Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 03

Unokuyithemba IBhayibhile Ukuba Ithetha Inyani?

Unokuyithemba IBhayibhile Ukuba Ithetha Inyani?

IBhayibhile inezithembiso namacebiso amaninzi. Kusenokwenzeka ukuba unomdla wokuzazi izinto eziyithembisayo. Kodwa kwelinye icala, awuyithembanga ncam. Ngaba umele uzithembe izithembiso namacebiso akwincwadi endala kangaka? Ngaba izinto ezithethwa yiBhayibhile zinokusinceda ngoku? Ngaba sinokuzikholelwa zona izinto ethi ziza kwenzeka kwixesha elizayo? Kukho abantu abaninzi kakhulu abacinga njalo. Makhe sibone ukuba unokucinga njalo na wena.

1. Ngaba izinto esizifunda eBhayibhileni ziyinyani?

IBhayibhile ithi ‘inamazwi achanileyo enyaniso.’ (INtshumayeli 12:10) Ithetha ngezinto ezenzeka nyhani kubantu bokwenene. (Funda uLuka 1:3; 3:1, 2.) Abantu ababhala nabemba izinto zakudala abaninzi bayingqinile into yokuba imihla ebalulekileyo, abantu, iindawo nezinye izinto ezenzekayo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ziyinyani.

2. Kutheni sisithi sinokuyithemba iBhayibhile ngoku iyincwadi yakudala?

IBhayibhile ithetha nangezinto ezazingaziwa ngexesha eyabhalwa ngalo. Ngokomzekelo, ithetha ngezinto ezidibene nesayensi. Izinto ezininzi ethetha ngazo zazingakholelwa ngabantu abaninzi ngexesha eyabhalwa ngalo. Kodwa ke, oososayensi banamhlanje bayavuma ukuba iBhayibhile inyanisile. “Inokuthenjwa ngoku nangonaphakade.”​INdumiso 111:8.

3. Kutheni sinokuyithemba into ethethwa yiBhayibhile ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo?

IBhayibhile ineziprofeto * ezichaza “izinto zingekenziwa.” (Isaya 46:10) Yathetha inyani kwakudala ngezinto ezininzi zingekenzeki. Yachaza neenkcukacha ezininzi ngezinto ezenzekayo namhlanje emhlabeni. Kwesi sifundo, siza kuthetha ngezinye iziprofeto zeBhayibhile. Iyamangalisa into yokuba ziye zenzeka kanye ngendlela ezachazwa ngayo.

FUNDA NEZINYE IZINTO

Funda indlela oososayensi bangoku abavumelana ngayo nezinto ezithethwa yiBhayibhile, uze ufunde ezinye izinto ngeziprofeto zeBhayibhile ezimbalwa.

4. Isayensi iyavumelana neBhayibhile

Kudala, abantu abaninzi babekholelwa ukuba umhlaba ubekwe phezu kwento. Dlala IVIDIYO.

Yiva ukuba yathini incwadi kaYobhi kwiminyaka eyi-3 500 eyadlulayo. Funda uYobhi 26:7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Kutheni emangalisa amazwi athi umhlaba “uwujingisa emoyeni”?

Umjikelo wamanzi waqondwa kwiminyaka emalunga neyi-200 nje qha eyadlulayo. Kodwa yiva ukuba iBhayibhile yathini kwiminyaka emalunga neyi-3 500 eyadlulayo. Funda uYobhi 36:27, 28, nize nincokole ngale mibuzo:

  • Kutheni ikumangalisa indlela elula ocaciswa ngayo lo mjikelo wamanzi?

  • Iivesi osandokuzifunda zikwenza uyithembe nakakhulu iBhayibhile?

5. IBhayibhile yazichaza kwakudala izinto ezibalulekileyo ezaziza kwenzeka

Funda uIsaya 44:27–45:2, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Zeziphi izinto ezachazwa yiBhayibhile kwiminyaka eyi-200 ngaphambi kokuba iBhabhiloni iwe?

Imbali ibonisa ukuba uKumkani uKoreshi, wasePersi nomkhosi wakhe basoyisa isixeko saseBhabhiloni ngo-539 B.C.E. * Bagrumba umsele ukuze bangene kumlambo owawukhusele esi sixeko. Emva kokungena kwiigeyithi zesixeko ezazishiywe zingavalwanga, basoyisa bengakhange balwe nokulwa. Namhlanje, kwiminyaka emalunga neyi-2 500 eyadlulayo, iBhabhiloni ingamabhodlo. Ngoku khawujonge ukuba iBhayibhile yathini ngaphambi kokuba yenzeke loo nto.

Funda uIsaya 13:19, 20, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Esi siprofeto senzeka njani?

Amabhodlo eBhabhiloni kwindawo ekuthiwa yi-Iraq namhlanje

6. IBhayibhile yathetha ngezinto esizibonayo namhlanje zingekenzeki

IBhayibhile ithi siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Yiva iBhayibhile yathini ngemihla yokugqibela.

Funda uMateyu 24:6, 7, nize nincokole ngalo mbuzo:

  • Yathi iBhayibhile kuza kwenzeka ntoni ngemihla yokugqibela?

Funda 2 Timoti 3:1-5, nize nincokole ngale mibuzo:

  • IBhayibhile yathi abantu baza kuba njani ngemihla yokugqibela?

  • Ngabaphi abantu osele ubabonile wena ekuthethwe ngabo apha?

ABANYE ABANTU BATHI: “IBhayibhile yincwadi yeentsomi.”

  • Yeyiphi eyona nto ikwenza uqiniseke ukuba sinokuyithemba iBhayibhile?

UFUNDE NTONI?

Imbali, isayensi, neziprofeto zibonisa ukuba ungayithemba iBhayibhile.

Khawutsho

  • Izinto esizifunda eBhayibhileni ziyinyani?

  • Zeziphi ezinye izinto isayensi evumelana ngazo neBhayibhile?

  • Uyayikholelwa into yokuba iBhayibhile iyakwazi ukuchaza izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo? Kutheni usitsho?

Into Endizimisele Ukuyenza

JONGA NEZI ZINTO

Ngaba kukho izinto ezingeyonyani eBhayibhileni ngesayensi?

“Ngaba Isayensi Iyavumelana NeBhayibhile?” (Inqaku eliku-jw.org/xh)

Ziintoni ezenzekayo kule ‘mihla yokugqibela’?

“IziProfeto Ezi-6 ZeBhayibhile Ozibona Zizaliseka” (IMboniselo, Meyi 1, 2011)

Funda indlela eziye zenzeka ngayo iziprofeto zeBhayibhile ngoBukhosi BamaGrike.

Ukuqiniswa “LiLizwi Lesiprofeto” (5:22)

Funda indlela iziprofeto zeBhayibhile ezayitshintsha ngayo into eyayicingwa yenye indoda ngeBhayibhile.

“Ndandisithi Akakho UThixo” (IMboniselo No. 5 2017)

^ isiqe. 9 Iziprofeto yimiyalezo ethethwa nguThixo ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo

^ isiqe. 25 UB.C.E. yiminyaka emalunga neyi-540 ngaphambi kokuba uYesu azalwe, uC.E. yiminyaka yokuqala yexesha eliqhelekileyo.