Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuziphindezela?

Ithini IBhayibhile Ngokuziphindezela?

Impendulo yeBhayibhile

 Nangona umntu enokuziva ngathi unesizathu sokuziphindezela, kodwa loo nto ayihambisani necebiso leBhayibhile elithi: “Uze ungathi: ‘Ndiza kumenza le nto andenze yona; ndiza kuziphindezela ngalento ayenzileyo.’” (IMizekeliso 24:29) IBhayibhile inamacebiso ancede abantu abaninzi bakwazi ukungaziphindezeli.

Kweli nqaku

 Yintoni embi ngokufuna ukuziphindezela?

 Xa umntu ekuvise kabuhlungu kuqhelekile ukuba ucaphuke uze ufune ukuba naye ohlwaywe. Kodwa ukuziphindezela akuhambisani nento ecetyiswa yiBhayibhile. Ngoba?

 Xa abantu beziphindezela ngokwabo bakhathaza uThixo. EBhayibhileni uYehova a uThixo uthi: “Ndim ophindisayo; ndim obuyekezayo.” (Roma 12:19) IBhayibhile ikhuthaza ukuba bonke abo benziwe izinto ezimbi bazame ukuzilungisa kakuhle kunokuba baziphindezele. (Roma 12:18) Kodwa umntu angathini xa engakwazi ukuyilungisa kakuhle loo ngxaki okanye sele ezame ngamandla akhe onke ukuyilungisa kodwa ayide ilungiseke? IZibhalo zisikhuthaza ukuba sithembe uYehova ukuba uza kuzilungisa zonke izinto ezingahambi kakuhle.—INdumiso 42:10, 11.

 UThixo umohlwaya njani umntu?

 For now, God allows secular authorities to admiOkwangoku uThixo usavumele abantu abasemagunyeni ukuba ibengabo abohlwaya abantu abenza izinto ezimbi. (Roma 13:1-4) Ngexesha elifanelekileyo, uThixo uza kubohlwaya bonke abantu abenza izinto ezimbi aze aziphelise ngonaphakade zonke izinto ezibuhlungu.—Isaya 11:4.

 Ndingenza njani ukuze ndingaziphindezeleli?

  •   Kuphephe ukwenza izinto ungacinganga. (IMizekeliso 17:27) Abantu abenza izinto benomsindo baqhele ukuzisola kamva. Kodwa abantu abacingayo ngaphambi kokwenza nantoni na badla ngokwenza izigqibo ezifanelekileyo.—IMizekeliso 29:11.

  •   Zama ukwazi ukuba kwenzeke ntoni kanye kanye. (IMizekeliso 18:13) Umntu owenziwe into embi umele azibuze ukuba, ‘Ngaba zikhona izinto endingazaziyo ezenze lomntu wenza lento ayenzileyo? Ngaba kukho emstresayo? Okanye ngaba wenze engacinganga?’ Ngamanye amaxesha into enokubonakala ngathi yenziwe ngabom isenokuba ibiyimpazamo.

 Ubuxoki obuthethwayo ngokuziphindezelela

 Ubuxoki: IBhayibhile ithi masiziphindezele xa isithi “ilihlo ngelihlo.”—Levitikus 24:20.

 Inyani: Umthetho owawusithi “ilihlo ngelihlo” kwaSirayeli wawungakhuthazi ukuba abantu baziphindezele. Kunoko lo mthetho wawunceda abagwebi ukuba bagwebe ngendlela efanelekileyo. bDuteronomi 19:15-21.

 Ubuxoki: Ekubeni iBhayibhile isithi asifanelanga siziphindezele, loo nto ithetha ukuba asinakukwazi ukuzimela xa sihlaselwa.

 Inyani: Xa umntu ehlaselwa unokukwazi ukuzimela okanye acele uncedo kwabasemagunyeni. Kodwa iBhayibhile ithi simele siyiphephe ingxabano okanye umlo nanini na sinokukwazi.—IMizekeliso 17:14.

a IBhayibhile isichazela ukuba uYehova ligama likaThixo.

b Ukuze wazi ukuba wawuthetha ukuthini kanye kanye lo mthetho funda inqaku elithi, “Athetha Ukuthini Amazwi Athi ‘Iliso Ngeliso’?