Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayabagxotha Abantu Ababekade Bekhonza Nawo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayabagxotha Abantu Ababekade Bekhonza Nawo?

Abantu ababebhaptiziwe baba ngamaNgqina kaYehova kodwa bayeka ukushumayela, mhlawumbi bada bayeka ukuba kunye namanye amaNgqina, abagxothwa. Side sizame ukubacenga ukuba baphinde babuyele kuthi.

Asisuki nje simgxothe umntu owenze isono esinzulu. Noko ke, ukuba iNgqina elibhaptiziweyo liyaqhubeka lisophula imithetho yeBhayibhile lize lingaguquki, liza kugxothwa okanye asuswe ebandleni. IBhayibhile ithi: “Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.”—1 Korinte 5:13.

Kuthekani ukuba kukho indoda esusiweyo kodwa umfazi nabantwana bayo basengamaNgqina kaYehova? Nangona bengasadityaniswa lunqulo, baseyintsapho. Ubomi bentsapho buza kuqhubeka.

Abantu abasusiweyo bavumelekile ukuza enkonzweni yethu. KUkuba bayafuna, basenokude bafumane amacebiso kubadala bebandla. Injongo kukuba lo mntu ancedwe ukuba abe liNgqina likaYehova kwakhona. Abantu abasusiweyo abayekayo ukwenza izinto ezimbi baze babonise ukuba bafuna ukuphila ngemithetho yeBhayibhile bayamkelwa ukuba baphinde babengamalungu ebandla.