Yiya kwinkcazelo

Kutheni Sithandaza Egameni LikaYesu?

Kutheni Sithandaza Egameni LikaYesu?

Impendulo yeBhayibhile

Kufuneka sithandaze kuThixo egameni likaYesu ngenxa yokuba le yekuphela kwendlela ayamkelayo uThixo xa sithandaza Kuye. UYesu wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam.” (Yohane 14:6) Kwakhona wabaxelela oku abapostile bakhe abathembekileyo: “Inene, inene, ndithi kuni, ukuba nicela nantoni na kuBawo uya kuninika yona egameni lam.”—Yohane 16:23.

Izizathu ezingakumbi zokuba sithandaze egameni likaYesu

  • Sinentlonelo ngoYesu nangoYise, uYehova uThixo.—Filipi 2:9-11.

  • Sibonisa ukuba siyakuxabisa ukufa kukaYesu njengoncedo lukaThixo.—Mateyu 20:28; IZenzo 4:12.

  • Siyayixabisa indima ekhethekileyo edlalwa nguYesu yokuba “nguMlamli” phakathi kukaThixo nabantu.—Hebhere 7:25.

  • Siyayihlonela inkonzo kaYesu yokuba nguMbingeleli Omkhulu onokusinceda samkeleke kuThixo.—Hebhere 4:14-16.