Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Inqaku Elingumxholo

Ucinga Ngokuzibulala?

Ucinga Ngokuzibulala?

XA UBUNOKUDIBANA noDiana, * ubuya kufumanisa ukuba yintombi ekrelekrele, enobuhlobo nethand’ abantu. Nangona ebonakala engumntu owonwabileyo, kodwa ixesh’ elininzi intliziyo yakhe isoloko ilihlwili, kwaye eziva engento yanto. Uthi: “Mihla le ndinqwenela ukuba ngaske ndife. Ndikholelwa ukuba ihlabathi lingabhetele ngaphandle kwam.”

“Kuye kwafunyaniswa ukuba sihlandlo ngasinye kukho umntu ozibulalayo, kukho abayi-200 abakhe bazama ukuzibulala nabanye abayi-400 abakhe bacinga ngako.”—ITHE GAZETTE, yaseMONTREAL, eKHANADA.

UDiana uthi akasoze azibulale. Kodwa maxa wambi akasiboni isizathu sokuba aphile. Uthi: “Eyona nto ndiyinqwenelayo kukufa ngengozi. Ukufa ndikujonga njemhlobo kunokuba kube lutshaba.”

Baninzi abantu abafana noDiana, ibe abanye kubo baye bazama ukuzibulala. Noxa kunjalo, iingcali zithi uninzi lwabantu abazama ukuzibulala abafuni kufa; sukuba nje befuna ukuphelisa intlungu. Ngamany’ amazwi, bakholelwa ukuba banesizathu sokufa; kodwa eyona nto bayifunayo sisizathu sokuphila.

Kutheni bemele baphile? Funda ngezizathu ezithathu zokuqhubeka siphila.

^ isiqe. 3 Igama litshintshiwe.