Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UAlisa

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu​—ETurkey

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu​—ETurkey

AMAKRISTU enkulungwane yokuqala aye azama ukushumayela kubantu abaninzi ‘ngeendaba ezilungileyo zobukumkani.’ (Mat. 24:14) Amanye ade aya kwamanye amazwe. Ngokomzekelo, xa wayekuhambo lwakhe lobuvangeli, umpostile uPawulos wayokushumayela kwindawo ngoku eyaziwa ngokuba yiTurkey. * Kwiminyaka emalunga neyi-2 000 emva koko, ngo-2014, kwaye kwaphinda kwakho iphulo elikhethekileyo lokushumayela eTurkey. Kwakutheni ukuze kwenziwe eli phulo? Yayingoobani ababekulo?

“KUQHUBEKA NTONI?”

Abavakalisi baseTurkey bangaphezu kwe-2 800, kodwa abantu abahlala apho bazizigidi eziyi-79. Le nto ithetha ukuba ukuze abavakalisi babashumayeze bonke abo bantu, bekuya kufuneka mvakalisi ngamnye ashumayeze abantu abamalunga nabayi-28 000. Unokuzicingela nawe ukuba abavakalisi balapho bakwazi ukuncokola nabantu nje abambalwa kwelo lizwe. Eyona njongo yeli phulo likhethekileyo yayikukushumayela kubantu abaninzi kangangoko ngexesha nje elifutshane. Abazalwana noodade abamalunga ne-550 abakwaziyo ukuthetha ulwimi lwaseTurkey basuka kumazwe abo bayokuncedisa abazalwana baseTurkey kweli phulo. Umphumo waba yintoni?

Kwashunyayelwa kubantu abaninzi. Abavakalisi bebandla laseIstanbul bathi: “Bathi bakusibona abantu basibuza, ‘Ninomhlangano omkhulu na? Sibona amaNgqina KaYehova egcwele yonk’ indawo!’” Abavakalisi bebandla elikwidolophu yaseIzmir bona bathi: “Kwathi gqi indoda esebenza erenkini, yabuza kumdala webandla, ‘Kuqhubeka ntoni? Niwandisile ngoku umsebenzi wenu?’” Abantu babeliqaphela eli phulo.

USteffen

Abazalwana abasuka kwamanye amazwe babewuthanda nyhani lo msebenzi wokushumayela. USteffen, waseDenmark wathi: “Yonk’ imihla ndandishumayela kubantu abangazange beva kwanto ngoYehova. Ndazibona ukuba nyhani ndinceda abantu balazi igama likaYehova.” UJean-David waseFransi yena uthi: “Sasishumayela kwisitrato esinye ixesha elide. Kwakumnandi nyhani! Abantu abaninzi babengawazi amaNgqina KaYehova. Phantse kuyo yonke imizi esingena kuyo, sasiqal’ incoko, sidlal’ ividiyo size sishiye nencwadi kuloo mntu sifike ekho.”

UJean-David (phakathi)

Aba bavakalisi bayi-550 bahambisa iincwadi ezimalunga ne-60 000 ngeeveki nje ezimbini! Kwashunyayelwa kubantu abaninzi kakhulu kweli phulo.

Bayikhuthalela ngakumbi intsimi. Eli phulo likhethekileyo lafak’ umfutho kubazalwana baseTurkey. Abaninzi bacinga nangokuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Phofu ke, kwiinyanga nje eziyi-12, inani loovulindlela abathe ngxi landa nge-24 phesenti kwiinyanga eziyi-12 emva kweli phulo.

UŞirin

Abavakalisi ababeyokunceda eTurkey, bachaza indlela eli phulo elabanceda ngayo xa babuyela emazweni abo. Udade waseJamani uŞirin wathi: “Abazalwana baseTurkey babeshumayela ngokungacwangciswanga lula nje. Yayinzima kum loo nto, kaloku ndingumntu oneentloni. Eli phulo, umzekelo wabazalwana nokuthandaza kwandinceda nyhani. Ngoku ndiyakwazi ukushumayela ngokungacwangciswanga. Ndade ndashumayela nakwisikhululo sikaloliwe esingaphantsi komhlaba ndahambisa namaphecana. Ngoku andisenazintloni kangako.”

UJohannes

UJohannes waseJamani wathi: “Kukho izinto endizifundileyo ezindinceda entsimini. Abazalwana baseTurkey bafuna ukushumayela kubantu abaninzi kangangoko. Bashumayela nanini na kuvela ithuba. Ukubuyela kwam eJamani ndafika ndenza loo nto nam. Ngoku ndishumayela kubantu abaninzi ngakumbi kunakuqala.”

UZeynep

UZeynep waseFransi yena uthi: “Eli phulo lindincedile kakhulu kwindlela endishumayela ngayo. Lindincede ndanesibindi ndaza ndamthemba kakhulu uYehova.”

Abavakalisi basondelelana nangakumbi. Ayisoze ilibaleke indlela abazalwana noodade abasuka kumazwe ahlukeneyo ababemanyene nababethandana ngayo. UJean-David ekuthethwe ngaye ngaphambili uthi: “Saye ‘sangcamla’ ububele babazalwana. Saba ngabahlobo nenxalenye yentsapho yabo. Basivulela amakhaya abo. Ndandisazi kona ukuba sinabazalwana emhlabeni wonke kuba ndandisoloko ndifunda ngabo kwiincwadi zethu. Kodwa ngoku ndazibonela ngawam amehlo. Ndaziqhenya nangakumbi ngokuba ngumkhonzi kaYehova, ndimbulela kakhulu ngale nyhweba yokumkhonza.”

UClaire (phakathi)

UClaire waseFransi uthi: “Enoba ungowaseDen­mark, eFransi, eJamani, okanye eTurkey, sonke siyintsapho enye. Yayingathi uThixo uvele wasenza sangabelizwe elinye.”

UStéphanie (phakathi)

UStéphanie waseFrance uthi: “Eli phulo likhethekileyo lasifundisa ukuba asimanyaniswa zizithethe okanye lulwimi esiluthethayo kodwa yindlela esimthanda ngayo uYehova.”

IMIPHUMO YELI PHULO

Abazalwana abaninzi bamanye amazwe baqalisa ukucinga ngokufudukela eTurkey ukuze bancede kulo msebenzi mkhulu kusafuneka wenziwe. Abambalwa sebefudukile. Baxatyiswa kakhulu aba bazalwana.

Nanku omny’ umzekelo, kwakukho iqela elisemagqagaleni elalinabavakalisi abayi-25 kuphela. Lalinomdala omnye kangangeminyaka. Ngo-2015, kwafika abavakalisi abathandathu abasuka eJamani naseNetherlands bezokuncedisa kweli qela. Unokuyicinga indlela elavuya ngayo!

UKUBA SEMSINI

Bathini abazalwana abafudukela eTurkey ngobomi balapho? Bayavuma kona ukuba kukhe kube nzima, kodwa ukuncedisa khona kuneentsikelelo. Khawuve ukuba abanye bathini:

UFederico

UFederico osandul’ ukuba neminyaka eyi-40 owayehlala eSpeyin nenkosikazi yakhe, baza bafudukela eTurkey uthi: “Ukungabi nazinto ezininzi zobu bomi eziza kuhluth’ ingqondo yam kundinceda ndihlale ndikhululekile, ndikwazi nokujongana nezinto ezibalulekileyo.” Ngaba uyabakhuthaza abantu ukuba babe kule nkonzo? Uthi: “Ewe. Xa usiya kwelinye ilizwe ufuna ukunceda abantu bamazi uYehova, uthembela kuye ukuba akuxhase. Uye uyibone indlela akukhathalele ngayo.”

URudy

URudy osele eza kuba neminyaka eyi-60 nenkosikazi yakhe ababehlala eNetherlands baza bafudukela eTurkey uthi: “Kwanelisa ngendlela engathethekiyo ukuba phakathi emsini, uchazela abantu abaninzi ngenyaniso abangazange bayiva ngaphambili. Ukubona indlela abonwaba ngayo abantu xa befumana inyaniso kuyandonwabisa.”

USascha

USascha, indoda etshatileyo yaseJamani esandula ukudlula kwiminyaka eyi-40, yafudukela eTurkey. Uthi: “Qho ndisentsimini ndisoloko ndithetha nabantu abaqala ngqa ukudibana namaNgqina KaYehova. Kundanelisa kakhulu ukunceda abo bantu bafunde ngoYehova.”

UAtsuko

Udade otshatileyo waseJapan, uAtsuko, osele eyigabhule iminyaka eyi-30 uthi: “Ekuqaleni ndandifuna ifike ngoku iArmagedon. Kodwa emva kokuba ndifudukele eTurkey, ndiyambulela uYehova ngokuba nomonde. Xa ndibona indlela uYehova azenza ngayo izinto, ndiya ndifuna ukusondela kakhulu kuye.”

UAlisa udade waseRashiya osandul’ ukuba neminyaka eyi-30 uthi: “Ukuba kule ntsimi kundincede ndabona zonke iindlela alunge ngazo uYehova.” (INdu. 34:8) Wongeza athi: “UYehova akangobawo nje qha kum, ukwangoyena mhlobo wam ndimthandayo. Iimeko ezahlukeneyo endiphila kuzo zindenza ndimazi kakhulu. Zininzi izinto ezindonwabisayo ebomini bam, nobubele andenzela bona uYehova!”

‘KHAWUBONE AMASIMI’

Kweli phulo likhethekileyo, kuye kwashunyayelwa kubantu abaninzi kakhulu eTurkey. Sekunjalo, kusekho umhlaba omkhulu ekungekashunyayelwa kuwo. Yonk’ imihla abavakalisi abafudukela eTurkey bancokola nabantu abangazange beva ngoYehova. Awungethandi na ukuya kwintsimi enjalo? Ukuba ungathanda, sikukhuthaza ukuba ‘uphakamise amehlo akho uze ubone amasimi ukuba amhlophe ukuze kuvunwe.’ (Yoh. 4:35) Ungakwazi ukuncedisa kwilizwe elinamasimi “amahlophe ukuze kuvunwe”? Ukuba kunjalo, qala ngoku ukusebenzela kuloo nto. Nantsi into onokuqiniseka ngayo: Xa uzimisela ukushumayela iindaba ezilungileyo “kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba” uza kufumana iintsikelelo ezingenakuthelekiswa nanto!​—IZe. 1:8.

^ isiqe. 2 Funda incwadana ethi, Khawubone Eli Lizwe Lihle” iphe. 32-33.