Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Iyafundisa Ngokuvela Ngokutsha?

Ngaba IBhayibhile Iyafundisa Ngokuvela Ngokutsha?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Akunjalo. Akuveli kwanto ithetha ngokuvela ngokutsha eBhayibhileni. Inkolo yokuvela ngokutsha ivela kwimfundiso yokuba umphefumlo awufi. a Noko ke, iBhayibhile ifundisa ukuba umphefumlo ngumntu ibe uyafa. (Genesis 2:7,Hezekile 18:4) Xa umntu efile, akho nto ayaziyo.​—Genesis 3:19; INtshumayeli 9:5, 6.

Yintoni umahluko phakathi kovuko nokuvela ngokutsha?

Imfundiso yeBhayibhile ngovuko ayisekelwanga kumphefumlo ongafiyo. Xa kukho uvuko, abantu abafayo baza kuvuswa ngamandla kaThixo. (Mateyu 22:23, 29; IZenzo 24:15) Uvuko lubangela kubekho ithemba lokubuyela kwihlabathi elitsha ekungayi kuphinda kufiwe kulo.​—2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4.

Ubuxoki ngokuvela ngokutsha noko kuthethwa yiBhayibhile

Ubuxoki: IBhayibhile ithi umprofeti uEliya wavela ngokutsha enguYohane umBhaptizi.

Inyaniso: UThixo wathi: “Ndithumela kuni uEliya umprofeti,” ibe uYesu wabonisa ukuba uYohane umbhaptizi wasizalisekisa esi siprofeto. (Malaki 4:5, 6; Mateyu 11:13, 14) Noko ke, le nto ayithethi kuthi uEliya wavela ngokutsha enguYohane umbhaptizi. UYohane watsho ngokwakhe ukuba akangoEliya. (Yohane 1:21) Kunoko, wenza umsebenzi ofana nokaEliya, eshumayela isigidimi sikaThixo sokuba abantu baguquke. (1 Kumkani 18:36, 37; Mateyu 3:1) UYohane uya ‘komelela ibe abe namandla njengomprofeti uEliya.’​—Luka 1:13-17, iGood News Translation.

Ubuxoki: IBhayibhile ithi ukuvela ngokutsha kukuzalwa kwakhona.

Inyaniso: IBhayibhile ibonisa ukuba ukuzalwa kwakhona kukukholwa kuThixo kwaye kwenzeka umntu esaphila. (Yohane 1:12, 13) Oku kuzalwa kwakhona, ayonto yenzeka ngenxa yezenzo zangaphambili, kodwa yintsikelelo evela kuThixo, enika abantu ithemba ngekamva.​—Yohane 3:3; 1 Petros 1:3, 4.

a Inkolo yokungafi komphefumlo nokuvela ngokutsha ivela kwiBhabhiloni yamandulo. Kamva, iintanda-bulumko zamaIndiya zabhala imithetho yenkolo yobuKarma. IBritannica Encyclopedia of World Religions ithi, inkolo yobuKarma “ngumthetho wesenzo nomphumo waso ochaza ukuba into umntu ayenza ngoku, iza kuchaphazela ubomi bakhe xa evele ngokutsha.”​—Iphepha 913.