Yiya kwinkcazelo

Ngaba UYesu Wafela Emnqamlezweni?

Ngaba UYesu Wafela Emnqamlezweni?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Abantu abaninzi bawujonga umnqamlezo njengolona phawu ludumileyo lwamaKristu. Noko ke, iBhayibhile ayichazi ngokungqalileyo ukuba uYesu wafela kwinto emile njani, ngoko asinakuqiniseka ncam. Kodwa iBhayibhile inobungqina bokuba uYesu wafela esibondeni kungekhona emnqamlezweni.

 Xa ithetha ngendlela emile ngayo into uYesu awafela kuyo, iBhayibhile isebenzisa igama lesiGrike elithi stau·rosʹ. (Mateyu 27:40; Yohane 19:17) Nangona iinguqulelo zisithi eli gama ‘ngumnqamlezo,’ abaphandi abaninzi bakholelwa ukuba lithetha ‘isibonda.’ a Ngokutsho kwe-A Critical Lexicon and Concordance to the English and Greek New Testament igama elithi stau·rosʹ “alibhekisi kwizibonda ezibini ezidityanisiweyo.”

 IBhayibhile isebenzisa igama lesiGrike elithi xyʹlon njengesithetha-ntonye nelithi stau·rosʹ. (IZenzo 5:30; 1 Petros 2:24) Eli gama lithetha “isibonda,” “iplanga” okanye “umthi.” b IThe Companion Bible ithi: “KwiTestamente Entsha ayikho indawo ethetha ngezibonda ezibini.”

Ngaba ukusebenzisa umnqamlezo xa unqula kwamkelekile kuThixo?

Icrux simplex​—Igama lesiLatin elithetha isibonda okanye umthi ezaxhonywa kuwo izaphuli-mthetho

 Enoba yayimile njani into awafela kuyo uYesu, ezi vesi zeBhayibhile zilandelayo zibonisa ukuba asimele siyisebenzise iminqamlezo ekunquleni.

  1.   UThixo akafuni kunqulwa ngemifanekiso, kuquka umnqamlezo. UThixo wathi kumaSirayeli angasebenzisi “nawuphi na umfuziselo” xa enqula, kwaye namaKristu amele ‘asabe kunqulo-zithixo.’​—Duteronomi 4:15-19; 1 Korinte 10:14.

  2.   AmaKristu okuqala akazange awusebenzise umnqamlezo xa enqula. c Iimfundiso kunye nomzekelo wala maKristu usibonisa indlela esimele sizenze ngayo izinto.​—2 Tesalonika 2:15.

  3.   Ukusetyenziswa komnqamlezo ekunquleni kunemvelaphi yobuhedeni. d Kwiminyaka emininzi emva kokufa kukaYesu, sele iicawa zizishiyile iimfundiso zakhe, amarhamente amatsha “ayevunyelwa ukuba ayigcine imifanekiso nemifuziselo yobuhedeni,” kuquka umnqamlezo. (iThe Expanded Vine’s Expository Dictionary of New Testament Words) Kodwa ke iBhayibhile ayiyikhuthazi into yokwamkelwa kwezinto zobuhedeni ukuze kufumaneke abantu abaza kuguqukela kubuKristu.​—2 Korinte 6:17.

a Funda iNew Bible Dictionary, Third Edition, ehlelwe nguD. R. W. Wood, iphepha 245; iTheological Dictionary of the New Testament, Umqulu VII, iphepha 572; iThe International Standard Bible Encyclopedia, iRevised Edition, Umqulu 1, iphepha 825; neThe Imperial Bible-Dictionary, Umqulu II, iphepha 84.

b Funda iThe Expanded Vine’s Expository Dictionary of New Testament Words, iphepha 1165; iA Greek-English Lexicon, kaLiddell noScott, Ninth Edition, iphepha 1191-1192; neTheological Dictionary of the New Testament, Umqulu V, iphepha 37.

c Funda iEncyclopædia Britannica, 2003, kumxholo othi “Cross”; iThe Cross—Its History and Symbolism, iphepha 40; neThe Companion Bible, iOxford University Press, isihlomelo 162, iphepha 186.

d Funda iThe Encyclopedia of Religion, Umqulu 4, iphepha 165; iThe Encyclopedia Americana, Umqulu 8, iphepha 246; neSymbols Around Us, iphepha 205-207.