Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokutofela Igazi?

Ithini IBhayibhile Ngokutofela Igazi?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile ithi masingalityi igazi. Ngoko asifanele silamkela igazi okanye iincindi zalo eziphambili, enoba sizinikwa zikuhlobo lokutya okanye ziyatofelwa. Phawula ezi zibhalo zilandelayo:

  • Genesis 9:4. Emva koMkhukula uThixo wavumela uNowa nentsapho yakhe ukuba batye inyama yezilwanyana kodwa wabayalela ukuba bangalityi igazi lazo. UThixo wathi kuNowa: “Kuphela yinyama enomphefumlo wayo—igazi layo—eningamele niyidle.” Lo myalelo usebenza kubo bonke abantu ababephila ukususela ngoko ukuza kuthi ga ngoku kuba bonke bayinzala kaNowa.

  • Levitikus 17:14.Nize ningalidli igazi lalo naluphi na uhlobo lwenyama, kuba umphefumlo wohlobo lonke lwenyama ligazi layo. Nabani na olidlayo wonqunyulwa.” UThixo uthi umphefumlo okanye ubomi busegazini yaye bobakhe. Nangona lo mthetho wawunikwe uhlanga lakwaSirayeli kuphela, ubonisa ukuba kuThixo ukutya igazi yinto enzulu angayifuniyo.

  • IZenzo 15:20. ‘Khwebukani egazini.’ UThixo wanika amaKristu umyalelo ofana nalowo wawunika uNowa. Imbali ibonisa ukuba amaKristu enkulungwane yokuqala ala ukutya igazi nokulusebenzisela ukunyanga.

Kutheni uThixo esiyalela ukuba sizikhwebule egazini?

Kukho izizathu ezibalulekileyo ezibangela ukuba singakwamkeli ukutofelwa igazi. Noko ke, esona sibaluleke kakhulu sesokuba uThixo usiyalele ukuba sizikhwebule egazini kuba lingcwele kuye.—Levitikus 17:11; Kolose 1:20.