Yiya kwinkcazelo

Kuthetha Ukuthini ‘Ukuthanda Iintshaba Zakho’?

Kuthetha Ukuthini ‘Ukuthanda Iintshaba Zakho’?

Impendulo yeBhayibhile

 UYesu wathi kwintshumayelo yakhe eyaziwayo yaseNtabeni: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu.” (Mateyu 5:44; Luka 6:27, 35) Le nto ibonisa ukuba simele sithande nabo bangasithandiyo okanye abasiphatha kakubi.

 UYesu wabonisa ukuba naye uyazithanda iintshaba zakhe ngokuxolela abo babemphethe kakubi. (Luka 23:33, 34) Izinto asifundisa zona ngokuthanda iintshaba zethu ziyavumelana nezinto ezikwiZibhalo zesiHebhere ezidla ngokubizwa ngokuba yiTestamente Endala.—Eksodus 23:4, 5; IMizekeliso 24:17; 25:21.

 “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazela nabo banitshutshisayo.”Mateyu 5:43, 44.

Kweli nqaku

 Kutheni ufanele ubathande abo bakucaphukelayo?

  •   Simele silinganise uThixo. “Unobubele kwabo bangenambulelo nabenzi-bubi.” (Luka 6:35) ‘Wenza ilanga lakhe liphume nakubantu abangalunganga.’—Mateyu 5:45.

  •   Xa umthanda umntu okucaphukelayo, usenokutshintsha. IBhayibhile isicebisa ukuba simphathe kakuhle umntu osicaphukelayo kuba ithi xa sisenza loo nto, siza kube ‘sifumba amalahle phezu kwentloko yakhe.’ (IMize. 25:22) Esi safobe sidla ngokusetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenziwayo xa kutshiswa ilitye ukuze kuphume into exabisekileyo. Ngokufanayo, xa sinobubele emntwini osicaphukelayo, kuba ngathi sinyibilikisa laa msindo wakhe kuze kuvele izinto ezintle kuye.

 Zeziphi iindlela onokubonisa ngazo ukuba uyabathanda abo bakucaphukelayo?

  •   ‘Nibenzele izinto ezintle abo banicaphukelayo.’ (Luka 6:27) IBhayibhile ithi, “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela.” (Roma 12:20) Ungafumana nezinye iindlela zokubonisa umntu okucaphukelayo ukuba uyamthanda ngokusebenzisa owona Mthetho Mkhulu othi: “Baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”—Luka 6:31.

  •   ‘Nibanqwenelele izinto ezintle abo baniqalekisayo.’ (Luka 6:28) Sibonisa ukuba sibanqwenelela izinto ezintle abanye ngokuthetha ngobubele, sibacingela naxa bona bethetha izinto ezimbi kuthi. IBhayibhile ithi sanukumthuka “umntu onithukayo. Kunoko thethani naye kakuhle.” (1 Petros 3:9) Eli cebiso linokusinceda singabacaphukeli abanye.

  •   ‘Nibathandazele nabo banithukayo.’ (Luka 6:28) Ukuba kukho umntu okuthukayo, ungaphindisi “ububi ngobubi.” (Roma 12:17) Endaweni yokuba wenze loo nto, mcelele uxolo kuThixo. (Luka 23:34; IZenzo 7:59, 60) Enye into ongayenza kunokuba uziphindezele kukuyiyekela kuThixo ayilungise ngokwakhe kakuhle.—Levitikus 19:18; Roma 12:19.

 “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibenzela izinto ezintle abo banicaphukelayo, nibanqwenelela izinto ezintle abo baniqalekisayo, nibathandazela nabo banithukayo.”—Luka 6:27, 28.

  •   Yiba ‘nomonde nobubele.’ (1 Korinte 13:4) Xa umpostile uPawulos owayengumKristu wayechaza uthando, wasebenzisa igama lesiGrike elikuMateyu 5:44 nakuLuka 6:27, 35 elithi agape. Olu thando silubonisa nakubantu abasicaphukelayo ngokuba nomonde, ububele, singazijongi njengababhetele okanye sithethe kakubi nabo.

 Uthando lunomonde yaye lunobubele. Uthando alunamona, aluqhayisi, aluziphakamisi, aluziphathi ngokungenambeko, aluzicingeli lona lodwa, alukhawulezi lucaphuke, yaye alunanzondo. Aluzivuyeli izinto ezimbi, kodwa luvuyela inyaniso. Luthwala yonke into, lukholelwa yonke into, luthemba yonke into, lunyamezela yonke into. Uthando alusoze luphele.”1 Korinte 13:4-8.

 Ngaba ufanele uyokulwa nabo bakucaphukelayo emfazweni?

 Hayi, kuba uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangalwi neentshaba zabo. Ngokomzekelo, xa wayebalumkisa ngokuba iYerusalem iza kuhlaselwa, zange athi bamele bahlale baze balwe, kodwa wathi mababaleke. (Luka 21:20, 21) UYesu waphinda wathi kumpostle uPetros: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abalwa ngekrele baza kufa kwangalo.” (Mateyu 26:52) IBhayibhile nembali zibonisa ukuba ngexesha labapostile abalandeli bakaYesu zange baye emfazweni beyokulwa neentshaba zabo. a2 Timoti 2:24.

 Izinto ezibubuxoki ngokuthanda iintshaba zakho

 Ubuxoki: UMthetho kaThixo wawufuna amaSirayeli azicaphukele iintshaba zawo.

 Inyani: UMthetho wawungatsho, kunoko wawuyalela amaSirayeli ukuba athande abamelwane bawo. (Levitikus 19:18) Nangona igama elithi “ummelwane” lalithetha ngabo bonke abanye abantu, amanye amaYuda ayesithi abamelwane abo ngamaYuda kuphela. Ayekholelwa ukuba wonke umntu ongengomYuda lutshaba lwawo ibe ayemele alucaphukele. (Mateyu 5:43, 44) UYesu wawalungisa ngokuwenzela umzekeliso womSamariya olungileyo okanye ongummelwane.—Luka 10:29-37.

 Ubuxoki: Ukuthanda umntu olutshaba lwakho kubonisa ukuba uyazixhasa izinto ezimbi azenzayo.

 Inyani: IBhayibhile ibonisa ukuba ungakwazi ukumthanda umntu nangona ungayithandi into embi ayenzayo. Ngokomzekelo, uYesu wayengafuni nokububona ubundlobongela kodwa wabathandazela abo bambulalayo. (Luka 23:34) Enye into awayeyicaphukela sisono okanye ukungabi namthetho kodwa wancama ubomi bakhe, ebuncamela abantu abanesono.—Yohane 3:16; Roma 6:23.

a Incwadi kaE. W. Barnes ekuthiwa yiThe Rise of Christianity ithi: “Xa sijongisisa inkcazelo esinayo, akukho mKristu waba lijoni, okanye owaqhubeka elilo emva kokuba engumKristu de kwalawula uMarcus Aurelius ngo-161 ukuya kutsho ngo-180 C.E. eRoma.”