Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Iingcinga Zenza Umahluko!

Iingcinga Zenza Umahluko!

Yintoni eyona nto ilawula ulonwabo lwakho kwezi zilandelayo?

  • iimeko zakho

  • imfuza

  • indlela ocinga ngayo

ABANYE bebeya kuthi “ziimeko,” mhlawumbi besithi, “Bendiya konwaba . . .

  • “ukuba nje bendinemali eninzi”

  • “ukuba nje bekumnandi emtshatweni wam”

  • “ukuba nje bendingabikwa hlaba”

Enyanisweni, yindlela ocinga ngayo edla ngokugqiba enoba uyonwaba na kunokuba ibe ziimeko okanye imfuza. Ziindaba ezimnandi ezo. Ngoba? Kaloku akukho nto unokuyenza ngemeko okuyo okanye ngemfuza, kodwa unokuyilawula indlela ocinga ngayo.

“IYAPHILISA”

Omnye umzekeliso weBhayibhile uthi: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa, kodwa umoya oxhwalekileyo womisa amathambo.” (IMizekeliso 17:22) Ngamany’ amazwi, iingcinga zakho zenza umahluko! Zinokwenza ulufikelele usukelo lwakho okanye unikezele, okanye zigqibe enoba intlungu eyenzeke ebomini bakho iyakwakha okanye iyakuchitha kusini na.

Abanye abantu basenokungakukholelwa oku. Basenokucinga ngale ndlela:

  • ‘Kutheni ndifanele ndizenze ngathi andinangxaki ngoxa ndisindwa ziingxaki?’

  • ‘Noba ndingazama kangakanani ukucinga ngendlela entle, ayinakutshintsha imeko endikuyo.’

  • ‘Ndikhetha ukuzijonga izinto ngendlela eziyiyo kunokuba ndiphuphe.’

Ezi ngcinga zisenokuvakala zinesihlahla. Sekunjalo, kuyanceda ukujonga izinto ngendlela entle. Ngokomzekelo, makhe sijonge ezi meko zilandelayo.

Emsebenzini, uAlex noBrian basebenza nzima besenza izinto ezahlukeneyo. Emva kokuhlola umsebenzi wabo, umphathi ubona iimpazamo ezithile kule misebenzi.

  • UAlex: “Ndiye ndachitha ixesha elininzi ndisenza lo msebenzi, kodwa andikwazanga ukuwenza kakuhle! Andinakuze ndiwuchane lo msebenzi. Enoba ndingasebenza nzima kangakanani, ndiya kusoloko ndisiwa nganeno. Ndisazidubela ntoni ke?”

  • UBrian: “Umphathi wam undibonise izinto azithandayo emsebenzini wam, kodwa ndenze iimpazamo ezimbalwa. Ndifunde izifundo eziza kundinceda ndiphucule kwixesha elizayo.”

UCINGA NTONI?

  • Kwisithuba seenyanga ezintandathu, ngubani oza kube ekwazi kakuhle ukwenza umsebenzi—nguAlex okanye nguBrian?

  • Ukuba ubungumqeshi, yiyiphi kula madoda mabini obungathanda iqhubeke ikusebenzela?

  • Yiyiphi kula madoda mabini odla ngokufana nayo xa uphoxekile?

UAndrea noBrittney baba namaxesha abaziva bengamalolo ngawo. Ngamnye kubo unendlela yakhe eyahlukileyo amelana ngayo nale meko.

  • UAndrea ucinga kakhulu ngesiqu sakhe. Akafuni kubenzela nto abantu ngaphandle kokuba bamenzela izinto kuqala. Uthi, ‘Kutheni ndifanele ndichithe ixesha lam ndisenzela abantu izinto, bona bengandenzeli nto?’

  • UBrittney uzama kangangoko ukuba nobubele ngokwenzela abantu izinto, enoba bayambulela okanye abambuleli. Uphila ngoMthetho Omkhulu—uphatha abantu ngendlela afuna ukuphathwa ngayo. (Luka 6:31) KuBrittney, ukwenza okulungileyo kungumvuzo kungakhathaliseki indlela abantu abasabela ngayo.

UCINGA NTONI?

  • Nguwuphi kula mabhinqa mabini obuya kumkhetha njengomhlobo?

  • Nguwuphi owanelisekileyo bubuhlobo bakhe nabanye abantu?

  • Ukuba ukhe ube lilolo, ngaba uye ufane noAndrea okanye noBrittney?

Kusenokwenzeka ukuba bakho abantu obaziyo abanjengoBrian noBrittney. Usenokuvakalelwa kukuba nawe ufana nabo. Ukuba kunjalo, ngokuqinisekileyo uyabona ukuba indlela ocinga ngayo ingenza umahluko ebomini bakho. Kwelinye icala, kuthekani ukuba ufana noAlex okanye uAndrea? Khawubone iindlela ezintathu iBhayibhile engakunceda ngayo uzijonge ngendlela efanelekileyo iingxaki zobomi.

1 UNGANIKEZELI

IBHAYIBHILE ITHI: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.”—IMizekeliso 24:10.

ITHETHA UKUTHINI?: Ukunikezela kutheza amandla owafunayo ukuze uphucule imeko yakho okanye umelane nayo.

UMZEKELO: UJuliza wayengonwabanga kwaphela xa wayesemncinci. Uyise wayelinxila kwaye intsapho yakowabo yayihlupheka. Babengoonothwal’ impahlana. UJuliza wayesele ebuncamile ubomi. Kodwa oko kwatshintsha. Wancedwa yintoni? Uthi: “Kwanangaphambi kokuba abazali bam bazoyise iingxaki zabo, iBhayibhile yandinceda ndaphucula indlela endizijonga ngayo izinto. Nanamhl’ oku izinto eziseBhayibhileni zindinceda ndikwazi ukubona izinto ngendlela eyiyo. Ngoku, xa abantu benemikhwa endingayithandiyo, ndiye ndizame ukuqonda isizathu sokuba benze ngaloo ndlela.”

Njengoko uJuliza wafumanisayo, iBhayibhile inemigaqo eluncedo. Amacebiso ayo angakunceda umelane neemeko ezinzima. Ngokomzekelo, amaEfese 4:23 athi: “Mawahlaziyeke amandla engqondo yenu.”

Njengoko le vesi ibonisa, unako ukuyitshintsha indlela ozijonga ngayo izinto. Unako “ukuyihlaziya” indlela ocinga ngayo. Sekunjalo, utshintsho olunjalo luthatha ixesha. Yiloo nto le vesi isithi ‘masihlaziyeke.’

2 JONGA KAKHULU IZINTO EZINTLE

IBHAYIBHILE ITHI: “Yonke imihla yoxhwalekileyo mibi; kodwa onentliziyo echwayitileyo uba netheko rhoqo.”—IMizekeliso 15:15.

ITHETHA UKUTHINI?: Xa uzijonga ngendlela engakhiyo zonke izinto, uya ‘kuxhwaleka’ kwaye yonke imihla iya kuba “mibi.” Kodwa ukuba ujonga kakhulu kwizinto ezintle, uya kuba “nentliziyo echwayitileyo” kwaye uvuye. Kukuwe.

UMZEKELO: Emva kokutyandwa kaliqela ukuze kususwe ithumba elisebuchotsheni, uYanko wayengakwazi ukwenza ezinye izinto nokuthetha kakuhle. Wayevakalelwa kukuba aphelile amaphupha kuye. Oku kwamkhathaza iminyaka. Kodwa watshintsha. Njani? Uthi: “Kunokuba ndicinge ngezinto endingakwazi ukuzenza, ndafunda ukusoloko ndicinga ngezinto ezikhuthazayo.”

Enye indlela akwenza ngayo oku uYanko kukufunda izicatshulwa eziseBhayibhileni. Uthi: “Oku kundenza ndihlale ndicinga ngezinto ezintle. Andikaluncami usukelo lwam lwexesha elide, kodwa okwangoku ndizibekele usukelo ekulula ukulufikelela. Xa ndifikelwa ziingcinga ezityhafisayo, ndiye ndicinge ngezizathu ezininzi zokuba ndivuye.”

NjengoYanko, usenokuzoyisa iingcinga ezingakhiyo uze ucinge ngezinto ezintle. Ukuba ukwimeko embi—mhlawumbi ingxaki yempilo, njengoYanko—zibuze: ‘Ngaba alikho nyhani ithemba? Ngaba kuphelile ngam, okanye ngumqobo nje lo?’ Funda ukulwa iingcinga ezimbi ngokucinga ngezinto ezakhayo.

3 NCEDA ABANYE

IBHAYIBHILE ITHI: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.

ITHETHA UKUTHINI?: Umntu ophayo uvuya ngakumbi. Ngoba? Kaloku sidalwe ngohlobo lokuba singaneli nje ukuhoya iintswelo zethu. (Filipi 2:3, 4; 1 Yohane 4:11) Ukuvuyiswa kukupha kunokusenza sikwazi ukumelana neengxaki zobomi.

UMZEKELO: UJosué unesiphene esichaphazela umqolo wakhe. Udla ngokuphathwa ziintlungu. Kodwa uJosué akazibekanga phantsi kwaye unceda abanye. Uthi: “Kunokuba ndithi, ‘Andizukwazi ukwenza laa nto,’ ndiye ndikhangele amathuba okunceda abantu ngezinto abazifuna imihla ngemihla. Ndifumana iindlela zokunceda abantu, ibe loo nto iyandivuyisa.”

OKO UNOKUKWENZA

Khangela amathuba okuzincama. Ngokomzekelo, ngaba awunakuphekela ummelwane ogulayo isidlo? Ngaba akukho mntu ukhulileyo onokumnceda ngemisetyenzana yasendlwini?

Yikhathalele indlela ocinga ngayo kanye ngendlela obuya kwenza ngayo ngegadi yakho. Zincothule neengcambu iingcinga ezingakhiyo. Hlwayela imbewu yethemba, uze uchumise ubomi bakho ngezenzo ezikwenza uvuye. Uya kuvuna isivuno esenza ubomi bakho bube nomvuzo. Ibe siya kuyingqina into yokuba iingcinga zakho zenza umahluko!

Ngenxa yokukhathalela impilo yabo, abanye abantu bafunde ukungazityi izinto ezithile; nawe ungenza okufanayo kwiingcinga ezingakhiyo