Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Inyani Isabalulekile?

Ngaba Inyani Isabalulekile?

 Ngaba uyabona ukuba ngoku kuya kusiba nzima ukwazi eyona nto iyinyani nebubuxoki? Endaweni yokuba bakholelwe inyani, abantu ngoku bakholelwa izinto ngenxa yendlela abacinga nabaziva ngayo. Loo nto iyichaza kakuhle imeko yeli hlabathi namhlanje, kuba abantu abaninzi abakholelwa ukuba ikhona kwaukubakhona “into eyinyani.”

 Kudala abantu bacinga ngolo hlobo. Malunga neminyaka eyi-2 000 eyadlulayo, umlawuli waseRoma uPontiyo Pilato wabuza uYesu engamthembi, wathi: “Yintoni inyaniso?” (Yohane 18:38) Nangona uPilato engazange amlinde aphendule, umbuzo wakhe wawubalulekile. Impendulo yeBhayibhile inokukwenza waneliseke, ize ikuncede wazi eyona nyani kweli hlabathi linabantu abangayihoyanga.

Ngaba isekhona inyani?

 Ewe. IBhayibhile isebenzisa igama elithi “inyaniso” xa ithetha ngezona zinto kuqinisekiweyo ngazo nezilungileyo. Ifundisa ukuba uYehova a ungumthombo wenyaniso, ide imbize ngokuba “unguThixo wenyaniso.” (INdumiso 31:5) IBhayibhile inenyaniso evela kuThixo, ibe xa ithetha ngayo iyifanisa nokukhanya. Kaloku iyakwazi ukusikhokela kweli hlabathi lingawaziyo umahluko phakathi kwenyani nobuxoki.—INdumiso 43:3; Yohane 17:17.

Ungayazi njani inyani?

 UThixo akafuni sivele siyamkele nje inyaniso kuba isuka eBhayibhileni. Kodwa usikhuthaza ukuba sicingisise kakuhle ngayo, kunokuhamba ngendlela esiziva ngayo. (Roma 12:1) Ufuna umazi uze umthande “ngengqondo yakho yonke,” ibe ufuna ujongisise ukuba izinto ozifunda eBhayibhileni ziyinyani na.—Mateyu 22:37, 38; IZenzo 17:11.

Ngubani owaqala wathetha ubuxoki?

 IBhayibhile ithi lutshaba lukaThixo, uSathana uMtyholi, kangangokuba ithi “ubuxoki beza ngaye.” (Yohane 8:44) Waxoka ngoThixo kubantu bokuqala. (Genesis 3:1-6, 13, 17-19; 5:5) Ukususela ngoko, uSathana zange ayeke ukuxoka ngoThixo, efihla inyani ngaye.—ISityhilelo 12:9.

Kutheni bebaninzi kangaka abantu abathetha ubuxoki kule mihla?

 Kweli xesha iBhayibhile ethi, ‘yimihla yokugqibela,’ uSathana ubalahlekisa kakhulu abantu kunakuqala. Kuqhelekile ukuba abantu baxoke, balahlekise abanye baze babaqhathe. (2 Timoti 3:1, 13) Kule mihla ubuxoki bugcwele nasezicaweni. IBhayibhile yayichaze kwakudala ukuba kweli xesha lethu, abantu “baza kuzifunela abafundisi abaza kubaxelela le nto bafuna ukuyiva,” ibe “baza kuyishiya inyaniso.”—2 Timoti 4:3, 4, umbhalo osemazantsi.

Kutheni ibalulekile inyani?

 Inyani yenza abantu bathembane. Abahlobo abasondelelani xa bengathembani, ibe nasekuhlaleni abantu abamanyani. IBhayibhile ithi uThixo ufuna simkhonze kuba sisazi inyaniso. Ithi: “Abo bamkhonzayo bamele bamkhonze ngomoya nangenyaniso [uThixo].” (Yohane 4:24) Ukuze wazi ukuba inyaniso eseBhayibhileni ingakunceda njani wazi iinkonzo zobuxoki uze ungayi kuzo, funda amanqaku anomxholo othi “Ubuxoki Obubangela Ukuba UThixo Angathandwa.”

Kutheni uThixo efuna ndiyazi inyaniso?

 UThixo ufuna wazi inyani ngaye uze usinde. (1 Timoti 2:4) Xa uzazi izinto uThixo azifunayo nangazifuniyo uze uzithobele, uza kutsho ube ngumhlobo wakhe. (INdumiso 15:1, 2) UThixo wade wathumela uYesu emhlabeni, kuba efuna ukunceda abantu bazi inyani. Ufuna sizimamele izinto esizifundiswa nguYesu.—Mateyu 17:5; Yohane 18:37.

Ngaba uThixo uza kubuphelisa ubuxoki?

 Ewe. UThixo uyacaphuka xa abanye beqhatha abanye. Uthembisa ukuba uza kubasusa emhlabeni bonke abo bangayekiyo ukuxoka. (INdumiso 5:6) Xa ebasusa, uza kwenza nenye into ayithembisileyo, kuba wathi: “Imilebe ethetha inyaniso iza kuhlala ngonaphakade.”—IMizekeliso 12:19.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?