Yiya kwinkcazelo

Ngaba Ndimele Ndithandaze Kwiingcwele?

Ngaba Ndimele Ndithandaze Kwiingcwele?

Impendulo yeBhayibhile

Akunjalo. IBhayibhile ithi simele sithandaze kuThixo kuphela egameni likaYesu. UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Nimele nithandaze ngale ndlela: Bawo wethu osezulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9, INew American Bible) Akazange abayalele ukuba bathandaze kwiingcwele, kwiingelosi okanye komnye umntu.

UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ndiyindlela nenyaniso nobomi. Akukho mtu uzayo kuBawo ngaphandle kwam.” (Yohane 14:6, NAB) NguYesu kuphela obekwe nguThixo ukuba asingxengxezele kuye.—Hebhere 7:25.

Yintoni eyenzekayo xa ndithandaza kuThixo nakwiingcwele?

KwiMithetho Elishumi, uThixo wathi: “Mna, NKOSI, uThixo wakho, ndinguThixo onekhwele.” (Eksodus 20:5, NAB) ‘Unekhwele’ njani uThixo? Umbhalo osemazantsi ephepheni kwiNew American Bible uthi “ufuna uzinikele kuye yedwa.” UThixo ufuna izenzo zokunyaniseka okanye ukunqula—kuquka umthandazo—zenziwe kuye kuphela.—Isaya 48:11.

Simenza buhlungu uThixo ukuba sithandaza komnye umntu, iingcwele okanye iingelosi. Xa umpostile uYohane wazama ukunqula ingelosi, yamnqanda. Yathi: “Ungakwenzi oko! Ndingukhonzi kunye nawe nabazalwana bakho abangqinela uYesu. Nqula uThixo.”—ISityhilelo 19:10, NAB