Yiya kwinkcazelo

Yintoni Endinokuyenza Ukuze Ndizenze Kakuhle Izigqibo?

Yintoni Endinokuyenza Ukuze Ndizenze Kakuhle Izigqibo?

Impendulo YeBhayibhile

 IBhayibhile isibonisa into esingayenza ukuze sizenze kakuhle izigqibo. Inokusinceda ‘sifune ubulumko, sifune nokuqonda.’ (IMizekeliso 4:5) Kwezinye iimeko iye isixelele ukuba sesiphi isigqibo esimele sisenze. Kanti kwezinye ivele nje isicebise ngendlela esinokwenza ngayo ukuze senze izigqibo eziza kusinceda.

Kweli nqaku

 Amacebiso anokukunceda wenze isigqibo esilungileyo

  •   Sukukhawuleza wenze isigqibo xa into ibalulekile. IBhayibhile ithi: “Olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.” (IMizekeliso 14:15) Ukuba ukhawuleza wenze isigqibo, usenokungazihoyi izinto ezibalulekileyo. Ziphe ixesha lokucinga kakuhle ngezinto onokuzenza.—1 Tesalonika 5:21.

  •   Izigqibo zakho sukuzenza uqhutywa yindlela oziva ngayo. IBhayibhile ithi asinakusoloko siyithemba intliziyo yethu. (IMizekeliso 28:26; Yeremiya 17:9) Ngokomzekelo, sisenokwenza izigqibo ezirongo xa sicaphukile, sikhathazekile, sityhafile, singakwazi ukuzibamba okanye xa sidinwe kakhulu.—IMizekeliso 24:10; 29:22.

  •   Thandazela ubulumko. (Yakobi 1:5) UThixo uyakuvuyela ukuphendula imithandazo enjalo. NguTata okhathalayo ofuna abantwana bakhe bangazifaki kwiingxaki ezingenamsebenzi. “NguYehova onika ubulumko, emlonyeni wakhe kuphuma ulwazi nokuqonda.” a (IMizekeliso 2:6) Usinika obo bulumko esebenzisa iBhayibhile.—2 Timoti 3:16, 17.

  •   Phanda. Ukuze usenze kakuhle isigqibo, kufuneka usebenzise ulwazi olunokuthenjwa. IBhayibhile ithi, “umntu osisilumko uyamamela aze afunde nakakhulu.” (IMizekeliso 1:5) Unokulufumana phi olo lwazi luthembekileyo?

     Okokuqala, jonga ukuba iBhayibhile ithini ngale nto ucinga ngayo. Kuba umdali wethu eyazi into esiyidingayo, iLizwi lakhe iBhayibhile, linamacebiso anokusinceda. (INdumiso 25:12) IBhayibhile iyasixelela ukuba masenze ntoni kwezinye izigqibo. Ngokomzekelo iye isinike imithetho okanye isiyalele. (Isaya 48:17, 18) Kodwa kwezinye izinto, iBhayibhile ayibeki mthetho ucacileyo. Kodwa isebenzisa imigaqo. Le migaqo inokusinceda senze izigqibo kakuhle, nangona zisenokungafani nezomnye umntu. Ukuze ufumane izibhalo ezinokukunceda, phanda kumanqaku athetha ngeBhayibhile njengalawo aku-jw.org. b

     Ukuze wenze ezinye izigqibo, kusenokufuneka ujonge nezinye iindlela ezinokuthenjwa. Ngokomzekelo, ngaphambi kokuba uthenge into ebiza imali eninzi, uya kube wenza kakuhle xa uqala uphande ngayo, indlela eyenziwe ngayo, yenziwe phi, nokuba uza kwenzani xa imoshakele okanye kufuneka uyijikisile. Kufuneka uqiniseke ukuba loo nto ufuna uyithenga yile uyidingayo.

     IBhayibhile ithi, “amacebo aphelela emoyeni xa kungacetyiswana.” (IMizekeliso 15:22) Ngoko ngaphambi kokuba wenze isigqibo, buza kubantu obathembileyo. Ngokomzekelo, wenza kakuhle xa uqale ubuze ugqirha ngaphambi kokwenza isigqibo ngempilo yakho. (Mateyu 9:12) Kwezinye iimeko, unokuthetha nabantu ekhe yenzeka kubo le nto ufuna ukwenza isigqibo ngayo. Kodwa ukhumbule ukuba isigqibo kufuneka senziwe nguwe, hayi aba bantu uza kube ubuza kubo.—Galati 6:4, 5.

  •   Cinga ngazo zonke iimeko. Usebenzisa ulwazi olufumeneyo xa ubuphanda, bhala phantsi zonke iindlela ocinga ukwenza ngazo, ubhale iindlela oza kuncedakala ngayo nezinto ezinokuba yingxaki. Futhi cinga kakuhle ngezinto ezinokwenzeka xa wenze eso sigqibo. (Duteronomi 32:29) Ngokomzekelo, yintoni eza kwenzeka kuwe, kwintsapho yakho, okanye abanye abantu ngenxa yesigqibo osenzileyo? (IMizekeliso 22:3; Roma 14:19) Ukuba uphendula le mibuzo usebenzisa imigaqo yeBhayibhile, uza kwenza isigqibo sobulumko nesivuyisayo.

  •   Yenza isigqibo. Ngamanye amaxesha sinokungasenzi isigqibo kuba singaqinisekanga. Kodwa ukuba aside sisenze, sinokuphoswa lithuba elihle okanye sizibone sikwimeko esingayithandiyo. Ngamanye amazwi, ukungasenzi isigqibo kubi njengokwenza isigqibo esirongo. IBhayibhile isinceda siyiqonde le nto ngokuyifanisa nokulima. Ithi: “Ogadene nomoya soze atyale mbewu, nogadene namafu soze avune.”—INtshumayeli 11:4, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 Ungalibali ukuba nesona sigqibo ucinga ukuba sihle isenokungabi sesona silungileyo. Kaloku xa sikhethe into, kusenokufuneka sincame enye. Enye into kusenokwenzeka izinto ezingalindelekanga. (INtshumayeli 9:11) Ngoko sebenzisa ulwazi onalo, ukhethe eyona ndlela eza kuphumelela.

 Ngaba ndifanele ndisitshintshe isigqibo endisenzileyo?

 Ezinye izigqibo kunokufuneka zitshintshwe noba zizigqibo ezilungileyo. Kaloku iimeko zakho zinokutshintsha, okanye unokufumanisa ukuba kwenzeka izinto ezingalindelekanga kwisigqibo osenzileyo. Ngoko kunokuba kuhle ukuphinda ucinge ngale nto uze ukhethe enye indlela eza kusebenza.

 Kodwa ke ezinye izigqibo azifanelanga zitshintshwe. (INdumiso 15:4) Ngokomzekelo uThixo ulindele ukuba abantu abatshatileyo bangasitshintshi isithembiso abasenza emtshatweni wabo. c (Malaki 2:16; Mateyu 19:6) Xa kuvela iingxaki emtshatweni, yonke into eyenziwayo ifanele ilungise loo ngxaki, ungapheliswa umtshato.

 Ndinokwenza njani xa ndenze isigqibo endingazukwazi ukusitshintsha?

 Kuthi sonke, libakhona ixesha esiye senze izigqibo ezirongo. (Yakobi 3:2, umbhalo osemazantsi) Sinokude sizisole ibe ke loo nto iqhelekile. (INdumiso 69:5) Ukuba ngamanye amaxesha sikhe sizive ngale ndlela, kungakuhle ukuba loo nto inokusenza singaphindi senze le mpazamo kwakhona! (IMizekeliso 14:9) Kodwa iBhayibhile ithi masingazibek’ ityala kakhulu kuba loo nto ingasityhafisa isenze singacingi kakuhle. (2 Korinte 2:7) d IBhayibhile ithi, “uYehova unenceba ibe uyabavela abantu.” (INdumiso 103:8-13) Ngoko funda kwisigqibo esingalunganga osenzileyo nongazukwazi ukusitshintsha, uze wenze loo nto unokukwazi ukuyenza ukuze uphucule le meko.

a UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.—INdumiso 83:18.

b Xa ufuna ukwenza isigqibo, unokubhala igama laloo nto uyifunayo ku-jw.org. Le webhsayithi inamacebiso athathwe eBhayibhileni, athetha ngezinto ezininzi. Enye into, unokukhangela amagama owafunayo kwindawo ethi “Amagama AseBhayibhilenikwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

c UThixo ufuna abantu abatshatileyo bahlale kunye ubomi babo bonke. Uvumela umntu ukuba adivose aphinde atshate xa umntu atshate naye eziphethe kakubi ngesondo. (Mateyu 19:9) Ukuba uneengxaki zomtshato, iBhayibhile ingakunceda uzilungise ngothando nangobulumko.

d Ukuze wazi nezinye izinto, funda inqaku elithi “Ingandinceda Njani IBhayibhile Xa Ndizibeka Ityala?