphathe ngayo siyifumana eBhayibhileni. Ezi zizathu zibini zibonisa ukuba kutheni le migaqo ibalulekile.

  •   Sidalwe nguThixo. (INdumiso 100:3) NjengoMdali wethu, uYehova uThixo uyazi kakuhle into esiyifunayo ukuze sibe sempilweni, sonwabe ibe singabi namaxhala. Uyazazi neengxaki esinokuzifumana ukuba asiziphathi ngendlela afuna siziphathe ngayo. (Galati 6:7) Kwakhona uYehova ufuna siphile kamnandi. Ngoko iBhayibhile imchaza uThixo njengalowo “ukufundisa izinto ezikuncedayo, lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.”—Isaya 48:17.

  •   Iminqweno yethu inokusilahlekisa. Abantu abaninzi bacinga ukuba bangazigqibela ukuba ziintoni ezilungileyo nezirongo ngokulandela oko kusezintliziyweni zabo. Kodwa iBhayibhile ithi: “Intliziyo inamaqhinga kunayo nantoni na, ibe iyatyhudisa.” (Yeremiya 17:9) Ukuba intliziyo yethu ayikhokelwa bubulumko bukaThixo, ingasenza senze izinto esinokuzisola ngazo.—IMizekeliso 28:26; INtshumayeli 10:2.

Ngaba iinkokeli zecawa zifanele zingayihoyi into iBhayibhile ethi ilungile nerongo?

 Hayi! IBhayibhile isifundisa inyaniso ngoThixo nendlela afuna siziphathe ngayo. (1 Korinte 6:9-11; Galati 5:19-23) Ufuna abantu bayazi inyaniso. (1 Timoti 2:3, 4) Ngoko abafundisi kufuneka bafundise oko kufundiswa nguThixo kwiLizwi lakhe.—Tito 1:7-9.

 Abantu abaninzi abangafuni ukumamela imilinganiselo yeBhayibhile bamamela “abafundisi abaza kubaxelela le nto bafuna ukuyiva.” (2 Timoti 4:3, umbhalo osemazantsi) Kanti, iLizwi likaThixo lithi: “Baza kuthi shu abo bathi okungileyo kubi nokubi kulungile.” (Isaya 5:20) Kucacile ukuba uThixo uza kuzohlwaya iinkokheli zecawa ezingabafundisiyo abantu oko uThixo athi kulungile noko kungalunganga.

Ngaba imigaqo yeBhayibhile ibangela abantu bagwebe indlela abanye abaphila ngayo?

 Hayi. Abo bafuna ukuvuyisa uThixo balandela umzekelo neemfundiso zikaYesu Kristu. Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangabagwebi abanye, kunoko babathande baze babahloniphe abantu.—Mateyu 5:43, 44; 7:1

 UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba baphile ngendlela uThixo ayifunayo. Kodwa waphinda wabafundisa ukuba bayamkele into yokuba abanye banokukhetha ukuphila ngendlela eyahlukileyo. (Mateyu 10:14) UYesu akazange ayalele abalandeli bakhe ukuba banyanzele abanye okanye basebenzise iipolitiki nezinye iindlela ukuze bathobele imithetho kaThixo.—Yohane 17:14, 16; 18:36.

Kunceda njani ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile?

 Abo bazama ukulandela imigaqo kaThixo ngendlela yokuziphatha baza kuncedakala ngoku nakwixesha elizayo. (INdumiso 19:8, 11) Ezi ziquka:

a UYehova ligama likaThixo njengokuba lichaziwe eBhayibhileni.—INdumiso 83:18.