Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokwenza Njani Xa Uwedwa?

Unokwenza Njani Xa Uwedwa?

 Ngaba iyakukhathaza into yokuba uwedwa, unesithukuthezi? Ukuba iyakukhathaza, uyafana nomdumisi owathi: “Ndifana nentaka eyodwa eluphahleni.” (INdumiso 102:7) Amacebiso eBhayibhile angakunceda kwiingxaki ezenziwa kukuba wedwa.

 Sondela kuThixo

 Nokuba uwedwa, ungonwaba xa uqonda ukuba uyamdinga uThixo uze ufunde ngaye. (Mateyu 5:3, 6) Nazi izinto ezinokunceda uqalise, azibhatalelwa.

  •   IBhayibhile ekwi-intanethi ethetha inyani nekulula ukuyifunda

  •   Iividiyo ezithetha ngezinye izinto ezibalulekileyo ezifundiswa yiBhayibhile

  •  Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa”​—Iimpendulo zemibuzo edla ngokubuzwa ngabantu abaninzi

  •  Xelisa Ukholo Lwabo”​—Amanqaku akwenza ube ngathi uyazibona izinto ezazisenzeka ebomini bamadoda namabhinqa athembekileyo aseBhayibhileni

  •  Ngaba Yadalwa?”​—Amanqaku athetha ngobuhle nangendlela ezidalwe ngayo izinto ezisemhlabeni

Funda iivesi ezithuthuzelayo eBhayibhileni

  Ezi vesi zithuthuzele abantu abaninzi. Endaweni yokuzifunda zonke ngexesha elinye, sebenzisa ixesha onalo kuba uwedwa, ufunde indawo ibe nye ngexesha,ucinge ngayo uze to uthandaze.​—Marko 1:35.

Funda isizathu sokuba kwenzeke izinto ezimbi emhlabeni

  Uza kuyazi ukuba mawenze ntoni xa unengxaki ukuba uyayazi kutheni kusenzeka izinto ezimbi nokuba uThixo uza kuziphelisa njani.​—Isaya 65:17.

Sukuba nexhala kakhulu

  Amanqaku angezantsi athetha ngexhala anokunceda ungabi nestres kuba uwedwa, ‘uyeke nokuba nexhala.’​—Mateyu 6:25.

Yiba nabahlobo

  Ukuba nabahlobo kungakunceda ucinge kakuhle uze wonwabe. Kubaluleke kakhulu xa ningakwazi ukubonana. Xa ungakwazi ukuphuma endlini unokusebenzisa ivideoconference okanye ubafowunele ukuze ningayeki ukuba ngabahlobo, ufumane nabanye. La manqaku angezantsi angakunceda ufumane abahlobo, nawe ube ‘ngumhlobo wokwenene.’​—IMizekeliso 17:17.

Jima

  IBhayibhile iyavuma ukuba ‘ukujima kuyanceda.’ (1 Timoti 4:8, umbhalo osemazantsi) Kungakunceda ucinge kakuhle uze wonwabe, kukunceda kakhulu xa uwedwa. Zikhona izinto onokuzenza ukuze ungahlali endaweni enye nokuba awukwazi ukuphuma endlini.