Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 02

IBhayibhile Isenza Sibe Nethemba

IBhayibhile Isenza Sibe Nethemba

Abantu abaninzi baneengxaki ezibenza bakhathazeke, babe nexhala nezibenza babe buhlungu. Obakho ubomi bukhe banjalo? Mhlawumbi unengxaki yempilo, okanye uswelekelwe ngumntu omthandayo. Kusenokwenzeka ukuba uyazibuza, ‘Ngaba izinto ziya kuze zibe bhetele?’ IBhayibhile isinika impendulo esenza sibe nethemba.

1. IBhayibhile isinceda njani sibe nethemba?

IBhayibhile iyasixelela ukuba kutheni sineengxaki ezininzi kangaka. Kodwa ayipheleli nje apho. Isixelela nokuba seziza kuphela zonke. Izinto esizithenjiswa yiBhayibhile ‘zisinika ithemba nekamva.’ (Funda uYeremiya 29:​11, 12.) Eli themba lisinceda sizinyamezele iingxaki esinazo, size sonwabe nakweli xesha siphila kulo. Izinto esizithenjiswa yiBhayibhile zisinceda siqiniseke ukuba siza konwaba, singaze siyeke.

2. IBhayibhile ithi kuza kuba njani kwixesha elizayo?

Xa ithetha ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo, iBhayibhile ithi: “Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.” (Funda iSityhilelo 21:4.) Azizubakho iingxaki ezenza abantu bangabi nathemba, njengendlala, ukungabikho kobulungisa, ukugula nokusweleka kwabantu. IBhayibhile ithembisa ukuba abantu baza kuphila ubomi obumnandi ngonaphakade, kwiParadesi eza kuba lapha emhlabeni.

3. Unokuqiniseka njani ukuba izinto ezithenjiswa yiBhayibhile ziza kwenzeka?

Abantu abaninzi banethemba lokuba izinto emhlabeni ziza kuba bhetele, kodwa abaqinisekanga ukuba ziza kude zibe bhetele nyhani. Kodwa zona izinto ezithenjiswa yiBhayibhile asoze zingenzeki. Sinokuyithemba into eyithethayo ‘ngokuhlolisisa iZibhalo.’ (IZenzo 17:​11) Xa uyifunda iBhayibhile, ungazigqibela ngokwakho ukuba uza kuzikholelwa na izinto ethi ziza kwenzeka kwixesha elizayo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda ngezinye izinto iBhayibhile ethembisa ukuba ziza kwenzeka kwixesha elizayo. Jonga indlela ithemba eliseBhayibhileni elibanceda ngayo abantu namhlanje.

4. IBhayibhile isithembisa ukuba sinokuphila ngonaphakade, singenazingxaki

Jonga ezi zithembiso sizifumana eBhayibhileni. Zeziphi ozithanda kakhulu? Ngoba?

Funda iivesi ezisecaleni kwezi zithembiso, uze uphendule le mibuzo:

  • Ucinga ukuba ezi vesi zingakunceda? Ucinga ukuba zingayinceda intsapho yakho, nabahlobo bakho?

Khawuzibone uphila kwilizwe apho

KUNGAZUKUBAKHO MNTU . . .

WONKE UMNTU . . .

  • uza kuva iintlungu, oluphale aze asweleke.​—Isaya 25:8.

  • uza kuba sempilweni aze abe namandla njengomntu omtsha.​—Yobhi 33:25.

  • uza kukhathazwa kukucinga okanye ukukhumbula izinto ezibuhlungu ezakha zenzeka.​—Isaya 65:17.

5. Izithembiso eziseBhayibhileni zinokuwenza umahluko

Iingxaki abantu abaninzi abazibona zisenzeka emhlabeni ziyabatyhafisa okanye zibacaphukise. Abanye basebenza nzima, bezama ukutshintsha izinto ukuze zibe bhetele. Bukela indlela izithembiso eziseBhayibhileni zokuba izinto ziza kuba bhetele ezibanceda ngayo abantu namhlanje. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kule vidiyo, yintoni eyayimkhathaza uRafika?

  • Into eyayimkhathaza zange iyeke ukwenzeka, kodwa iBhayibhile yamnceda njani?

Linokusinceda ithemba eliseBhayibhileni elisixelela ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Linokusinceda xa sinezinto ezisityhafisayo, lize lisincede sonwabe ngoku sineengxaki. Funda iMizekeliso 17:22 namaRoma 12:12, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Ucinga ukuba into ethethwa yiBhayibhile ngezinto eziseza kwenzeka inokubenza bube bhetele ubomi bakho ngoku? Kutheni ucinga njalo?

ABANYE ABANTU BATHI: “Izinto ethi iBhayibhile ziza kwenzeka kwixesha elizayo yintsomi.”

  • Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukuzikhangelela izinto eziza kukwenza uqiniseke ukuba aziyontsomi?

UFUNDE NTONI?

IBhayibhile isixelela izithembiso ezininzi eziza kusenza sonwabe kwixesha elizayo. Ezi zithembiso zisinceda sibe nethemba zize zenze nobomi bethu bube bhetele.

Khawutsho

  • Kutheni abantu beyidinga into eza kubenza babe nethemba?

  • Ithini iBhayibhile ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo?

  • Ukuba nethemba ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo kunokukunceda njani?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Funda indlela ekunokukunceda ngayo ukuba nethemba xa uneengxaki.

“Unokulifumana Phi Ithemba Lokwenene?” (Vukani!, Meyi 8, 2004)

Funda indlela ukuba nethemba lezinto eziza kwenzeka okunokubanceda ngayo abantu abanezifo ezinganyangekiyo.

“Ukuphila Nesifo Esinganyangekiyo​​—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Xa ubukele le vidiyo yomculo, yiba ngathi uyazibona nentsapho yakho, niphila kamnandi kwiParadesi esiyithenjiswe yiBhayibhile.

Kuza Ixesha (3:37)

Funda indlela obatshintsha ngayo ubomi bomntu owayephambili kumzabalazo emva kokufunda ngento ethi iBhayibhile iza kwenzeka kwixesha elizayo.

“Andisacingi Ngokutshintsha Ihlabathi” (IMboniselo, Julayi 1, 2013)