Yiya kwinkcazelo

Athetha Ukuthini Amazwi Athi “iLiso NgeLiso”?

Athetha Ukuthini Amazwi Athi “iLiso NgeLiso”?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Isigwebo esithi “iliso ngeliso” sasifumaneka kumthetho uThixo awawunika uMoses ukuba awunike amaSirayeli ibe noYesu wasicaphula kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni.(Mateyu 5:38, Eksodus 21:24, 25; Duteronomi 19:21) Esi sigwebo sasithetha ukuba umntu omoshileyo ufanele afumane isigwebo esimfaneleyo. a

Esi sigwebo sasisetyenziswa kumntu oye wenzakalisa omnye ngabom. UMthetho KaMoses wawusithi ngomntu omoshe ngabom: “Ukwaphulwa ngokwaphulwa, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo; njengoko amenzakalisileyo umntu, makwenziwe njalo nakuye.”​—Levitikus 24:20.

 Sasenzelwe ntoni isigwebo esithi “iliso ngeliso”?

Esi sigwebo sasingenzelwanga ukuba abantu baziphindezele. Kunoko, sasinceda abagwebi bohlwaye umntu ngendlela emfaneleyo.

Esi sigwebo sasikwanqanda umntu owayefuna ukwenzakalisa omnye ngabom okanye owayecinga ukwenzakalisa omnye ngabom. “Baya kuva abo baseleyo [abo babebona indlela esisetyenziswa ngayo esi sigwebo] baze boyike, bangaze kwakhona benze nabuphi na ububi obunjengobu phakathi kwenu.”​—Duteronomi 19:20.

 Ngaba esi sigwebo siyasebenza kumaKristu?

Hayi, asisebenzi kumaKristu. Sasiyinxalenye yoMthetho KaMoses, oye wapheliswa kukufa kukaYesu.​—Roma 10:4.

Nangona kunjalo, esi sigwebo sibonisa indlela uThixo acinga ngayo. Ngokomzekelo, sibonisa ukuba uThixo akafuni abantu baphatheke kakubi. (INdumiso 89:14) Sikwabonisa nendlela uThixo abuthanda ngayo ubulungisa, ufuna abantu abamoshayo balungiswe “ukusa kumlinganiselo ofanelekileyo.”​—Yeremiya 30:11.

 Izinto ezingeyonyani ezidla ngokuthethwa ngesi sigwebo

Ubuxoki: Isigwebo esithi “iliso ngeliso” sasingenanceba ebantwini.

Inyani: Esi sigwebo sasingakhuthazi ukuba abantu baziphindezele ngokuwuthathela ezandleni zabo umthetho. Xa sisetyenziswa ngendlela efanelekileyo esi sigwebo, kwakuza kufuneka ukuba abagwebi abamiselweyo bajongisise zonke izinto ngokweenkcukacha, babone ukuba lowo wonileyo wone ngabom okanye ngempazamo. (Eksodus 21:28-30; Numeri 35:22-25) Esi sigwebo sithi “iliso ngeliso” sasenzelwe ukuba abantu bangohlwaywa ngendlela eqatha ngokungafanelekanga.

Ubuxoki: Isigwebo esithi “iliso ngeliso” savulela ithuba lokuba abantu baziphindezele.

Inyani: Umthetho KaMoses wathi: “Uze ungaphindezeli okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu” (Levitikus 19:18) Endaweni yokukhuthaza ukuba abantu baziphindezele, uMthetho wawukhuthaza abantu ukuba bathembele kuThixo nakwindlela ayimiseleyo yokugweba.​—Duteronomi 32:35.

a Esi sigwebo ngamanye amaxesha ekuthiwa yilex talionis ngesilatini sasisetyenziswa nakwezinye iindawo kudala.