Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 01

Ingakunceda Njani IBhayibhile?

Ingakunceda Njani IBhayibhile?

Sonke sinemibuzo ngobomi, ngezinto ezibuhlungu ezenzekayo, ngokusweleka kwabantu nangezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Siyakufuna nokuncedwa sazi ukuba sinokwenza njani ukuze sifumane imali eyaneleyo size sibe nezinto esizidingayo. Okanye sincedwe ngezinto esinokuzenza ukuze iintsapho zethu zonwabe. Abantu abaninzi babonile ukuba iBhayibhile ayiphenduli nje imibuzo abanayo, kodwa ibanika namacebiso abanokuwasebenzisa kubomi babo. IBhayibhile inokunceda wonke umntu.

1. Yeyiphi eminye imibuzo ephendulwa yiBhayibhile?

IBhayibhile iphendula le mibuzo ibalulekileyo: Ngaba izinto zadalwa? Yintoni kanye kanye esiyiphilelayo? Kutheni abantu abalungileyo besehlelwa zizinto ezibuhlungu? Kwenzeka ntoni emntwini xa eswelekile? Ukuba wonke umntu ufuna kubekho uxolo, kutheni kukho iimfazwe ezingaka? Uza kuba njani umhlaba kwixesha elizayo? IBhayibhile ayithi ikhona ingxaki ngokubuza imibuzo enjengale. Abantu abaninzi abayibuzileyo le mibuzo, bafumene iimpendulo ezibenze baxola.

2. Inokusinceda njani iBhayibhile sonwabe?

IBhayibhile isinika amacebiso anokusinceda. Ngokomzekelo, isixelela indlela esinokonwaba ngayo kwiintsapho zethu. Isixelela izinto esinokuzenza xa sinestres nesinokuzenza ukuze siwuthande umsebenzi esiwenzayo. Uza kuzibonela ukuba ifundisa ntoni iBhayibhile ngezi zinto nangezinye xa siqhubeka sifunda. Uza kuzibonela nawe ukuba ‘sonke iSibhalo [yonke into eseBhayibhileni] . . . siyanceda.’​2 Timoti 3:16.

Le ncwadi ayoBhayibhile. Kodwa ikukhuthaza ukuba ufunde iBhayibhile. Yiloo nto sikucela ukuba uzifunde iivesi zeBhayibhile ezikwezi zifundo, uze uzidibanise nezinto ozifundayo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda indlela iBhayibhile ebancede ngayo abantu, indlela onokwenza ngayo ukuze ukuthande ukuyifunda uve nokuba kutheni kufuneka uncedwe ngumntu ukuze uyiqonde.

3. IBhayibhile inokusibonisa indlela

IBhayibhile ifana nesibane. Inokusinceda senze izigqibo ezifanelekileyo. Inokusibonisa nezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.

Funda iNdumiso 119:105, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Umntu owayebhala le ndumiso wathini ngeBhayibhile?

  • Xa ucinga ngeBhayibhile, uthini wena?

4. IBhayibhile inokuyiphendula imibuzo esinayo

Elinye ibhinqa labona ukuba iBhayibhile ineempendulo zemibuzo ebalulekileyo ekwadlula iminyaka emininzi lizibuza yona. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kule vidiyo, eli bhinqa lalizibuza imibuzo enjani?

  • Kwalinceda njani ukufunda iBhayibhile?

IBhayibhile isikhuthaza ukuba sibuze imibuzo. Funda uMateyu 7:​7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • IBhayibhile iyayiphendula imibuzo esinayo. Yeyiphi onayo wena?

5. Unokukuthanda ukufunda iBhayibhile

Abantu abaninzi bayakuthanda ukufunda iBhayibhile, ibe iyabanceda. Dlala IVIDIYO, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kule vidiyo, olu lutsha luyakuthanda na ukufunda? Kutheni usitsho?

  • Kutheni luthanda ukuyifunda yona iBhayibhile?

IBhayibhile ithi isifundisa izinto ezinokusithuthuzela nezinokusenza sibe nethemba. Funda amaRoma 15:4, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Ikwenza ube nomdla na wena into yokuba iBhayibhile isithuthuzela, ize isenze sibe nethemba?

6. Sinokuncedwa ngabanye ukuze siyiqonde iBhayibhile

Abantu abaninzi bayazifundela iBhayibhile, kodwa babonile ukuba ukuncokola nabanye abantu ngayo kuyabanceda. Funda iZenzo 8:​26-31, nize nincokole ngalo mbuzo:

Indoda engumTiyopiya yayifuna ukuncedwa ukuze iziqonde iZibhalo. Abantu abaninzi namhlanje bayabona ukuba kuyanceda ukuncokola ngeBhayibhile nomnye umntu

ABANYE ABANTU BATHI: “Ukufunda iBhayibhile kukudlala nje ngexesha.”

  • Uthini wena? Kutheni usitsho?

UFUNDE NTONI?

IBhayibhile isinika amacebiso ngobomi, iphendula imibuzo ebalulekileyo, iyasithuthuzela ize isenze sibe nethemba.

Khawutsho

  • Sinokufumana amacebiso anjani eBhayibhileni?

  • Yeyiphi eminye imibuzo ephendulwa yiBhayibhile?

  • Yintoni ofuna ukuyifunda eBhayibhileni?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Jonga indlela iBhayibhile eyayinceda ngayo enye indoda eyayinengxaki isakhula.

Indlela Endaqala Ngayo Ukuphila Ubomi Obumnandi (2:53)

Funda amacebiso aseBhayibhileni anokunceda iintsapho.

“Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho” (Vukani! No. 2 2018)

Yiva indlela iBhayibhile eyilungisa ngayo into ecingwa ngabantu abaninzi ngoyena mlawuli weli hlabathi.

Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?​—Epheleleyo (3:34)