Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Luza Kuphela Nini Ucalucalulo Emhlabeni?

Luza Kuphela Nini Ucalucalulo Emhlabeni?

“NDINEPHUPHA.” Loo mazwi athethwa nguMartin Luther King, Jr. ngoAgasti 28, 1963. Le nkokeli eyayisilwela amalungelo abantu eMerika yawathetha la mazwi kwiminyaka engamashumi amahlanu eyadlulayo, kweyona ntetho yayo idumileyo. Le ndedeba yayisithi inethemba lokuba ngenye imini abantu baya kuhlala kunye ngoxolo kungekho buhlanga. Nangona wayethetha nabantu baseMerika, eli phupha lakhe liye lanefuthe kubantu beentlanga ezininzi.

UMartin Luther King, Jr., esitsho ngodlwabevu lwentetho yamalungelo abantu

Kwiinyanga ezintathu emva kwentetho kaKing, ngoNovemba 20, 1963, amazwe angaphezu kwe-100 atyobela Isivumelwano Sokuphelisa Zonke Iintlobo Zobuhlanga Emhlabeni. Kumashumi eminyaka emva koko, abantu bebesoloko besenza ezinye iinzame nezivumelwano zokuphelisa ucalucalulo. Kodwa ke, nanku umbuzo, Ube yintoni umphumo?

NgoMatshi 21, 2012, uSosiba Jikelele weZizwe Ezimanyeneyo uBan Ki-moon wathi: “Zininzi izivumelwano nezinye izinto eziye zenziwa ukuze kuthintelwe kuze kuliwe nocalucalulo kunye nobuhlanga. Nakuba kunjalo, ubuhlanga busaqhubeka bubangela intlungu engathethekiyo kwizigidi zabantu emhlabeni wonke.”

Nkqu nakumazwe apho kuye kwenziwa inkqubela ebonakalayo ukuze kuliwe nobuhlanga nezinye iintlobo zocalucalulo, lo mbuzo usaphakama: Ngaba ezi nzame ziye zalusiphula kunye neengcambu ucalucalulo ezintliziyweni zabantu, okanye ngaba zibenze nje balufihla? Abanye bathi ezi nzame ziye zanceda ukunqanda izenzo zocalucalulo, kodwa azibenzi abantu bayeke ukubacingela kakubi abanye. Ngoba kutheni? Kuba izenzo zocalucalulo zinokohlwaywa ngumthetho, ukanti kona ukubacingela kakubi abanye kuyinto eyenzeka entliziyweni nengenakugwetywa ngokwasemthethweni.

Ngoko ke, ukuze kupheliswe ucalucalulo akufanele kujongwe kuphela izenzo ezibonisa ucalucalulo, kodwa kufanele kutshintshwe indlela umntu abajonga ngayo abantu belinye iqela. Ngaba loo nto inokwenzeka? Ukuba kunjalo, inokwenzeka njani? Makhe sithethe ngemizekelo yokoqobo esinceda sibone ukuba abantu banako ukutshintsha nokuthi yintoni enokubanceda benze olo tshintsho.

IBHAYIBHILE YABANCEDA BAYEKA UKUBA NOCALUCALULO

“Andisenalo ucalucalulo.” —ULinda

ULinda: Ndazalelwa eMzantsi Afrika. Ndandisithi wonk’ umntu ongekho mhlophe akakho krelekrele, akafundanga, akathembekanga yaye sisicaka nje somntu omhlophe. Ndandibajonga kakubi abanye yaye ndandingaziboni ukuba ndinocalucalulo. Noko ke, ndatshintsha xa ndaqalisa ukufunda iBhayibhile. Ndafunda ukuba “uThixo akakhethi buso” yaye intliziyo ibaluleke ngaphezu kwebala lethu nolwimi esiluthethayo. (IZenzo 10:34, 35; IMizekeliso 17:3) AmaFilipi 2:3 andinceda ndabona ukuba ndinokukwazi ukuloyisa ikhethe xa abanye ndibabona bongamile kunam. Ukuthobela ezi vesi zeBhayibhile kuye kwandinceda ndanomdla kwabanye abantu, kungakhathaliseki ukuba linjani ibala lolusu lwabo. Ngoku andisenalucalucalulo.

“Ndatsho ndayiqonda indlela abajonga ngayo abantu uThixo.”—UMichael

UMichael: Ndakhulela kwindawo eyayigcwele abantu abamhlophe yaye ndandingabathandi abantu baseAsiya, ingakumbi amaTshayina. Xa ndiqhuba imoto ndize ndibone umntu waseAsiya,  ndandidla ngokuvula ifestile ndize ndimthuke ndisithi “Goduka mduka-ndini!” Xa ndaqalisa ukufunda iBhayibhile, ndatsho ndayiqonda indlela uThixo abajonga ngayo abantu. Uyabathanda kungakhathaliseki ukuba bavela phi yaye banjani. Olo thando lwanditshintsha ndaza nam ndaqalisa ukubathanda abantu endandikade ndibacaphukela. Kuyinto engathethekiyo ukuzibona usenza olo tshintsho. Ngoku ndiyavuya xa ndihleli nabantu bamazwe neemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Oku kuye kwandenza ndonwaba.

“Ndayitshintsha indlela endandicinga ngayo ndaza ndahlala ngoxolo nabantu.”—USandra

USandra: Umama wayevela kwidolophu yaseUmunede ekwiphondo laseDelta eNigeria. Noko ke, abantu bakulotata ngabephondo lase-Edo yaye bathetha ulwimi lwesi-Esa. Abantu bakulotata bamcalula de kwaba yimini awafa ngayo umama. Ngoko ndafunga ndisithi andifuni kwanto indidibanisa nabantu abathetha isi-Esa yaye soze nditshate nomntu ovela kwiphondo lase-Edo. Kodwa xa ndandifundiswa iBhayibhile ndaqalisa ukutshintsha. Ndathi, bendingubani mna ukuba ndingade ndizonde abantu ngenxa yohlanga okanye ulwimi lwabo, ekubeni iBhayibhile isithi uThixo akanalucalucalulo yaye wamkela nabani na omoyikayo? Ndayitshintsha indlela endandicinga ngayo ndaza ndahlala ngoxolo nabantu bakulotata. Ukuthobela iBhayibhile kuye kwandenza ndonwaba ndaza ndaba seluxolweni. Kwakhona, kundincedile ukuze ndiphilisane ngoxolo nabanye, kungakhathaliseki ukuba bangoobani, ngaboluphi uhlanga, bathetha luphi ulwimi yaye bavela kweliphi ilizwe. Uyazi ukuba ndatshata bani? Nomntu osuka kwiphondo lase-Edo yaye uthetha isi-Esa!

Kutheni iBhayibhile iye yakwazi ukunceda aba bantu, kunye nabanye abaninzi, ukuze bohlukane nocalucalulo olwalusele lwendele? Kungenxa yokuba iBhayibhile liLizwi likaThixo. Inamandla okutshintsha indlela acinga ngayo umntu kunye nendlela abajonga ngayo abanye. Ngaphezu koko, iBhayibhile ichaza nenye into efunekayo ukuze kupheliswe zonke iintlobo zocalucalulo.

 UBUKUMKANI BUKATHIXO BUZA KUPHELISA ZONKE IINTLOBO ZOCALUCALULO

Nangona ukwazi iBhayibhile kunokunceda umntu atshintshe nezinto ezendeleyo, kukho ezinye izinto ezimbini ekufuneka zingabikho ngaphambi kokuba ucalucalulo lupheliswe ngokupheleleyo. Okokuqala kukho isono nokungafezeki. IBhayibhile itsho phandle ukuba: “Akukho mntu ungoniyo.” (1 Kumkani 8:46) Ngoko, kungakhathaliseki ukuba sizama kangakanani, sinengxaki efanayo naleyo wayenayo uPawulos owabhala esithi: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.” (Roma 7:21) Ngoko, ngamaxesha athile intliziyo yethu engafezekanga isenokucinga “iingcinga ezimbi” ezinokusenza sibe nocalucalulo.—Marko 7:21.

Okwesibini, kukho noSathana uMtyholi. IBhayibhile ithi ‘usisibulala-mntu’ yaye ithi “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (Yohane 8:44; ISityhilelo 12:9) Kungenxa yoko ucalucalulo lusasazeke kangaka yaye nabantu bebonakala bengenakukwazi ukuphelisa ubuhlanga, ucalucalulo, ukubulawa kwabantu bohlanga oluthile kunye nezinye iintlobo zocalucalulo, enoba zibangelwa lunqulo okanye ezinye izinto.

Ngoko ke, ngaphambi kokuba kupheliswe ucalucalulo, kufuneka kuqale kususwe isono nokungafezeki kunye noSathana uMtyholi. IBhayibhile ifundisa ukuba uBukumkani bukaThixo buza kuyenza loo nto.

UYesu Kristu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze kuThixo bathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) BuBukumkani bukaThixo obuza kuphelisa zonke iintlobo zokungekho sikweni, kuquka lonke ucalucalulo.

Xa uBukumkani bukaThixo bufika buze bulawule umhlaba, uSathana uza ‘kubotshwa’ ukuze angakwazi ‘ukulahlekisa iintlanga.’ (ISityhilelo 20:2, 3) Ngelo xesha, kuya kubakho ‘umhlaba omtsha’ apho “kumi ubulungisa.” *2 Petros 3:13.

Abantu abaza kuphila kwelo hlabathi lamalungisa baza kufezeka baze bangabi nasono. (Roma 8:21) Njengoko beza kube belawulwa buBukumkani bukaThixo, ‘abayi kwenzakalisa okanye bonakalise.’ Ngoba? “Ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova.” (Isaya 11:9) Ngelo xesha bonke abantu baya kufundiswa ukuphila ngemithetho kaYehova uThixo baze babe nothando njengaye. Siya kuba njalo ke isiphelo salo lonke ucalucalulo, “kuba akukho kukhetha buso kuThixo.”—Roma 2:11.

^ isiqe. 17 Ukuze ufunde okungakumbi ngoBukumkani bukaThixo noko buza kukwenza kungekudala, funda isahluko 3, 8 nesesi-9, kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.