Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Ngokuzithandela—ENorway

Bazinikela Ngokuzithandela—ENorway

Kwiminyaka embalwa edlulileyo, isibini esele siza kudibanisa iminyaka engama-50 uRoald noElsebeth, babeziphilela kamnandi eBergen, idolophu yesibini ngobukhulu eNorway. Bekunye nentombi nonyana wabo uIsabel noFabian babekhonza ngokunyaniseka kwibandla ababekulo. URoald wayengumdala, uElsebeth enguvulindlela, ngoxa uIsabel noFabian babeqhuba kakuhle.

Noko ke, ngoSeptemba 2009, le ntsapho yagqiba ekubeni yenze into eyahlukileyo—ukuya kushumayela kummandla okwanti kangangeveki. URoald noElsebeth bahamba noFabian owayeneminyaka eli-18 ngoko, baya eNordkyn, usingasiqithi okwilizwe laseFinnmark, kumntla weArctic Circle. Kwidolophu yalapho iKjøllefjord badibana nabazalwana noodade nabo ababeye apho ukuze bashumayele. URoald uthi: “Ekuqaleni kwaloo veki, ndavuyiswa gqitha yinto yokuba ndiye ndakwazi ukucwangcisa iimeko zam ukuze ndishumayele apho iveki yonke.” Kwathi kusenjalo, kwavela into eyashiya uRoald ecingisisa ngakumbi. Yayiyintoni leyo?

 INTO ESINGAZANGE SIYILINDELE

URoald uthi: “Sathi singalindelanga, uMario, uvulindlela awayekhonza eFinnmark, wasibuza enoba sasinokukwazi kusini na ukufuduka siye kunceda ibandla elinabavakalisi abangama-23 kwidolophu yaseLakselv.” URoald wothuswa nguloo mbuzo. Uthi: “Ngaphambili sakha sacinga ngokuya kunceda kwiindawo ezifuna abavakalisi abangakumbi—kodwa sagqiba ekubeni silinde de abantwana baye kuzihlalela.” Kwezo ntsuku zimbalwa beshumayela apho, uRoald wabona ukuba abantu balapho babenomdla. Babefuna uncedo olungxamisekileyo. Uthi: “Lo mbuzo wankenteza de kwanzima nokulala.” UMario wakhwelisa uRoald nentsapho yakhe waya kubabonisa iLakselv, ekumgama weekhilomitha ezingama-240 kumazantsi eKjøllefjord. Wayefuna bazibonele ngokwabo elo bandla lincinane.

Ukufika kwabo eLakselv, uAndreas, omnye kubadala balapho ababini wababonisa loo mmandla kunye neHolo yoBukumkani. Ibandla labamkela ngokufudumeleyo laza labaxelela ukuba lingavuya gqitha xa intsapho yabo inokufudukela apho ukuze incede ibandla labo. Etsho ngoncumo, uAndreas wabachazela ukuba sele elungiselele udliwano-ndlebe lokuba uRoald noFabian bafumane umsebenzi apho! Yayiza kuthini ngoku le ntsapho?

KWAFUNEKA BAKHETHE

Ekuqaleni, uFabian waba madolw’ anzima ukufudukela apho. Wayengayiginyi ncam eyokushiya abahlobo akhule nabo kwibandla lakowabo aye kuhlala kwidolophu encinane nengacacanga. Enye into, kwakusafuneka agqibezele uqeqesho lokusebenza ngombane. Kwathi kwakubuzwa uIsabel (owayeneminyaka engama-21), waxhuma luvuyo esithi: “Yilento kanye bendisoloko ndiyifuna!” Kodwa uphinda athi: “Ngokuya ndiyicingisisa, ndandizibuza, ‘Ngaba bubulumko ukwenza oku? Ngaba andizi kukhumbula abahlobo bam? Ngaba akubhetelanga ndihlale apha ebandleni indawo endiyiqhelileyo?’” Wathini yena uElsebeth? Uthi: “Ndandivakalelwa kukuba uYehova uyasithuma, kodwa ndacinga ngendlu yethu esisandul’ ukuyilungisa nazo zonke izinto esiziqokelele kwiminyaka engama-25.”

UElsebeth noIsabel

Ukuphela kwaloo veki ikhethekileyo, uRoald nentsapho yakhe bagoduka, kodwa bengabalibali abazalwana noodade baseLakselv, ekumgama weekhilomitha ezingama-2 100. UElsebeth uthi: “Ndandingayeki ukuthandaza, ndaza ndaqhubeka ndinxibelelana nabo bahlobo yaye sithumelelana iifoto namava.” URoald uthi: “Ndandifuna ixesha lokuba izike le nto yokufuduka. Ndandifuna ukubona enoba siza kukwazi kusini na ukuzinyamekela. Ndandingayeki ukuthandaza nokuthetha nentsapho yam kuquka abazalwana abanamava.” UFabian uthi: “Okukhona ndicingisisa ngalo mba, kwaba kokukhona ndingasiboni isizathu sokwala. Ndathandaza ngamandla, waza wakhula ngakumbi umnqweno wokufuduka.” Kuthekani ngoIsabel? Ezilungiselela ukufuduka, waqalisa ukuba nguvulindlela kwidolophu yakowabo. Emva kweenyanga ezintandathu enguvulindlela, nalapho wachitha ixesha elingakumbi efundisisa iBhayibhile, waziva ekulungele ukufuduka.

AMALUNGISELELO OKUPHUMEZA INJONGO YABO

Njengokuba wawukhula lo mnqweno wokuya kunceda, le ntsapho yenza amalungiselelo okuphumeza loo njongo. URoald wayenomsebenzi ohlawula kakuhle yaye ewuthanda, kodwa wacela ikhefu lonyaka wonke. Kodwa umqeshi wakhe wamcela ukuba asebenze isingxungxo—iiveki ezimbini, aze angabikho iiveki ezintandathu. Uthi: “Umvuzo wam wacuthwa kanobom, kodwa wawuza kundanela.”

UElsebeth uthi: “Umyeni wam wandicela ukuba ndikhangele indlu eLakselv size sizame ukuqeshisa ngaleyo yethu iseBergen. Yaba ngumsebenzi onzima notya ixesha lowo, kodwa sada saphumelela. Emva kwexesha, abantwana bafumana umsebenzi wesingxungxo, baza basincedisa kwiindleko zentsapho.”

UIsabel uthi: “Ekubeni le dolophu sasifudukele kuyo yayincinane, kwaba nzima gqitha ukufumana umsebenzi. Ndandikhe ndifune ukuncama.” Sekunjalo, ngenxa yokwamkela nawuphi na umsetyenzana ovelayo—izihlandlo ezisithoba kunyaka wokuqala—uIsabel wakwazi ukuzinyamekela. Zahamba njani izinto kuFabian? Uthi: “Kwakufuneka  ndisebenze kwinkampani eza kundinika iimpepha-mvume zokusebenza ngombane ukuze ndigqibe izifundo zam. Yiloo nto kanye endayenzayo eLakselv. Ndaphumelela izifundo zam ndaza ndafumana umsebenzi wesingxungxo.”

INDLELA ABANYE ABANDISA NGAYO INKONZO YABO

UMarelius noKesia beshumayela kwibhinqa lohlanga lwamaSami eNorway

UMarelius nenkosikazi yakhe uKesia, nabo babefuna ukuya kunceda kwindawo ekufuneka abavakalisi abangakumbi kuzo. UMarelius, oneminyaka engama-29 ngoku uthi: “Ngenxa yeentetho nodliwano-ndlebe olwalukwindibano yesithili ndasala ndicinga ngokwandisa inkonzo yam.” Kodwa kuKesia, oneminyaka engama-26 ngoku, kwakunzima gqitha ukuya kukhonza kude nezalamane zakhe. Uthi: “Ndandigubha xa ndicinga ngokushiya izalamane zam.” Enye into, uMarelius wayesebenza ixesha elizeleyo esenzela ukuhlawula imali-mboleko ababebambise ngendlu yabo kuyo. Uthi: “Ngenxa yokuthandaza singayeki, uYehova wasinceda saphumelela kuhlengahlengiso saza sakwazi ukufuduka.” Ekuqaleni bachitha ixesha elingakumbi befundisisa iBhayibhile. Emva koko, bathengisa indlu yabo, bayeka emsebenzini baza bafuduka ngoAgasti 2011 baya kuba ngoovulindlela kwisixeko saseAlta, kumantla eNorway. Ukuze bakwazi ukuzinyamekela, uMarelius wayencedisa ekubaleni imali yenye inkampani ngoxa yena uKesia esebenza evenkileni.

UKnut noLisbeth, isibini esingaphaya kweminyaka engama-35, sachukunyiswa yingxelo ekwiNcwadi Yonyaka ethetha ngabo bakhonza kwiindawo ezifuna abavakalisi boBukumkani abangakumbi. ULisbeth uthi: “La mava asitsho sacinga ngokuya kukhonza kwelinye ilizwe, kodwa kwakunzima kuba ndandingaqiniseki ukuba le yinto enokwenziwa ngumntu nje oqhelekileyo njengam.” Sekunjalo, benza amalungiselelo okuphumeza le njongo. UKnut uthi: “Ukuze songe imali, sathengisa indlu yethu saya kuhlala noMama. Ekubeni sasifuna ukwazi ukuba kunjani ukukhonza kwelinye ilizwe, kangangonyaka safudukela kwibandla lesiNgesi eliseBergen, apho safika sahlala nomama kaLisbeth.” Zange kube kudala bakulungela ukufudukela kwelinye ilizwe, ibe benza into eyayingalindelekanga, ukufudukela eUganda. Rhoqo ngonyaka babebuyela eNorway ukuze basebenze iinyanga ezimbini. Le yindlela ababefumana ngayo imali yokuzinyamekela unyaka wonke eUganda.

“NGCAMLANI NIBONE UKUBA UYEHOVA ULUNGILE”

“Intsapho yethu iye yasondelana ngakumbi.”—Roald

Izinto zabahambela njani aba basebenzi bazinikeleyo? URoald uthi: “Satsho sakwazi ukuchitha ixesha elininzi kunye njengentsapho kunokuba kwakunjalo ngoxa sasiseBergen. Intsapho yethu iye yasondelelana ngakumbi. Eyona ntsikelelo ingathethekiyo kukubona abantwana bethu besiba nolwalamano olungakumbi noYehova. Enye into ngoku asisazixhalabisi kangako ngezinto eziphathekayo. Azisabalulekanga njengokuba sasicinga.”

 UElsebeth wagqiba ekubeni afunde olunye ulwimi. Ngoba? Intsimi yeBandla laseLakselv iquka idolophana yaseKarasjok, ezaliswe ngamaSami—iinzalelwane ezivela kwimimandla ekumantla eNorway, iSweden, iFinland, neRashiya. Ngoko ukuze ashumayele kubo, uElsebeth wafunda ulwimi lwesiSami. Ngoku uyakwazi ukuncokola namaSami ngolwimi lwawo. Ngaba uyayinandipha le ntsimi? Engaziva luvuyo uthi: “Ngoku ndinezifundo zeBhayibhile ezithandathu. Akukho ndawo imnandi njengale!”

UFabian, ngoku onguvulindlela nesicaka solungiselelo, uthi benoIsabel baye banceda ulutsha lwalapho olwalufuna ukukhuthazwa ukuze luxakeke ebandleni. Ngoku olu lutsha luxakekile lukhonza uThixo. Enyanisweni, ababini kulo babhaptizwa baza bangoovulindlela abancedisayo ngoMatshi 2012. Omnye nowayesele ecinga ngokushiya inyaniso wababulela uFabian noIsabel ngokumnceda “abambelele kwinyaniso.” UFabian uthi: “Ndachukumiseka gqitha kukuva oko. Akukho nto ivuyisa njengokunceda omnye umntu!” UIsabel uthi: “Ngokwenene, kwesi sabelo, ndiye ‘ndangcamla ndaza ndabona ukuba uYehova ulungile.’” (INdu. 34:8) Uphinda athi: “Ukongezelela, ndikunandipha gqitha ukukhonza apha!”

UMarelius noKesia ngoku baphila ubomi obulula kodwa obunomvuzo ngakumbi. Ngoku, ibandla laseAlta, abafudukela kulo linabavakalisi abangama-41. UMarelius uthi: “Xa ndikhangela emva, kukhuthaza gqitha ukubona indlela obuye batshintsha ngayo ubomi bethu. Siyambulela uYehova ngokusinceda sikwazi ukuza kuba ngoovulindlela apha. Ayikho into esanelisa njengale.” UKesia wongezelela athi: “Ndiye ndafunda ukuthembela kuYehova ngakumbi, ibe uye wasinyamekela kakuhle. Ndifumanise nokuba ukuhlala kude nezalamane zam kundincede ndawaxabise nangakumbi amathuba avelayo esiwachitha nazo. Andizisoli ngesigqibo esasenzayo.”

UKnut noLisbeth befunda nenye intsapho yaseUganda

Baqhuba njani bona uKnut noLisbeth eUganda? UKnut uthi: “Kuthatha ixesha ukuze uqhelane nendawo neendlela yokuphila entsha. Maxa wambi siba nengxaki yamanzi, umbane nesisu, kodwa asikhe sibe nengxaki yezifundo zeBhayibhile!” ULisbeth uthi: “Kumgama nje wesiqingatha seyure ukusuka apho sihlala khona, kukho intsimi enabantu abangekaziva iindaba ezilungileyo. Kodwa xa sifika apho sifika kukho abazifundela iBhayibhile, baze bacele ukuba sibafundise. Ayikho nto enokuthelekiswa novuyo lokufundisa abantu abathobeke ngolo hlobo isigidimi seBhayibhile!”

Imele ukuba ayiziva luvuyo iNkokeli yethu esezulwini, uYesu Kristu xa ibona indlela esiwenza ngayo kwiinxalenye ezikude zomhlaba lo msebenzi yawusungulayo! Ewe, bonke abantu bakaThixo bavuyiswa gqitha kukuzinikela ngokuzithandela ukuze baphumeze umyalelo kaYesu ‘wokwenza abafundi abantu beentlanga zonke.’—Mat. 28:19, 20.