Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

E+/taseffski/via Getty Images (Stock photo. Posed by model.)

HLALANI NITHE QWA!

Baninzi Abantwana Abanezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo—Ithini IBhayibhile?

Baninzi Abantwana Abanezigulo Eziphazamisa Iimvakalelo—Ithini IBhayibhile?

 Nge-13 kaFebruwari 2023 ebingoMvulo, iCenters for Disease Control and Prevention (CDC) yaseUnited States ikhuphe ingxelo ngezigulo abanazo abantwana abana-13 ukuya ku-19 baseUnited States. Ithe phantse ihafu yabantwana abaseHigh school basoloko bengonwabanga ibe abanalo nethemba.

 UGqr. Kathleen Ethier, ojongene nendlela abantwana abakhula nabenza ngayo esikolweni kwiCDC uthi: “Kule minyaka iyi-10 idlulileyo, izigulo zendlela umntu acinga naziva ngayo ziye zambi kakhulu kubantu abasebatsha. Kodwa ezi zigulo ziye zambi kakhulu kubantwana abangamantombi kuba baninzi abacinga ngokuzibulala, abacinga ngeendlela zokuyenza loo nto, nabade bazame.”

 Le ngxelo ithi:

  •   Phantse ikota yabantwana abaneminyaka eyi-13 ukuya kweyi-19, baye banyanzelwa ukuba balale nomntu bengafuni. UGqirha Ethier uthi: “Kubantwana abangamantombi abayi-10 obaziyo, kuyenzeka ukuba omnye okanye ngaphezulu sekhe waphathwa kakubi ngesondo. Iyothusa kakhulu loo nto.”

  •   Umntana omnye kwabathathu secinge kaninzi ngokuzibulala.

  •   Abathathu kwabahlanu basoloko bekhathazekile ibe baphelelwe lithemba.

 Zibuhlungu kakhulu ezi zinto. Abantwana bafanele bonwabe. Yintoni enokubanceda bakwazi ukunyamezela nokumelana nestres abanaso kule mihla? Ithini iBhayibhile?

IBhayibhile inezinto ezinokubanceda abantwana

 IBhayibhile ayiyiphikisi into yokuba siphila kumaxesha anzima kule mihla. Ithi siphila “ngemihla yokugqibela” ngamaxesha “ekunzima ukuwanyamezela.” (2 Timoti 3:1-5) Kodwa inamacebiso anceda abantwana abaninzi emhlabeni wonke bakwazi ukumelana neengxaki abanazo. Khawujonge la manqaku asekelwe eBhayibhileni.

 Izinto ezinokunceda abantwana abafuna ukuzibulala

 Izinto ezinokunceda abantwana abakhathazekileyo okanye abacinga izinto ezimbi, nabanedepression

 Izinto ezinokunceda abantwana abaphethwe kakubi kwi-intanethi nabantlontwayo

 Izinto ezinokunceda abantwana abaphethwe kakubi ngesondo

IBhayibhile inezinto ezinokunceda abazali

 IBhayibhile inawo namacebiso anokunceda abazali bazi izinto abanokuzenza xa abantwana babo beneengxaki. Khawujonge la manqaku asekelwe eBhayibhileni.