UVUKANI! Julayi 2013 | Ngaba Ukuqhankqalaza Kusisicombululo?

Kweli nqaku funda ngesizathu sokuba abantu abaninzi beqhankqalaza nalapho isicombululo sinokufumaneka khona.

Okwenzeka Ehlabathini

Ezinye izinto ekuthethwa ngazo: umkhethe kudliwano-ndlebe olwenziwa xa ufuna umsebenzi nomthetho omtsha kwiinkampani ezithengisa icuba eOstreliya.

UKUNCEDA INTSAPHO

Oko Unokukwenza Xa Umntwana Wakho Enomsindo

Yintoni onokuyenza xa umntwana wakho enomsindo? IBhayibhile inokukunceda kule ngxaki.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Ukuqhankqalaza Kusisicombululo?

Ukuqhankqalaza kunganefuthe elikhulu ekwenzeni utshintsho. Kodwa ngaba kusisicombululo sokuphelisa okungekho sikweni, urhwaphilizo nengcinezelo?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ingcinezelo Yayikho Kuyo Yonke Indawo

Kwakutheni ukuze umfana waseMntla Ireland, owayengumzabalazi atshintshe ingcinga awayenayo ngendlela okusesikweni okuza kubakho ngayo?

Makhe Sithethe Ngekati Yasendle

Ngaba wakhe weva ngekati yasendle? Funda okungakumbi ngesi silwanyana.

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela eAzerbaijan

Ama-Azeri anobubele kwaye angamaqhakra-qhakra. Funda okungakumbi ngelizwe nangenkcubeko yawo.

IMBONO YEBHAYIBHILE

UBukumkani BukaThixo

Abanye abantu bakholelwa ukuba uBukumkani bukaThixo busezintliziyweni zabo bakholwayo okanye buza kuziswa ngabantu. Ithini yona iBhayibhile?

NGABA YADALWA?

Ubuchopho Obomeleleyo Bukanomatse Ohlala Kwi-Arctic

Siphila njani esi silwanyana xa umzimba waso ubanda kakhulu?

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Kuthekani Ukuba Ndiyagula?—Inxalenye 2

Funda ngolutsha olukhathazwa yimpilo kodwa oluye lakwazi ukuhlala lunembono efanelekileyo ngobomi.

Ibali Loonyana BakaYakobi

Yintoni onokuyenza xa ubhuti wakho, usisi wakho okanye umhlobo wakho enikwa into obungathanda ibe yeyakho?