Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Makhe Sithethe Ngekati Yasendle

Makhe Sithethe Ngekati Yasendle

 Makhe Sithethe NGEKATI YASENDLE

Emva kokumitha kangangeenyanga ezimbini, le kati idla ngokuzala amantshontsho amathathu

KUNGORHATYA, kwintlango eyomileyo, yaye kuthi thu ingada emngxunyeni wayo, ihambe umganyana nje ize ime. Iyalaqaza ize ithi ntaa iindletyana zayo ngathi iyakrokra. Emva koko iyakhasa njengoko inqumla kulo mmandla wesanti.

Ngesiquphe, le kati itsibela impuku ebidakasa nje ingaboni ukuba kuza ingozi. Emva koko iyaqhubeka izingela, ize imane inqaku-nqakula namanye amaxhoba. Xa ifumana ukutya okuninzi kakhulu, okunye ikufihla ngaphantsi kwesanti. Ibuyela kwangonyezi emngxunyeni wayo yaye ayifane iphume emini. Makhe sithi gqaba-gqaba ngesi silwanyana.

  • Iindlebe zale kati zibukhali, kangangokuba iyakwazi ukuva ixhoba naxa sele liphantsi komhlaba

  • Xa ifuna ithokazi, inkunzi yenza umkhulungwane. Ekubeni iindlebe zale kati zibukhali ngeyona ndlela, ithokazi liyakwazi ukuva inkunzi ekhala kumgama omde

  • Uboya obukwiinyawo zale kati buyinceda ingatshoni xa ihamba esantini yaye buyikhusela kubushushu besanti

  •  Umphakathi wendlebe nganye unoboya obumhlophe, obukhusela iindlebe kugquthe lwesanti

  • Kunzima ukulandela umkhondo wale kati, kuba iinyawo zayo ezogqunywe buboya zenza ingashiyi mzila xa inyathela

  • Ikati yasentlango iyakwazi ukuphila ngamanzi ewafumana xa isitya ixhoba

  • Isanti yeNtlango ekuthiwa yiKara-Kum itshisa kakhulu, kangangokuba amaqondo obushushu akhe afike nakuma-80 ngokukaCelsius. Ngamanye amaxesha imozulu yayo iye iqhaqhazelise amazinyo