Yiya kwinkcazelo

Ngaba Sifanele Sinqule Imifanekiso?

Ngaba Sifanele Sinqule Imifanekiso?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Akunjalo. Ichaza imigaqo uThixo awayinika amaSirayeli, iNew Catholic Encyclopedia ithi: “Iingxelo ezininzi eziseBhayibhileni zibonisa ukuba yayingasetyenziswa imifanekiso kunqulo lokwenyaniso.” Makhe sihlole ezi vesi zeBhayibhile:

  •   “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni, kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.” (Eksodus 20:4, 5) Ekubeni uThixo efuna “uzinikelo olupheleleyo,” akakholiswa sithi ukuba simnqula sisebenzisa imifanekiso, izithixo, izitatyu okanye imiqondiso.

  •   “Andizi kuvumela izitatyu zithathe uzuko olufanele lunikwe mna.” (Isaya 42:8, iEasy-to-Read Version) UThixo uyakugatya ukunqulwa kusetyenziswa imifanekiso. Xa amanye amaSirayeli azama ukumnqula esebenzisa isitatyu sethole lenkomo, uThixo wathi benze “isono esinzulu.”​—Eksodus 32:7-9, iEasy-to-Read Version.

  •   “Sifanele singacingi ukuba Lowo Ungokobuthixo unjengegolide okanye isilivere okanye ilitye, njengento eqingqwe ngobugcisa nokuyila komntu.” (IZenzo 17:29) Ngokwahlukileyo nonqulo lobuxoki oludla ngokusebenzisa imifanekiso “eqingqwe ngobugcisa nokuyila komntu” amaKristu afanele ‘ahambe ngokholo, kungekhona ngokubona’ njengoko iBhayibhile isitsho.​—2 Korinte 5:7.

  •   “Zilindeni kuzo izithixo.” (1 Yohane 5:21) Kwimithetho eyanikwa uhlanga lakwaSirayeli namaKristu, iBhayibhile itsho ngokuphindaphindiweyo ukuba uThixo akayixhasi imfundiso yokusetyenziswa kwemifanekiso elunqulweni.