Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndandingafuni Ukufa!

Ndandingafuni Ukufa!
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1964

  • ILIZWE: ENGILANI

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: UMAMA OFIKISAYO OWAYENGALAWULEKI

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO

Ndazalelwa ePaddington, apho kunyakazela abantu, eLondon, eNgilani. Ndandihlala nomama kunye noosisi bam abathathu. Utata wayemana esishiya ngenxa yengxaki awayenayo yotywala.

Xa ndandisengumntwana, umama wandifundisa ukuba ndithandaze qho xa ndiza kulala. NdandineBhayibhile eneeNdumiso kuphela, ngoko ndazenzela iingoma endiza kuzicula. Ndikhumbula ndifunda kwenye incwadi amazwi awahlala ehleli engqondweni, athi: “Ngeny’ imini uza kufa.” Loo mazwi andenza ndaphuthelwa ebusuku ndicinga ngengomso. Ndandisithi: ‘Ngokuqinisekileyo ubomi abuphelelanga apha. Kutheni ndilapha?’ Ndandingafuni ukufa!

Ndaba nomdla kakhulu kubugqi. Ndaqalisa ukuthetha nabafi, ndisiya emangcwabeni neetshomi endifunda nazo, futhi sibukela iimuvi ezoyikekayo. Sasisithi zimnandi kodwa ziyoyikisa.

Xa ndandineminyaka elishumi ndaqalisa ukungalawuleki. Ndatshaya ndaza ndalikhoboka lecuba. Ekuhambeni kwexesha ndatshaya intsangu. Ndathi ndifika kwiminyaka eyi-11, ndabe sendisela nokusela. Nangona ndandingayithandi incasa yotywala, ndandizithandela nj’ ukunxila. Ndandithanda umculo nokujayiva. Ndandihamba iipati nemijuxuzo yasebusuku. Ndandidla ngokuzimela ebusuku ndibuye ekuseni kakhulu, sendichwechwa. Ndandisiya esikolweni ndidiniwe, ngoko ndandidla ngokuqhwesha. Xa ndiye ndahlala imini yonke, ndandisithi laqa utywala qho kuza kuqalisa esinye isifundo.

Ndazitshona iimviwo zokuphela konyaka. Umama wadana futhi wacaphuka. Kaloku, wayengazi ukuba ndiphila obu bomi. Saxabana kakhulu, ndemka ekhaya. Ndaya kuhlala nomfana endandithandana naye nowayeliRasta, uTony. Wayeqhekeza, ethengisa iziyobisi, esaziwa nangokuba ndlongondlongo. Kungekudala ndakhulelwa ndaza ndazala umntwana oyinkwenkwe ndineminyaka eyi-16.

INDLELA IBHAYIBHILE EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM

Ndadibana namaNgqina KaYehova xa ndandihlala kwikhaya loomama abangatshatanga. Ndandinegumbi endandilinikwe ngabaphathi balapho. Abanye oomama abaselula babesoloko befikelwa ngamaNgqina amabini abhinqileyo. Ngenye imini nam ndaya kumamela. Ndandizimisele ukuwaphikisa. Yonke imibuzo yam ayiphendula ezolile nangokucacileyo ngeBhayibhile. Ayenobubele, nto leyo eyabangela ukuba ndiwathande. Ndavuma ukuba andifundele iBhayibhile.

Kungabanga thuba lide iBhayibhile yandifundisa into eyabutshintshayo ubomi bam. Ndakhula ndikoyika ukufa. Ngoku ndifunda ngovuko awayefundisa ngalo uYesu! (Yohane 5:28, 29) Enye into endayifundayo kukuba uThixo undikhathalele. (1 Petros 5:7) Ndawathanda kakhulu amazwi akuYeremiya 29:11, athi: “‘Kuba mna ndizazi kakuhle iingcamango endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘iingcamango zoxolo, kungekhona ezentlekele, ukuba ndininike ikamva nethemba.’” Ndaqalisa ngoko ukukholelwa ekubeni ndinokuba nethemba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni.INdumiso 37:29.

AmaNgqina KaYehova andithanda ngokusuk’ ezintliziyweni. Xa ndandiqala ukuya kwiintlanganiso zawo, andamkela ngobubele! (Yohane 13:34, 35) Zange ndabufumana obunjalo kwicawa endandiyihamba. Wona andamkela nangona ndingulo mntu ndinguye. Azipha ixesha lokundihoya, aza andipha amacebiso anokundinceda. Nam ndaziva ndingowale ntsapho inkulu ithanda abantu.

Ukufunda kwam iBhayibhile kwandenza ndabona ukuba kuza kufuneka nditshintshe indlela endiphila ngayo ndize ndiphile ngendlela efunwa nguThixo. Zange kube lula ukuyeka ukutshaya. Kwakhona, ndabona ukuba omnye umculo endinawo undenza ndinqanqathekele intsangu, ngoko ndawutshintsha umculo endiwumamelayo. Ekubeni ndandifuna ukuhlala ndisezingqondweni, ndayeka ukuya kwiipati nemijuxuzo yasebusuku kuba ndandiye ndirhalele ukunxila. Ndazenzela iitshomi ezintsha ezaziza kundikhuthaza ukuba ndiphile obu bomi ndibufunayo.IMizekeliso 13:20.

Ngelo xesha, noTony wayefundelwa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Ekubeni ayeyiphendula ngeBhayibhile imibuzo yakhe, naye waqiniseka ukuba yinyaniso le ayifundayo. Wayitshintsha indlela awayephila ngayo: waziyeka iitshomi ezindlongondlongo nokuqhekeza, wayeka nokutshaya intsangu. Ukuze senze zonke izinto ezifunwa nguYehova, sabona ukuba masitshintshe indlela embi esiphila ngayo ukuze umntwana wethu akhulele kwikhaya elizinzileyo. Ngo-1982 satshata.

“Andisaphuthelwa ebusuku ndicinga ngengomso okanye ngokufa”

Ndikhumbula ndikhangela amanqaku kwiMboniselo noVukani! * abalisa ngabantu ababephila njengam baza batshintsha. Yandikhuthaza kakhulu indlela abenza ngayo! Ndazimisela ukuqhubeka ndizama ndingatyhafi. Ndandisoloko ndimcela uYehova ukuba angandincami. Mna noTony sabhaptizwa ngoJulayi 1982.

INDLELA ENDIYE NDANCEDWA NGAYO

Ukuba ngumhlobo kaYehova uThixo kwabusindisa ubomi bam. Mna noTony uye wasixhasa ngamaxesha anzima. Ngaloo maxesha anzima, siye sathembela kuye kwaye siyabona ukuba usoloko enathi.INdumiso 55:22.

Ndiye ndakuvuyela ukunceda abantwana bethu bamazi uYehova njengam. Ngoku ndivuyiswa kukubona nabazukulwana bam besiya bemazi ngakumbi uThixo.

Andisaphuthelwa ebusuku ndicinga ngengomso okanye ngokufa. Veki nganye mna noTony sihambela amabandla amaNgqina kaYehova ukuze sikhuthaze abantu bakaThixo. Sihamba nabo xa besiya kufundisa abanye ukuba, xa benokholo kuYesu, nabo banokuphila ngonaphakade.

^ isiqe. 17 Zipapashwa ngamaNgqina KaYehova.