Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 6

Mfundise Ukuba Ayazi Into Elungileyo Nengalunganga

Mfundise Ukuba Ayazi Into Elungileyo Nengalunganga

KUTHETHA UKUTHINI UKWAZI INTO ELUNGILEYO NENGALUNGANGA?

Abantu abaziphethe kakuhle bayayazi into elungileyo nengalunganga. Indlela abaziphatha ngayo ayixhomekekanga kwinto eyenzeka ngelo xesha. Nokuba bayabonwa okanye ababonwa, benza into ebhalwe kumgaqo.

KUTHENI UKWAZI INTO ELUNGILEYO NENGALUNGANGA KUBALULEKILE?

Abantwana beva zonke izinto ezithethwa ngabantu ngento elungileyo nengalunganga. Beva kubantwana abafunda nabo, kwiingoma abazimamelayo, kwiimuvi nakwiTV. Aba bantu banokwenza abantwana bayithandabuze into abayifundiswa ekhaya ngento elungileyo nengalunganga.

Le ngxaki ibakho kakhulu xa beqala ukubhadla. Enye incwadi ithi, ngelo xesha “kufuneka bazi ukuba abantu abaninzi baza kubanyanzela ukuba benze izinto ezenziwa ngabo. Kufuneka bafunde ukwenza into abayaziyo ukuba ilungile nokuba ootshomi babo abathandi.” Ngoko abazali kufuneka baqale ukuqeqesha abantwana babo besebancinci.

UNGAMFUNDISA NJANI UKWAZI INTO ELUNGILEYO NENGALUNGANGA?

Mfundise indlela yokuziphatha.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: ‘Abantu abaqolileyo basebenzisa amandla abo okuqonda bewaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.’​—Hebhere 5:14.

  • Sebenzisa amagama enza icace into elungileyo nengalunganga. Mbonise kwizinto ezenzekayo ukuba injani into enyanisekileyo nenganyanisekanga. Ethembekileyo nengathembekanga. Eyenziwe ngobubele nengenziwanga ngobubele. Ekuhambeni kwexesha umntwana wakho uza kuzazi izinto ezilungileyo amele azenze, nezingalunganga amele angazenzi.

  • Mxelele ukuba kutheni usithi le ilungile, le ayilunganga. Ngokomzekelo, mcacisele izinto ezifana nezi: Ukunyaniseka yeyona nto ibalulekileyo. Ukuxoka kungamxabanisa nabantu abathandayo. Ukuba lisela akulunganga. Menze acinge ukuze umncede ayazi into elungileyo nengalunganga.

  • Bethelela engqondweni yakhe ukuba kutheni kubalulekile ukuziphatha kakuhle. Unokuthi: “Xa unyanisekile, abantu baza kukuthemba,” okanye “xa unobubele, abantu baza kukuthanda.”

Qiniseka ukuba intsapho yakho yaziwa ngokuziphatha kakuhle.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.”​—2 Korinte 13:5.

  • Intsapho yakho mayaziwe ukuba iziphethe kakuhle ukuze ukwazi ukuthi:

    • “Akho mntu uxokayo aph’ ekhaya.”

    • “Asibethi bantu okanye sibashawute.”

    • “Asikho krwada.”

Umntwana wakho uza kwazi ukuba ukuziphatha kakuhle asingomthetho nje, kodwa yinto ekufuneka abantu bakowabo baziwe ngayo.

  • Hlala uyincokola nomntwana wakho indlela intsapho emele iziphathe ngayo. Thetha ngezinto ezenzeka imihla ngemihla xa ufundisa umntwana wakho. Unokuthelekisa izinto omfundisa zona nezinto azibona kwiTV okanye esikolweni. Mbuze imibuzo efana nale: “Ukuba ibinguwe ubuza kuthini?” “Aph’ ekhaya besiza kuthini?”

Bafundise ukuba bazimisele ukwenza izinto ezilungileyo.

UMGAQO WEBHAYIBHILE: “Yibani nesazela esilungileyo.”​—1 Petros 3:16.

  • Mncome xa enze into entle. Xa umntwana wakho eye waziphatha kakuhle, mncome futhi umxelele ukuba kutheni usithi intle into ayenzileyo. Ngokomzekelo unokuthi: “Uthethe inyani. Ndiyazidla ngawe.” Ukuba umntwana ukuxelela ukuba umoshile, mncome ngokuthetha inyani ngaphambi kokuba umlungise.

  • Mlungise xa emoshile. Nceda abantwana bakho bayivume into engalunganga abayenzileyo, baze bazimisele ukulungisa. Abantwana bamele bazazi xa bemoshile futhi bazi ukuba le nto bayenzileyo ayamkelekanga aph’ ekhaya. Abanye abazali abafuni ukubaxelela abantwana babo xa bemoshile kuba bengafuni ukubakhathaza. Kodwa xa umzali emxelela umntwana xa emoshile, uyamnceda ukuze angayiphindi loo nto.