Yiya kwinkcazelo

Kutheni Ningawusebenzisi Umnqamlezo?

Kutheni Ningawusebenzisi Umnqamlezo?

Abantu abaninzi bawujonga umnqamlezo njengophawu lwamaKristu. Nangona amaNgqina kaYehova engamaKristu, kodwa akawusebenzisi umnqamlezo. Ngoba?

Esinye isizathu kukuba, iBhayibhile ithi, uYesu akazange afele emnqamlezweni kodwa wafela esibondeni. Okunye kukuba, iBhayibhile ilumkisa amaKristu ukuba ‘asabe kunqulo-zithixo.’​—1 Korinte 10:14; 1 Yohane 5:21.

UYesu wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:34, 35) Ngala mazwi, uYesu wabonisa ukuba eyona nto ibonisa amaKristu okwenene ayingomnqamlezo kodwa luthando.