Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Ukuqhankqalaza Kusisicombululo?

Ngaba Ukuqhankqalaza Kusisicombululo?

AmaNgqina kaYehova abapapashi bale magazini, akathathi cala kwezopolitiko. (Yohane 17:16; 18:36) Nangona eli nqaku liza kuthetha ngeziganeko ezithile zoqhankqalazo, alixhasi uhlanga okanye iqela elithile lezopolitiko.

NGODISEMBA 17, 2010, uMohamed Bouazizi wadikwa yeyokosa. Lo mfana waseTunisia owayeneminyaka eziyi-26 nowayeziphilisa ngokuthengisa esitratweni, wacatshukiswa kukungafumani msebenzi obhetele. Kwakhona, wayesazi ukuba abasemagunyeni bafuna ukunyotywa. Ngaloo ntsasa, amapolisa ohlutha amapere, iibhanana kunye nama-apile awayethengiswa ngulo mfana. Xa amapolisa ezama ukuhlutha isikali sakhe, uMohamed wala; ibe abantu abazibonelayo bathi elinye ipolisakazi lamfak’ impama.

UMohamed owayeziva ethotywe isidima yaye evutha ngumsindo, waya kumangala kwenye iofisi karhulumente, kodwa ke akwabikho mntu umphulaphulayo. Kuthiwa wema phambi kwaloo ofisi waza wakhwaza esithi, “Nicinga ukuba ndiza kuyondla njani intsapho yam?” ­Emva kokuzigalela ngamafutha athile, wazitshisa. Kwiiveki ezintathu emva koko, wafa.

Le nto yenziwa nguMohamed Bouazizi yaba nefuthe elikhulu, hayi kubantu baseTunisia nje kuphela kodwa nangaphaya kwemida yelo lizwe. Abaninzi bathi le nto yenziwa leli tyendyana yavus’ umnyele wombhodamo owakhokelela ekubhukuqweni korhulumente welo kunye noqhankqalazo olwanwenwela nakwamanye amazwe ama-Arabhu. Ngo-2011 iPalamente YaseYurophu yajizeka lo kaBouazizi nabanye abane ngewonga elinikwa abantu abaye baba negalelo elibonakalayo ekulweleni amalungelo abantu, nelibizwa ngokuba yiSakharov Prize for ­Freedom of Thought, kwaye iphephandaba laseLondon ekuthiwa yiThe Times lamjizeka ngewonga lokuba ngoyena mntu ubalaseleyo kunyaka wowama-2011.

Lo mzekelo ubonisa ukuba ukuqhankqalaza kunamandla. Kodwa yintoni oyena nobangela woqhankqalazo? Ngaba lukuphela kwesicombululo?

 Kutheni Luxhaphake Kangaka Uqhankqalazo?

Uqhankqalazo oluninzi lubangelwa zezi zizathu zilandelayo:

  • Ukungayithandi indlela ekulawulwa ngayo. Xa urhulumente esebenza kakuhle kwaye nemeko yezoqoqosho intle, abantu abafane baqhankqalaze—kuba bayakwazi ukucombulula iingxaki zabo ngokusemthethweni. Kwelinye icala, kuye kuqhum’ udushe xa abantu bebona ngathi iziphathi-mandla zikarhulumente zinobuqhophololo kwaye zinedolo kwindlela ezilawula ngayo.

  • Unobangela. Kudla ngokwenzeka into ethile eyenza abantu babone ukuba ukusong’ izandla akuzukubanceda nganto. Ngokomzekelo, ukuzibulala kukaMohamed Bouazizi kwabangela ukuba abantu baseTunisia baqhankqalaze. Emva kokuba uAnna Hazare waseIndiya ezile ukutya kuba ekhalazela ubuqhophololo, abalandeli bakhe abakwizixeko ezingama-450 bamthelela kolo qhankqalazo.

IBhayibhile yayithetha kudala into yokuba, “siphila kwihlabathi apho iingcungcu ezinegunya zibatsalisa nzima abanye.” (INtshumayeli 8:9, iGood News Translation) Ubuqhophololo nengcinezelo zande kakhulu namhlanje kunokuba kwakunjalo xa kwakubhalwa le vesi yeBhayibhile. Namhlanje, abantu baqonda kakuhle ukuba amaqela ezopolitiko kunye nezoqoqosho azikhange zibancede nganto. Iifowuni zala maxesha, i-Intanethi kunye namajelo eendaba asasaza ubusuku nemini enza kube lula ukuba iziganeko ezenzeke kwiindawo ezisemagqagaleni zivuse umnyele kubantu abaninzi.

Ukuqhankqalaza kuye kwanceda ngantoni?

Abaxhasi boqhankqalazo basenokubala ezi zinto zilandelayo:

  • Isiqabu kumahlwempu. Emva kokuba abahlali besixeko saseChicago, esikwiphondo laseIllinois, eUnited States, beqhankqalazele ukuhlawuliswa irente eninzi ngeminyaka yee-1930, abaphathi baloo dolophu basirhoxisa isindululo sokubagxotha kumagumbi ababehlala kuwo baza bafunela abanye babo imisebenzi. Yayikwaluqhankqalazo olwanceda iintsapho ezingama-77- 000 ezazigxothwe kwizindlu zazo eNew York ukuba zibuyiselwe emakhayeni azo.

  • Ingcinezelo iyapheliswa. EMerika, emva kokuqhankqalazelwa kweebhasi zesixeko saseMontgomery esikwiphondo laseAlabama ngowe-1955/1956, ­yaphela into yokuba abantu abamnyama bangavunyelwa ukuba ­bahlale ezitulweni zabamhlophe.

  • Ukuliwa nokwakhiwa ­kwezakhiwo eziyingozi. NgoDisemba 2011, amawaka-waka abantu baqhankqalazela ukwakhiwa kwesikhululo sokuphehla umbane esisebenza ngamalahle kufutshane neHong Kong kuba besithi siza kungcolisa umoya, ibe abasemagunyeni bagob’ uphondo.

Nangona ukuqhankqalaza kuzilungisa ezinye iingxaki, buBukumkani bukaThixo obuza kuziphelisa zonke

 Kakade ke, abantu abaqhankqalazayo abasoloko bephumelela. Ngokomzekelo, abasemagunyeni baye babohlwaye kunokuba babanike loo nto bayifunayo. Kutshanje, omnye umongameli welizwe elikuMbindi Mpuma wathi xa ethetha ngoqhankqalazo olwalukho kwelo: “Kuza kufuneka sibafundise isifundo aba baqhankqalazi,” ibe kwafa amawaka abantu kolo qhankqalazo.

Nasemva kokuba umzabalazo uzifezile iinjongo zawo, kubakho ezinye iingxaki ekuhambeni kwexesha. Indoda eyancedisa ekubhukuqweni komnye umlawuli welizwe eliseAfrika yaxelela iphephandaba iTime oku: “Inqatha lakhawuleza lanquma, kwaza kwaqala olunye udushe.”

Ngaba ikhona enye indlela ebhetele?

Abantu abaninzi abadumileyo bathi kunyanzelekile ukuba kuliwe nxamnye noorhulumente bengcinezelo. Ngokomzekelo, ngowe-1985 umfi uVáclav Havel owayengumongameli waseCzechoslovakia, nowachitha iminyaka emininzi engaphaya kwezitshixo kuba esilwela amalungelo abantu, wabhala oku: “[Umqhankqalazi] akanayo enye into anokulahlekelwa yiyo ngaphandle kobomi bakhe—kwaye uyabuncama kuba kungekho ndlela yimbi yokubonisa ukuba akajiki kule nto ayithethayo.”

Amazwi kaHavel ayebhekisa kwizinto ezihlasimlis’ umzimba njengale yenziwa nguMohamed  Bouazizi kunye nabanye. Kutshanje, kwelinye lamazwe aseAsia, abantu abaninzi baye bazitshisa ngomlilo ukuze baqhankqalazele ingcinezelo yonqulo neyezopolitiko. Xa yayichaza unobangela wezi ziganeko, enye indoda yathi kwiphephancwadi iNewsweek: “Asinamipu, ibe asifuni kwenzakalisa abanye abantu. Yintoni ke esinokuyenza?”

IBhayibhile ichaza indlela obuza kuconjululwa ngayo ubuqhophololo nengcinezelo. Ithi kukho urhulumente obekwe nguThixo emazulwini, oza kushenxisa abalawuli bezopolitiko kunye nale nkqubo yezoqoqosho ebangela ukuba abantu baqhankqalaze. Xa sithetha ngoMlawuli walo rhulumente, isiprofeto seBhayibhile sithi: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo.”INdumiso 72:12, 14.

AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuzisa uxolo emhlabeni wonke. (Mateyu 6:9, 10) Yiloo nto amaNgqina kaYehova engaqhankqalazi. Ngaba urhulumente kaThixo ungoyiswa kukuphelisa iingxaki ezibangela ukuba abantu baqhankqalaze? Abanye bacinga njalo. Kodwa ke, abaninzi baye bamthemba urhulumente kaThixo. Mhlawumbi nawe kuza kufuneka ukhe uyicingisise le nto!