Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ukubulela

Ukubulela

Abantu abaninzi bayangqina ukuba ukubulela kunceda kwizinto ezininzi—emzimbeni, engqondweni nakwindlela umntu aziva ngayo. Wonke umntu ufanele azimisele ukubulela ngalo lonke ixesha.

Ukubulela kukunceda njani uhlale usempilweni?

OKUTHETHWA NGOOGQIRHA

Ngokutsho kwenqaku elikwiHarvard Mental Health Letter, “ukubulela kusoloko kudityaniswa nokonwaba. Kunceda abantu bavuye, babe namava amnandi, impilo yabo ibe ngcono, bakwazi ukujongana neenzima baze bahlalisane kakuhle nabanye.”

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ithi masisebenzele ukuba sikwazi ukubulela. Umpostile uPawulos owasimisela umzekelo wokubulela wabhala wenjenje: “Hlalani ninombulelo.” Ngokomzekelo, zange ‘ayeke ukubulela uThixo’ ngenxa yokuba abantu bevuya xa encokola nabo ngeLizwi likaThixo. (Kolose 3:15; 1 Tesalonika 2:13) Ukonwaba okungapheliyo akubangelwa kukubulela nje udlulis’ usana kunina, kodwa kubangelwa ngu-enkosi osuk’ entliziyweni. Kwelinye icala, ukubulela ngokusuk’ entliziweni kuyasikhusela ekubeni sizingomb’ izifuba sisithi lilungelo lam, ekubeni nomona nakwinzondo. Kaloku ezi zinto zinokubabhekelisa kude abantu kuthi okanye zisenze singonwabi.

UMdali wethu usimisele umzekelo wokubulela. Ubulela nabantu abasithi abaluthuli! AmaHebhere 6:10 athi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” Kuye, ukungakwazi ukuthi enkosi ayibobulungisa.

“Hlalani ninemihlali. Ezintweni zonke bulelani.”1 Tesalonika 5:16, 18.

Ukubulela kuyiphucula njani indlela esihlalisana ngayo nabanye?

OKUBONISWA NGAMAVA

Xa sibulela ngokusuk’ entliziyweni—nokuba kuxa siphiwe into, kuthethwe amazwi amnandi okanye sincediwe—senza loo mntu azive exabisekile. Kwanabantu esingabaziyo bayavuya xa sibabulela ngokusuk’ entliziyweni ngento entle abasenzele yona, mhlawumbi besibambele ucango ukuze singene.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

UYesu Kristu wathi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo.” (Luka 6:38) Khawuve la mava kaRose, intombazana engevayo ehlala eVanuatu, isiqithi esikuMzantsi Pasifiki.

URose wayesiya kwibandla lamaNgqina kaYehova kodwa engafumani ncedo lungako kuba kwakungekho mntu uyaziyo intetho yezandla kwelo bandla. Naye wayengayazi. Kwafika indoda nomfazi abatshatileyo ababeziincutshe ekutolikeni intetho yezandla baza bayibona ingxaki awayekuyo uRose. Baqalisa ukufundisa intetho yezandla. URose wayengazi nokuba makababulele njani. Wathi: “Ndiyakuvuyela ukuba nabahlobo abaninzi kangaka abandithandayo.” Xa abafundisi babo bentetho yezandla bebona indlela anombulelo ngayo nendlela aphendula ngayo ebandleni, baziva befumene umvuzo omkhulu ngomsebenzi wabo. URose uxabisa nemigudu eyenziwe ngabanye abasebandleni befunda intetho yezandla ukuze bakwazi ukuthetha naye.IZenzo 20:35.

‘Lowo unikela umbulelo njengombingelelo wakhe nguye ozukisa uThixo.’INdumiso 50:23.

Unokwenza ntoni ukuze ukwazi ukubulela ngeentliziyo yonke?

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Indlela esiziva ngayo inento yokwenza nendlela esicinga ngayo. Umbhali weBhayibhile uDavide wathandaza kuThixo wathi: “Ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho; ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa ngomsebenzi wezandla zakho.” (INdumiso 143:5) UDavide wayengaphazamisekanga engqondweni okanye engumntu ocing’ enze. Umbulelo awayenawo wawubangelwa kukusoloko ecinga ngeendlela zikaThixo, nto leyo awayenza ubomi bakhe bonke.INdumiso 71:5, 17.

Nali icebiso esilinikwa yiBhayibhile: ‘Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, ezithandekayo, ekuthethwa kakuhle ngazo, ezinesidima, nezincomekayo.’ (Filipi 4:8) Ibinzana elithi “hlalani nicinga” libonisa indlela ekufuneka sicingisise nzulu ngayo, nto leyo eya kusinceda sikwazi ukuthi enkosi. 

‘Ukucamngca kwentliziyo yam kuya kuba kokwezinto zokuqonda.’INdumiso 49:3.