Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Esenza ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Ngokwahlukileyo Kwezinye Iinkonzo?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Esenza ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa Ngokwahlukileyo Kwezinye Iinkonzo?

Sinamathela koko kuthethwa yiBhayibhile xa sisenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, esaziwa ngokuba “sisidlo seNkosi,” iSidlo Sokugqibela, okanye iSikhumbuzo sokufa kukaYesu. (1 Korinte 11:20; King James Version) Ngokwahlukileyo, iinkolelo ezininzi nezinto ezenziwa zezinye iicawa xa kukhunjulwa ukufa kukaYesu, azisekelwanga eBhayibhileni.

Injongo

Injongo yeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa kukukhumbula uYesu, ngaloo ndlela sibonisa umbulelo ngokusifela kwakhe. (Mateyu 20:28; 1 Korinte 11:24) Esi Sikhumbuzo asingomthendeleko okanye isithethe sonqulo esenzelwa ukubonakaliswa kwenceba okanye ukuxolelwa kwezono. a IBhayibhile ifundisa ukuba izono zethu zinokuxolelwa kuphela ngokuba nokholo kuYesu kungekhona ngokwenza isithethe sonqulo.—Roma 3:25; 1 Yohane 2:1, 2.

Simele senziwe kangaphi?

UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe kodwa akazange atsho ukuba basenze kangaphi esi Sikhumbuzo. (Luka 22:19) Abanye bavakalelwa kukuba simele senziwe nyanga nganye, kanti abanye basenza ngeveki, ngosuku, kaliqela ngosuku, okanye nanini na umntu efuna. b Kodwa ke, nazi izinto esimele siziqaphele.

UYesu wasungula iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa ngePasika yamaYuda, waza kamva wafa kwangolo suku. (Mateyu 26:1, 2) Loo nto yayingenzekanga ngamabona-ndenzile. IZibhalo zifanisa idini likaYesu nelemvana yePasika. (1 Korinte 5:7, 8) IPasika yayisenziwa kanye ngonyaka. (Eksodus 12:1-6; Levitikus 23:5) Ngokufanayo, iSikhumbuzo sokufa kukaYesu sasisenziwa kanye ngonyaka ngamaKristu okuqala, c kwaye amaNgqina kaYehova alandela loo mzekelo useBhayibhileni.

Umhla nexesha

Umzekelo owamiselwa nguYesu usinceda singazi nje izihlandlo, kodwa umhla nexesha leSikhumbuzo. Wasisungula emva kokutshona kwelanga ngoNisan 14, 33 C.E., ngokwekhalenda yeBhayibhile yamaYuda. (Mateyu 26:18-20, 26) Nathi nyaka ngamnye sisenza ngalo mhla iSikhumbuzo, silandela umzekelo wamaKristu okuqala. d

Nangona uNisan 14, 33 C.E. wayengoLwesihlanu, kodwa ngoku lo mhla usenokuba ngosuku olwahlukileyo nyaka ngamnye. Ukuze sikwazi ukuba luluphi usuku olungqamana noNisan 14 nyaka ngamnye, sisebenzisa indlela eyayisetyenziswa ngemihla kaYesu, kunokuba silandele ikhalenda yamaYuda yale mihla. e

Isonka newayini

Xa wayesungula iSikhumbuzo, uYesu wasebenzisa isonka esingenagwele newayini ebomvu ezazishiyeke kwisidlo sePasika. (Mateyu 26:26-28) Nathi sisebenzisa isonka esingenagwele nesingafakwanga ezinye izinto, newayini ebomvu engaxutywanga nanto, kungekhona isiselo seediliya okanye iwayini evangiweyo.

Ezinye iicawa zisebenzisa isonka esinegwele, kodwa eBhayibhileni igwele lidla ngokufuzisela isono okanye ukonakala. (Luka 12:1; 1 Korinte 5:6-8; Galati 5:7-9) Ngoko, sisonka esingenagwele kuphela esinokufuzisela umzimba kaKristu ongenasono. (1 Petros 2:22) Enye into engaxhaswayo yiBhayibhile kukusebenzisa isiselo seediliya endaweni yewayini. Ezinye iinkonzo zikwenza oku kuba zikwalela ukuselwa kotywala, nto leyo engaxhaswayo ziZibhalo.—1 Timoti 5:23.

Yimifuziselo, kungekhona inyama negazi lokoqobo

Isonka esingenagwele newayini ebomvu ezihanjiswayo eSikhumbuzweni zifuzisela inyama negazi likaKristu. Azijiki ngokungummangaliso zibe yinyama negazi lakhe lokoqobo okanye zixutywe nazo njengoko abanye becinga njalo. Nazi iZibhalo ezisenza sitsho.

  • Ukuba uYesu wayeyalele abafundi bakhe ukuba basele igazi lakhe, oko kwakuya kuthetha ukuba wayebakhuthaza ukuba baphule umthetho kaThixo wokungaliseli igazi. (Genesis 9:4; IZenzo 15:28, 29) UYesu wayengenakuyalela ukuba kwaphulwe umthetho kaThixo ophathelele ubungcwele begazi.—Yohane 8:28, 29.

  • Ukuba abapostile balisela nyhani igazi likaYesu, ngewayengazange athi igazi lakhe ‘liza kuphalala,’ ebonisa ukuba laliseza ixesha lokuba anikelwe njengedini.—Mateyu 26:28.

  • Idini likaYesu lenziwa “kwaba kanye.” (Hebhere 9:25, 26) Kodwa ke, ukuba isonka newayini zazijikwe zaba yinyama negazi lakhe ngeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, abo bathabathayo bebeya kuba bayaliphinda idini lakhe.

  • UYesu wathi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula,” kungekhona ukuze nindenze idini.1 Korinte 11:24.

Abo bakholelwa ukuba isonka newayini zijika zibe ngumzimba negazi likaYesu lokoqobo, bayisekela kumazwi akwiivesi ezithile zeBhayibhile le mfundiso yabo. Ngokomzekelo, iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile zithi uYesu wathi ngewayini: “Eli ligazi lam.” (Mateyu 26:28) Kodwa ke, amazwi kaYesu anokuguqulelwa ngokuthi: “Oku kuthetha igazi lam,” “Oku kumela igazi lam,” okanye “Oku kufuzisela igazi lam.” f Njengoko wayedla ngokwenza, uYesu wayefundisa ngezifaniso.—Mateyu 13:34, 35.

Ngoobani abafanele bathabathe?

Xa amaNgqina kaYehova esenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, bambalwa kuthi abathabathayo kwisonka newayini. Kutheni kunjalo nje?

Igazi likaYesu elaphalalayo lasungula “umnqophiso omtsha” lithabathela indawo umnqophiso owawuphakathi kukaYehova uThixo noSirayeli wamandulo. (Hebhere 8:10-13) Ngabo bakumnqophiso omtsha kuphela abathabathayo kwimifuziselo yeSikhumbuzo. Asingawo onke amaKristu aqukiweyo, kodwa kuphela ‘ngabo babiziweyo’ nguThixo ngendlela ekhethekileyo. (Hebhere 9:15; Luka 22:20) Aba baza kulawula noKristu ezulwini, ibe iBhayibhile ithi ngabantu abayi-144 000 kuphela abafumana elo lungelo.—Luka 22:28-30; ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3.

Ngokwahlukileyo ‘kumhlambi omncinane’ wabo babizelwe ukulawula noKristu, uninzi lwethu lunethemba lokuba yinxalenye ‘yesihlwele esikhulu’ esiza kuphila emhlabeni ngonaphakade. (Luka 12:32; ISityhilelo 7:9, 10) Ngoxa abanye bethu abanethemba lokuphila emhlabeni bengathabathi kwimifuziselo eSikhumbuzweni, ubukho bethu bubonisa ukuba sinombulelo kuYesu ngokusifela kwakhe.—1 Yohane 2:2.

a ICyclopedia kaMcClintock noStrong, uMqulu IX, iphepha 212, ithi: “Igama elithi isakramente aliveli kwiT[estamente] E[ntsha]; nelesiGrike elithi μυστήριον [my·steʹri·on] alisetyenziswa ukubhekisela kubhaptizo, kwisidlo seNkosi okanye nakwesiphi na isikhumbuzo.”

b Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzisa igama elithi “ngamaxesha onke” xa zithetha ngeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, ngenxa yoku abanye bathi sinokwenziwa naninina. Kodwa ke, ngokusuka kulwimi lwantlandlolo eli gama lifanele liqondwe ngokomongo walo othi “ngelo xesha” okanye “ngexesha ngalinye.”—1 Korinte 11:25, 26; New International Version; Good News Translation.

c Jonga iThe New Schaff-Herzog Encyclopedia of Religious Knowledge, uMqulu IV, iphepha 43-44, neCyclopedia kaMcClintock noStrong, uMqulu VIII, iphepha 836.

d Jonga iThe New Cambridge History of the Bible, uMqulu 1, iphepha 841.

e Ngokwekhalenda yanamhlanje yamaYuda inyanga kaNisan iqala xa inyanga ithwasa, kodwa le ndlela yayingasetyenziswa ngexesha likaYesu. Kunoko, inyanga yayiqala xa inyanga ibonakala okokuqala eYerusalem, loo nto isenzeka kusuku okanye kwiintsuku emva kokuba ithwasile. Esi sisizathu sokuba umhla amaNgqina kaYehova enza ngawo iSikhumbuzo ungasoloko ungqamana nomhla amaYuda anamhlanje enza ngawo iPasika.

f Funda INguqulelo Entsha yeBhayibhile kaJames Moffatt; neThe New Testament—A Translation in the Language of the People, kaCharles B. Williams; kunye neThe Original New Testament, kaHugh J. Schonfield.