Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBhayibhile Ingasinceda Njani Sikwazi Ukunyamezelana?

IBhayibhile Ingasinceda Njani Sikwazi Ukunyamezelana?

 “Ukunyamezelana yeyona nto yenza kubekho uxolo.”—IUNESCO Kwimigaqo Yokunyamezelana, ngo-1995.

 Kwelinye icala, ukunganyamezelani kunokwenza abantu bangahloniphani baze bacaphukelane. Ezo zinto zinokwenza abantu bathethe kakubi, bacalulane, baze babe nobundlobongela.

 Kodwa abantu bakuchaza ngeendlela ezingafaniyo ukunyamezelana. Abanye bakholelwa ukuba, xa umntu ekwazi nyhani ukubanyamezela abanye uza kuthanda yonke into abayenzayo nendlela abaziphethe ngayo. Abanye bavumelana neBhayibhile xa isithi abantu abakwaziyo ukunyamezela abanye bayazihlonipha izinto ezithandwa ngabanye nezinto abazikholelwayo, nangona bona bengavumelani nazo.

 Ngaba nyhani iBhayibhile ingakwazi ukunceda abantu banyamezelane kule mihla?

Into ethethwa yiBhayibhile ngokunyamezelana

 IBhayibhile ikhuthaza ukuba sinyamezelane. Ithi: “Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.” (Filipi 4:5) IBhayibhile ikhuthaza ukuba abantu sibaphathe kakuhle, ngendlela ebonisa ukuba siyabacingela. Abantu abasebenzisa eli cebiso kusenokuba abazithandi izinto ezenziwa ngomnye umntu ibe abanakude bamlinganise, kodwa bayamyeka ukuba enze ngendlela afuna ngayo.

 Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba uThixo unendlela afuna abantu baziphathe ngayo. Ithi: “[UThixo] ukuxelele, mntundini, okulungileyo.” (Mika 6:8) Isibonisa indlela kaThixo enokusinceda siphile obona bomi bumnandi.—Isaya 48:17, 18.

 UThixo akafuni sibagwebe abanye. IBhayibhile ithi, “Mnye kuphela uMniki-mthetho noMgwebi . . . Ungubani ke wena ukuba ugwebe ummelwane wakho?” (Yakobi 4:12) UThixo usinike inkululeko yokuzikhethela izinto esifuna ukuzenza ibe nantoni na esiyikhethayo kuza kuphenduliswa thina ngayo.—Duteronomi 30:19.

Into ethethwa yiBhayibhile ngokubonisa intlonipho

 IBhayibhile ithi simele sibe “nembeko kumntu wonke.” (1 Petros 2:17) Abo bakhetha ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile bahlonipha bonke abantu enoba zithini iinkolelo zabo okanye bakhetha ukuphila ngeyiphi indlela. (Luka 6:31) Le nto ayithethi ukuba bayavumelana okanye bayazixhasa zonke izinto abantu abazithethayo, abazikholelwayo, nabazenzayo. Kodwa kunokuba bathethe kakubi okanye bangabahloniphi abanye, baye bazame ukubaphatha ngendlela uYesu awayebaphatha ngayo.

 Ngokomzekelo, uYesu wadibana nelinye ibhinqa elalisenza izinto awayengavumelani nazo. Lalihlalisana nokuhlalisana, nto leyo uYesu wayengayikhuthazi. Nangona lalisenza ezi zinto, uYesu wathetha nalo ngentlonipho.—Yohane 4:9, 17-24.

 NjengoYesu, amaKristu akulungele ukuzithethelela kwabo bafuna ukumamela, kodwa loo nto ayenza ‘ngembeko.’ (1 Petros 3:15) IBhayibhile iyalela amaKristu ukuba anganyanzelisi izinto azikholelwayo kwamanye. Ithi, “Kaloku akufuneki ukuba ikhoboka leNkosi lilwe, kodwa kufuneka liphathe wonke umntu ngobubele,” kuquka abo bakholelwa izinto ezahlukileyo.—2 Timoti 2:24.

Into ethethwa yiBhayibhile ngokucaphukela abanye

 IBhayibhile ithi masizame “ukuba seluxolweni nabantu bonke.” (Hebhere 12:14) Umntu ozama ukuba noxolo akabacaphukeli abanye. Nangona engazenzi izinto eziphikisana nemigaqo aphila ngayo, uye azame ukuhlala kakuhle nabanye. (Mateyu 5:9) Kangangokuba, iBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba azithande iintshaba zawo, ngokuziphatha kakuhle nangona zona ziwaphatha kakubi.—Mateyu 5:44.

 Ewe kona iBhayibhile ithi uThixo ‘uyazicaphukela’ okanye ‘uyazenyanya’ izinto ezenza abantu baphathwe kakubi okanye bonzakale. (IMizekeliso 6:16-19) Kodwa iBhayibhile isebenzisa igama elithi uyazicaphukela ukuze ibonisa indlela uThixo angazithandi ngayo izinto ezimbi ezenziwayo. Ibonisa ukuba uThixo uyafuna ukubaxolela aze abancede abantu abafuna ukutshintsha indlela abaphila ngayo, baze baphile ngemigaqo yakhe.—Isaya 55:7.

Iivesi zeBhayibhile ezithetha ngokunyamezelana nokubonisa intlonipho

 Tito 3:2: “[Abantu bamele] babe bhetyebhetye, bahlale bezolile kuye wonke umntu.”

 Umntu obhetyebhetye usoloko ezolile xa abanye besenza izinto angavumelani nazo, ibe loo nto ikhuthaza abanye ukuba babonise imbeko.

 Mateyu 7:12: “Baphatheni abanye abantu ngendlela nani enifuna ukuphathwa ngayo.”

 Sonke siyavuya xa abanye besiphatha ngembeko, ibe bebonisa ukuba bayayicingela indlela esiziva ngayo. Ukuze ufunde ukuba unokuwusebenzisa njani lo mthetho waziwayo wafundiswa nguYesu, funda inqaku elithi “Yintoni UMthetho Omkhulu?

 Yoshuwa 24:15: “Zikhetheleni namhlanje ukuba ngubani eniza kumkhonza.”

 Xa siyihlonipha into yokuba abantu banelungelo lokuzenzela izigqibo, senza kubekho uxolo.

 IZenzo 10:34: “UThixo akakhethi.”

 UThixo akabacaluli abantu ngenxa yokuba bengamadoda okanye abafazi, besuka kwelinye ilizwe, uhlanga okanye ngenxa yemvelaphi yabo. Abantu abafuna ukumlinganisa bahlonipha wonke umntu.

 Habhakuki 1:12, 13: ‘UThixo akabunyamezeli ububi.’

 UThixo akanyamezeli yonk’ into. Akazukuvumela ukuba abantu baqhubeke besenza izinto ezimbi ngonaphakade. Ukuze ufunde nezinye izinto, bukela ividiyo ethi Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?

 Roma 12:19: “Yekani ibe nguThixo oba nomsindo, kuba kubhaliwe kwathiwa: uthi uYehova, ‘Ndim ophindisayo, ndim obuyekezayo.’” a

 UYehova uThixo akafuni kubekho mntu uziphindezelayo. Uza kuqiniseka ukuba ubulungisa buyenzeka ngexesha lakhe alibekileyo. Ukuze ufunde nezinye izinto, funda inqaku elithi “Ngaba Ubulungisa Buya Kuze Bubekho?

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?