Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngezifo Ezingubhubhani?

Ithini IBhayibhile Ngezifo Ezingubhubhani?

Impendulo yeBhayibhile

 IBhayibhile ithi ngemihla yokugqibela kuza kubakho izifo ezingubhubhani. (Luka 21:11) Ayithi ziza kubakho ngenxa yokuba uThixo esohlwaya abantu kuba buBukumkani bakhe obuza kuphelisa zonke izigulo ezisemhlabeni. Kuquka nezifo ezingubhubhani.

 Ngaba iBhayibhile yayithe kuza kubakho izifo ezingubhubhani?

 IBhayibhile ayizibizi ngamagama izifo ezikhoyo ezinjengeKhorona, i-AIDS, i-TB, imalariya okanye iSpanish flu. Ithi kuza kubakho ‘izifo ezingubhubhani’ ‘nezibetho ezibulalayo.’ (Luka 21:11; ISityhilelo 6:8) Ezi zifo zibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ okanye “sekuza kupheliswa ihlabathi.”—2 Timoti 3:1; Mateyu 24:3.

 Ngaba uThixo wakhe wasebenzisa izifo ezingubhubhani ukuze ohlwaye abantu?

 EBhayibhileni akhona amaxesha apho uThixo esebenzisa izigulo ukuze ohlwaye abantu abathile. Ngokomzekelo, bakhona abantu abohlwaya ngesifo seqhenqa. (Numeri 12:1-16; 2 Kumkani 5:20-27; 2 Kronike 26:16-21) Kodwa, zange asebenzise izifo ezingubhubhani ezosulela abantu abangenzanga nto. Wayesohlwaya nje abantu abangamthobeliyo.

 Ngaba uThixo usabohlwaya abantu ngezifo ezingubhubhani?

 Hayi. Abanye abantu bathi uThixo usebenzisa izifo ezingubhubhani okanye ezinye izigulo ukuze ohlwaye abantu. Kodwa iBhayibhile ayivumelani naloo nto. Ngoba?

 Kaloku bonke abakhonzi bakaThixo, abangoku nabakudala, bakhe bagula. Ngokomzekelo, indoda enokholo uTimoti ‘yayikhathazwa yimpilo’. (1 Timoti 5:23) Kodwa, iBhayibhile ayithi wayekhathazwa yimpilo kuba engasathandwa nguThixo. Nanamhlanje, abanye abakhonzi bakaThixo bakhe bagule okanye bosulelwe zizifo. Amaxesha amaninzi, aba bakhonzi bakaThixo behlelwa zizinto ezibuhlungu bengalindelanga.—INtshumayeli 9:11.

 Kwakhona, iBhayibhile ithi ixesha lokuba uThixo ohlwaye abantu abangamthobeliyo alikafiki. Endaweni yoko ithi siphila ‘kwimini yosindiso’ apho uThixo amema bonke abantu ukuba basondele kuye ukuze basinde. (2 Korinte 6:2) Ubamema ngokuthi kushunyayelwe “iindaba ezilungileyo zoBukumkani” ehlabathini lonke.—Mateyu 24:14

 Ngaba ziya kuze ziphele izifo ezingubhubhani?

 Ewe. IBhayibhile ithi kungekudala abantu abazukugula. Xa kulawula uBukumkani bakhe, uThixo uza kuphelisa zonke izigulo. (Isaya 33:24; 35:5, 6) Uza kuphelisa iintlungu nokufa. (ISityhilelo 21:4) Nabantu abaswelekileyo uza kubavusa baphile emhlabeni kamnandi, bangaphindi babeneentlungu, bagule okanye bafe.—INdumiso 37:29; IZenzo 24:15.

 Iivesi zeBhayibhile ezithetha ngokugula.

 Mateyu 4:23: “Emva koko [uYesu] wayihamba yonke iGalili, efundisa kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda, eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, ephilisa zonke iintlobo zezifo nezigulo abantu ababenazo.”

 Oko kuthethwa yile vesi: Imimangaliso eyayisenziwa nguYesu yayibonisa oko uBukumkani bukaThixo buza kukwenzela abantu kungekudala.

 Luka 21:11: “Kuza kubakho izifo . . . ezingubhubhani.”

 Oko kuthethwa yile vesi: Izifo ezosulela abantu abaninzi zibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela.

 ISityhilelo 6:8: “Jonga! ndabona ihashe elinombala onjengowothuthu, lowo wayekhwele kulo wayebizwa ngegama elinguKufa. Wayelandelwa lingcwaba. Yaye banikwa igunya . . . ukuze babulale besebenzisa . . . isibetho esibulalayo.”

 Oko kuthethwa yile vesi: Isiprofeto seSityhilelo sabakhweli mahashe abane sibonisa ukuba izifo ezingubhubhani ziza kubakho ngexesha lethu.