Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Iphonografi—Iyingozi Okanye Akunjalo?

Iphonografi—Iyingozi Okanye Akunjalo?

Ihlabathi lonke namhlanje lithe swii yiphonografi. * Ifumaneka kwiintengiso, kwifashoni, kwiimuvi, kumculo, kwiimagazini, kumabonwakude, kwimidlalo yevidiyo, iifowuni zala maxesha, kunye neeWebhsayithi zokuncokola. Iphonografi ixhaphake kakhulu kule mihla siphila kuyo. Abantu abangakumbi babukela iphonografi kunanini na ngaphambili.—Funda ibhokisi ethi  “Izibakala Ngephonografi.”

Iphonografi iyatshintsha. Unjingalwazi uGail Dines uthi: “Imifanekiso esiyibonayo namhlanje iyothusa kakhulu kangangokuba oko kwakusithiwa ngamanyala kudala yinto nje eqhelekileyo kwezi ntsuku.”

Uwujonga njani lo mkhwa? Ngaba iphonografi yinto nje yokuzonwabisa okanye iyingozi? UYesu wathi: “Wonke umthi olungileyo uvelisa isiqhamo esihle, kodwa wonke umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esingento yanto.” (Mateyu 7:17) Iphonografi ivelisa siphi isiqhamo? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sihlole imibuzo embalwa ngayo.

 Iphonografi yenza ntoni emntwini?

OKO KUTHETHWA ZIINGCALI: Iphonografi ayiyekeki, ezinye iingcali zide ziyifanise nesiyobisi esiyicrack cocaine.

URob, * owayengakwazi ukohlukana nephonografi uthi: “Kwakungekho nto inokundinqanda. Kwakungathi ndikweliny’ ilizwe. Ndandingcangcazela kude kube buhlungu nentloko le. Kwakunzima ukuyiyeka.”

Abantu abazonwabisa ngephonografi badla ngokuwufihla lo mkhwa. Akothusi ukwazi ukuba abaninzi bayahlazeka, badandatheke, babe nemisindo engalawulekiyo okanye babe ngamalolo. Ngamanye amaxesha bade bafune nokuzicim’ igama. UXolile, owayebukela amanyala ngefowuni uthi, “Ndandisiba neentloni ndityhafe, ndizive ndinetyala ndihlazekile kwaye ndisoyika nokufuna uncedo.”

Nokuba umntu uthe wayibona kancinane okanye wayithi krwaqu ngempazamo iphonografi, inganemiphumo ebuhlungu. Ethetha kwenye ikomiti yaseburhulumenteni eMerika, uGqirha uJudith Reisman ophambili ekufundeni ngemiphumo iphonografi enayo ebantwini wathi: “Imifanekiso yamanyala iyayitshintsha ingqondo, ihlale kuyo, kwaye loo nto ibangela iiseli zengqondo zingakwazi ukuyikhupha enkumbulweni.” UNondwe, ona-19 nowayebukela iiWebhsayithi zamanyala ubalisa athi: “Le mifanekiso ayiphumi tu engqondweni. Isuke ithi gqi, ndijongile nje andiqondi ukuba ndingaze ndikwazi ukuyicima.”

ISIBAKALA: Iphonografi iyabakhobokisa abantu.2 Petros 2:19.

Iphonografi izonakalisa njani iintsapho?

OKO KUTHETHWA ZIINGCALI: “Izibini kunye neentsapho ziyaqhekeka ngenxa yephonografi.”—IThe Porn Trap, by Wendy and Larry Maltz.

Iphonografi izonakalisa ngolu hlobo iintsapho:

  • Kuye kungathenjwana emitshatweni, luphele nothando.IMizekeliso 2:12-17.

  • Yenza umntu angabacingeli abanye, kwaye isibini singahlalisani kamnandi.Efese 5:28, 29.

  • Yenza lowo uyibukeleyo afune ukwenza izimanga nezinto ezothusayo.2 Petros 2:14.

  • Yenza abo bayibukelayo ukuba bafune ukwenza izinto ezonyanyekayo nezingcolileyo kumaqabane abo.Efese 5:3, 4.

  • Yenza elinye iqabane lingathembeki.Mateyu 5:28.

IBhayibhile ithi abantu abatshatileyo mabangaphathani “ngobuqhophololo.” (Malaki 2:16) Obu buqhophololo bubhekisela kukungathembani, kwaye bukhokelela kuqhawulo mtshato. Nabantwana baye bangonwabi kumtshato onjalo.

Kukho nezinye iindlela abachaphazeleka ngayo abantwana yiphonografi. URob ekuthethwe ngaye ngaphambidlana ubalisa athi: “Xa ndandineminyaka elishumi, sasidlala undize, ndabhaqa imagazini katata enemifanekiso engamanyala. Ndaqalisa ukuyibukela emfihlekweni. Andizange ndiyeke de ndamdala.” Uhlolisiso lubonisa ukuba iphonografi inokubangela ukuba abafikisayo balalane besebancinci, abanye babe ngoodlalani, bahlukumeze abanye kwaye baphazamiseke nasengqondweni.

ISIBAKALA: Iphonografi ityhefa imitshato kwaye ingunozala weentlungu.IMizekeliso 6:27.

 Ithini yona iBhayibhile ngephonografi?

ITHI: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenza­kalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.”Kolose 3:5.

Izicacele into yokuba uYehova * uThixo uyayicaphukela iphonografi. Oku akuthethi ukuba akafuni abantu babe nazo iintlobano zesini. Wazidala ukuze abantu ababini abatshatileyo bazonwabise ngazo, basondelelane ngakumbi baze bakwazi nokuzala abantwana.Yakobi 1:17.

Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova akayithandi iphonografi? Nazi ezinye izizathu.

  • Uyazi ukuba iphonografi iyabumosha ubomi babantu.Efese 4:17-19.

  • Uyasithanda kwaye ufuna ukusikhusela kwizinto eziyingozi.Isaya 48:17, 18.

  • UYehova ufuna ukukhusela imitshato kunye neentsapho.Mateyu 19:4-6.

  • Ufuna siziphathe kakuhle kwaye siwahlonele amalungelo abanye.1 Tesalonika 4:3-6.

  • Ufuna siwahlonele amandla esinawo enzala kwaye ufuna siwasebenzise ngendlela enesidima.Hebhere 13:4.

  • UYehova uyayazi ukuba iphonografi ibonisa indlela uSathana azijija ngayo izinto.Genesis 6:2; Yude 6, 7.

ISIBAKALA: Iphonografi iyabonakalisa ubuhlobo esinabo noThixo.Roma 1:24.

UYehova uyabavela kwaye ufuna ukubanceda abo babanjwe ngulo mkhwa. IBhayibhile ithi: “UYehova unenceba nobabalo, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando obuninzi. Kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:8, 14) Umemela kuye bonke abathobekileyo ukuba ‘bazuze inceba, bafumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.’Hebhere 4:16; funda ibhokisi ethi  “Ukohlukana Nomkhwa Wephonografi.”

Baninzi abantu abaye balwamkela uncedo lukaThixo. Ngaba luyanceda? Khawuve oko iBhayibhile ekuthethayo ngabantu abaye bakwazi ukoyisa imikhwa emibi: “Niye nahlambuluka, . . . niye nangcwaliswa. . . niye navakaliswa ningamalungisa egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu.” (1 Korinte 6:11) Njengompostile uPawulos, aba bathobekileyo nabo banokuthi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”Filipi 4:13.

UNondwe ekuthethwe ngaye ngaphambidlana uthi: “NguYehova yedwa onokukunceda ubuyele endleleni efanelekileyo. Ukuba ucela uncedo nokhokelo lwakhe, ungaphinda ube ngumhlobo wakhe. Akasoze akuyekele.”

^ isiqe. 3 Igama elithi “phonografi” lithetha nantoni na engamanyala eyenzelwe ukuvuselela iimvakalelo zesini zomntu oyibukeleyo, oyifundayo okanye oyimameleyo. Isenokuba yimifanekiso, incwadi okanye into erekhodiweyo.

^ isiqe. 8 Amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 25 UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.