Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndikunye nomfazi wam uTabitha kumsebenzi wokushumayela

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndandisithi Akakho UThixo

Ndandisithi Akakho UThixo
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1974

  • ILIZWE: GERMAN DEMOCRATIC REPUBLIC

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: NDANDINGAKHOLELWA UKUBA UTHIXO UKHO

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO

Ndizalelwe kwilali yaseSaxony, eGerman Democratic Republic. Ekhaya sasithandana ibe abazali bam bandifundisa indlela yokuziphatha. Kwakulawula urhulumente wobuKomanisi, ngenxa yoko kuninzi lwabantu eSaxony, unqulo lwalungabalulekanga. Nam, ndandisithi uThixo akakho. Izinto ezimbini ezaphembelela ubomi bam de ndaneminyaka eyi-18, kukuba akukho Thixo nobuKomanisi.

Yintoni eyayibangela ukuba ndibuthande ubuKomanisi? Kuba ndandiyithanda into yokuba bonke abantu bayalingana. Ngaphezu koko, ndandikholelwa ukuba akumele kubekho abantu abazizityebi nabangenazinto, bonke bamele balingane. Ndaye ndangena kumbutho wolutsha lwamaKomanisi. Xa ndandineminyaka eyi-14, ndachitha ixesha elininzi ndisebenza kwinkampani eqokelela amaphepha amdaka. Abantu bedolophu yaseAue bandibulela ngomsebenzi omhle endandiwenza kangangokuba abaphathi bandipha ibhaso. Nangona ndandisemncinci, ndandibazi abantu beepolitiki zalapho. Ndandiziva ukuba ndisendleleni eya empumelelweni.

Izinto zavele zapotyakala. Ngo-1989 kwawa uDonga LwaseBerlin nomanyano lwamazwe amaKomanisi akwiMpuma Yurophu. Kwamane kusenzeka izinto ezothusayo. Ndafumanisa ukuba ukungabikho kobulungisa kuxhaphakile kweli lizwe. Ngokomzekelo, abantu ababengabuxhasi ubuKomanisi babecalulwa. Yayisenzeka njani loo nto? Kanti namaKomanisi ayengakholelwa ukuba abantu bayalingana? Ibiyinkqatho kanti into yobuKomanisi? Ndaqalisa ukuba nexhala.

Ndatshintsha ndathanda umculo nokuzoba. Kuba ndandivulekelwe lithuba lokuya kwisikolo somculo, ndifuna nokuya eyunivesithi, ndandifuna ukuba yimvumi. Ndayishiya indlela efanelekileyo yokuziphatha endayifundiswa ndisemncinci. Eyona nto ndandiyithanda kukonwaba nokuba namantombazana amaninzi ngexesh’ elinye. Umculo, umzobo nokwenza unothanda, ezo zinto zonke zange ziwasuse amaxhala endandinawo. Ndandithanda nokuzoba izinto ezoyikisayo. Ngaba izinto zaziza kuhlala zinje? Yayiyintoni injongo yobomi?

Iimpendulo endazifumanayo zandothusa. Ngeny’ imvakwemini esikolweni ndandihleli nabanye abafundi sincokola ngezinto eziza kwenzeka ebomini kwixesha elizayo. UMandy * endandifunda naye wayeliNgqina LikaYehova. Ngaloo mvakwemini wandibonisa eyona ndlela ifanelekileyo. Wathi: “Andreas ukuba ufuna iimpendulo zemibuzo onayo ngobomi nexesha elizayo, funda iBhayibhile.”

Ndandingalivisisi ncam eli cebiso likaMandy kodwa ndagqiba kwelokuba khe ndiyifunde iBhayibhile. Wathi mandifunde kuDaniyeli isahluko 2. Into endayifunda apho yandothusa. Esi siprofeto sichaza ukulandelelana kwamagunya ehlabathi, oorhulumente ababeza kuba nefuthe elikhulu ukuza kutsho kweli xesha lethu. Wandixelela nangezinye iziprofeto zeBhayibhile ezithetha ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Ekugqibeleni ndazifumana iimpendulo zemibuzo yam! Kodwa ngubani obhale iziprofeto, ingubani oyaziyo into eza kwenzeka nyhani kwixesha elizayo? Ngaba uThixo ukho nyhani?

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM

UMandy wandidibanisa noHorst kunye nenkosikazi yakhe uAngelika. La maNgqina andinceda ndaliqonda kakuhle iLizwi likaThixo. Ndakhawuleza ndabona ukuba amaNgqina KaYehova lolona nqulo lulisebenzisa kakhulu igama likaThixo, uYehova. (INdumiso 83:18; Mateyu 6:9) Ndafunda ukuba uYehova uThixo uthembisa abantu ukuba banokuphila ubomi obungunaphakade apha emhlabeni. INdumiso 37:9 ithi: “Abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba.” Eyona nto yandenza ndanomdla kukubona ukuba uThixo ulungiselele wonke umntu ozama ukwenza ukuthanda kwakhe njengoko iBhayibhile ibonisa.

Kodwa ke, kwakusenzima ukutshintsha ubomi bam ndize ndenze into ethethwa yiBhayibhile. Ukuba yimvumi kwandenza ndakhukhumala, kwakusafuneka ndifunde ukuthobeka. Kwakunzima ukuyeka ukwenza unothanda. Ndiyavuya kuba uYehova enomonde, inceba novelwano kubantu abazama ukwenza izinto ezifundiswa yiBhayibhile!

Ukususela ekuzalweni kwam de ndaneminyaka eyi-18, ndandiliKomanisi kwaye ndingakholelwa kuThixo, kodwa iBhayibhile iye yabutshintsha ubomi bam. Izinto endazifundayo zawaphelisa amaxhala endandinawo ngezinto eziza kwenzeka ebomini, zandenza ndazi ukuba ubomi bunenjongo. Ngo-1993, ndabhaptizwa ndaliNgqina LikaYehova, ndaza ngo-2000, ndatshata noTabitha owayezinikele ekukhonzeni uYehova. Sichitha ixesha elininzi sinceda abantu bazi iBhayibhile. Abaninzi esidibana nabo bafana nam, bakhule bengamaKomanisi yaye bengakholelwa kuThixo. Kuyandivuyisa ukubaxelela ngendlela abanokumazi ngayo uYehova.

INDLELA ENDINCEDEKE NGAYO

Ukuqala kwam ukuzidibanisa namaNgqina KaYehova, abazali bam bothuka. Ukususela ngoko, baye babona indlela okundincede ngayo ukuzidibanisa namaNgqina. Okundivuyisayo kukuba ngoku bafundelwa iBhayibhile, bayaya nakwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova.

Mna noTabitha sonwabile emtshatweni kuba sizama ukusebenzisa amacebiso aseBhayibhileni athetha ngabantu abatshatileyo. Ngokomzekelo, ukusebenzisa amacebiso ayo athetha ngokuthembeka emtshatweni kuye kwawuqinisa umtshato wethu.—Hebhere 13:4.

Andisenaxhala ngobomi nento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Ndiziva ndingomnye wentsapho enkuIu yamaKristu esemhlabeni wonke nevuyiswa luxolo lokwenene nomanyano. Kule ntsapho sonke siyalingana. Le yinto ekudala ndikholelwa kuyo kwaye ndiyifuna ubomi bam bonke.

^ isiqe. 12 Igama litshintshiwe.