Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndamangaliswa Ziimpendulo ZeBhayibhile Ezicacileyo Nezivakalayo

Ndamangaliswa Ziimpendulo ZeBhayibhile Ezicacileyo Nezivakalayo
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1948

  • ILIZWE: EHUNGARY

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEFUNA IIMPENDULO ZEYONA MIBUZO IBALULEKILEYO NGOBOMI

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa eSzékesfehérvár, isixeko saseHungary esinembali ebalaseleyo esusela kwiminyaka engaphezu kweyi-1 000. Okubuhlungu kukuba, isathe thaa engqondweni imiphumo ebuhlungu eyabangelwa yimfazwe yehlabathi yesibini.

Xa ndandingumntwana, ndakhuliswa ngutamkhulu nomakhulu. Kuthi ngco ngaphakathi xa ndibakhumbula, ingakumbi umakhulu wam uElisabeth. Wandinceda ndanokholo olomeleleyo kuThixo. Ukususela xa ndandineminyaka emithathu, ndandidla ngokucengceleza naye uBawo Wethu Osezulwini. Phofu ke, ndandingawazi nokuba uthetha ukuthini loo mthandazo de ndagabhula iminyaka eyi-20.

Xa ndandisemncinci ndandinyanyekelwa ngutamkhulu nomakhulu kuba abazali bam babesebenza imini nobusuku ukuze baqweb’ imali yokuthenga indlu. Kodwa ke, qho ngoMgqibelo wesibini sasidla ngokudibana sonke njengentsapho sibe nesidlo. Kwakuba mnandi kakhulu ngezo zihlandlo.

Ngo-1958 lazaliseka iphupha labazali bam kuba bathenga indlu esasiza kuhlala kuyo sobathathu. Ndandinemincili kakhulu kuba ekugqibeleni ndandiza kuhlala nabazali bam! Noko ke, olo vuyo lwathi shwaka emva nje kweenyanga ezintandathu. Utata wabulawa ngumhlaza.

Ndandixhelekile. Ndikhumbula ndithandaza ndisithi: “Thixo, bendikucelile nje ukuba usindise utata. Ndisamdinga. Bekutheni ukuze ungawuphenduli umthandazo wam?” Ndandifuna nyhani ukwazi ukuba uphi utata. Ndandizibuza: ‘Ngaba uye ezulwini? Okanye akasayi kuze aphile kwakhona?’ Ndandibamonela abanye abantwana abasenootata.

Phantse suku ngalunye kangangeminyaka emininzi ndandisiya rhoqo emangcwabeni. Ndandiguqa engcwabeni likatata ndize ndithandaze ndithi: “Ndiyakucela Thixo, khawundixelele, uphi utata.” Ndandidla ngokuthandaza ndicele ukuba andincede ndazi eyona njongo yobomi.

Xa ndandineminyaka eyi-13 ndagqiba ekubeni ndifunde isiJamani. Ndandicinga ukuba kuloo nyambalala yeencwadi zesiJamani, ndandinokufumana iimpendulo. Ngo-1967 ndaya kufunda kwisixeko saseJena, esasiyinxalenye yeMpuma Jamani. Ndandikuthanda ukufunda iincwadi ezibhalwe ziintanda-bulumko zamaJamani, ingakumbi ezithetha ngenjongo yobomi. Nangona ezinye zazo zazinenkcazelo eyenza umdla, kodwa ayikho kuzo eyandiphendula kakuhle. Ndaqhubeka ke ndithandaza ndicela iimpendulo.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Ngo-1970 ndabuyela eHungary, ndaza ndadibana nesithandwa sam endatshata naso, uRose. Ngelo xesha, iHungary yayilawulwa ngamaKomanisi. Kungekudala emva kokuba sitshatile noRose, sabalekela eOstriya. Eyona nto sasiyibawela kakhulu yayikukufudukela eSydney, eOstreliya, apho wayehlala khona umalume wam.

Ndakhawuleza ndafumana umsebenzi eOstriya. Ngenye imini, omnye umfo endandisebenza naye wandichazela ukuba iBhayibhile ingayiphendula yonke imibuzo yam. Wandinika iincwadi ezimbalwa ezithetha ngeBhayibhile. Ndazifunda ngokukhawuleza ezo ncwadi kuba ndandifuna ukuva inkcazelo ekuzo. Ndabhalela abapapashi bazo, amaNgqina kaYehova, ndicela ukuba bandithumelele ezinye.

Kusuku esasibhiyozela unyaka wokuqala sitshatile noRose, satyelelwa liNgqina eliselula laseOstriya. Lalize neencwadi endandizicelile, laza lacela ukundiqhubela isifundo seBhayibhile, nam ke ndavuma. Kuba ndandifuna nyhani ukufunda, sasifunda kabini ngeveki—sifundo ngasinye sithatha malunga neeyure ezine!

Zazindichulumancisa izinto endandizifundiswa ngamaNgqina eziseBhayibhileni. Ndothuka xa andibonisa igama likaThixo, uYehova, kwiBhayibhile yam yesiHungary. Emva kweminyaka eyi-27 ndihamba icawa, andizange ndaliva libizwa igama likaThixo. Ndamangaliswa yindlela iBhayibhile eyayiphendula ngokucacileyo nangokuvakalayo ngayo imibuzo yam. Ngokomzekelo, ndafunda ukuba abantu abafileyo abazinto konke konke, ngokungathi balele yoyi. (INtshumayeli 9:5, 10; Yohane 11:11-15) Ndaphinda ndafunda nangesithembiso seBhayibhile sokuba kwilizwe elitsha ‘ukufa akusayi kubakho.’ (ISityhilelo 21:3, 4) Ndinqwenela ukumbona kwakhona utata, kuba kwelo hlabathi litsha “kuza kubakho uvuko.”—IZenzo 24:15.

URose naye wayezinikele ekufundeni iBhayibhile. Sakhawuleza senza inkqubela, kangangokuba sagqiba ukufundelwa kwiinyanga nje ezimbini! Sasisiya kuzo zonke iintlanganiso ezaziqhutywa ngamaNgqina kwiHolo yoBukumkani. Samangaliswa gqitha yindlela ayencedana ngayo, uthando nomanyano amaNgqina kaYehova analo.—Yohane 13:34, 35.

Ngo-1976 mna noRose safumana imvume yokuya kuhlala eOstreliya. Sakhawuleza safuna amaNgqina kaYehova alapho. Emva kokuba siwafumene asenza saziva samkelekile. Ngo-1978 nathi saba ngamaNgqina.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

ditsho ndazifumana iimpendulo zeyona mibuzo ebendinayo kangangexesha elide. Ngokusondela kuYehova uThixo, ndiye ndafumana oyena Bawo umntu anokunqwenela ukuba naye. (Yakobi 4:8) Ibe ndilixabisa gqitha ithemba lokubona utata kwihlabathi elitsha.—Yohane 5:28, 29.

Ngo-1989 sikunye noRose sagqiba ekubeni sibuyele eHungary ukuze sichazele abahlobo bethu, izalamane kunye nabanye abantu esidibana nabo ngeenkolelo zethu. Siye safumana ilungelo lokufundisa amakhulu abantu iBhayibhile. Abangaphezu kwabayi-70 kubo baye bakhonza uYehova kunye nathi, kuquka nomama wam endimthanda gqitha.

Kangangeminyaka eyi-17 bendithandaza ukuze ndifumane iimpendulo zemibuzo ebendinayo. Ngoku sekudlule iminyaka eyi-39, ibe ndisathandaza nangoku—kodwa ngoku ndithi, “Enkosi Bawo osemazulwini nendimthanda gqitha ngokuphendula imibuzo endandinayo kwasebuntwaneni.”