Yiya kwinkcazelo

Ngamagama Oobani Abhalwe ‘Encwadini Yobomi’?

Ngamagama Oobani Abhalwe ‘Encwadini Yobomi’?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 ‘Incwadi yobomi’ ekwabizwa ngokuba ‘ngumsongo wobomi’ okanye “incwadi yokukhumbuza” inamagama abantu abanethemba lokuphila ngonaphakade. (ISityhilelo 3:5; 20:12; Malaki 3:16) UThixo uwakhetha la magama ngendlela umntu amthobela ngayo.​—Yohane 3:16; 1 Yohane 5:3.

 UThixo uye wagcina mkhonzi ngamnye othembekileyo enkumbulweni yakhe, ngokungathi ubhala amagama abo encwadini, ukususela “ekusekweni kwehlabathi.” (ISityhilelo 17:8) Umntu wokuqala ukubhalwa kwincwadi yobomi yayiyindoda ethembekileyo uAbheli. (Hebhere 11:4) Kule ncwadi akubhalwa njee amagama abantu abangakhathalelwanga, kodwa uYehova ubonisa ukuba “uyabazi abakhe.”​—2 Timoti 2:19; 1 Yohane 4:8.

Ngaba amagama abhalwe ‘encwadini yobomi’ anokucinywa?

 Ewe. UThixo wathi xa wayebhekisa kumaSirayeli angathobeliyo: “Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.” (Eksodus 32:33) Kodwa ukuba sihlala sithobela siya kuhlala sibhaliwe ‘kwincwadi yobomi.’​—ISityhilelo 20:12.