Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Bengaqhutwa Mntu​—⁠EMadagascar

Bazinikela Bengaqhutwa Mntu​—⁠EMadagascar

USylviana, uvulindlela oneminyaka engaphezu kweyi-20 uthi: “Xa abahlobo bam babendibalisela ngezinto ezenzeka kwiindawo abangoovulindlela kuzo ezifuna abavakalisi abangakumbi, ndandiye ndirhale.” Uthi: “Kodwa yayingathi andinakukwazi ukuya kushumayela apho kufuneka abavakalisi abangakumbi.”

Ngaba nawe uyafana noSylviana? Uyarhalela ukuya kushumayela apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abangakumbi kodwa akuzithembanga? Ukuba unjalo, ungatyhafi! UYehova uye wabanceda abazalwana noodade abaninzi bakwazi ukulwa neengxaki ebezibabangela bangakwazi ukuya kushumayela kwezinye iindawo. Makhe siye kwesona siqithi sesine ngobukhulu ehlabathini, iMadagascar, ukuze sibone ukuba uYehova ubancede njani.

Kwiminyaka engaphezu kweyi-10 edlulileyo, abavakalisi noovulindlela abakhutheleyo abangaphezu kwe-70 abasuka kumazwe ayi-11 * baye beza kushumayela kweli lizwe laseAfrika linabantu abaninzi abanomdla nabayihloniphayo iBhayibhile. Nabavakalisi abaninzi balapha baye bawashiya amakhaya abo baya kushumayela kwezinye iindawo zalapha. Makhe sithethe ngabanye baba bavakalisi.

WAYEKA UKOYIKA, WAFUMANA AMANDLA

UPerrine noLouis

ULouis noPerrine, indoda nomfazi abaneminyaka engaphezu kweyi-30, bafudukela eMadagascar besuka eFransi. Kangangeminyaka, babesoloko becinga ukuba kufuneka khe baye kushumayela kwezinye iindawo, kodwa uPerrine wayengade aqiniseke ukuba uyafuna nyhani na. Uthi: “Ndandisoyika ukuya kwindawo endingayaziyo. Ndandinexhala lokushiya intsapho yethu, ibandla, indawo esihlala kuyo, iindawo esiziqhelileyo nokutshintsha indlela esiphila ngayo. Eyona nto kwakufuneka ndilwe nayo, lelo xhala.” UPerrine walwa nelo xhala baza ngo-2012 baya eMadagascar. Uthini xa ecinga ngesigqibo abasenzayo? “Xa ndicinga emva, ndinokuthi, ukubona indlela uYehova asinceda ngayo kuye kwalomeleza ukholo lwam.” ULouis yena uthi: “KwiSikhumbuzo sokuqala sifikile eMadagascar, kweza izifundo zethu eziyi-10.”

Xa baneengxaki, bancedwa yintoni ukuze bangahambi? Bathandaza kuYehova bemcela ukuba abaphe amandla okunyamezela. (Fil. 4:13) ULouis uthi: “UYehova wayiphendula imithandazo yethu waza wasinika ‘uxolo lwakhe.’ Sahlala sicinga ngendlela osivuyisa ngayo umsebenzi kaThixo esiwenzayo. Nezihlobo zethu ekhaya zazisikhuthaza ngee-imeyile neeleta.”—Fil. 4:6, 7; 2 Kor. 4:7.

UYehova wabavuza uLouis noPerrine kuba banyamezela. ULouis uthi: “Ngo-Oktobha 2014 saya kwiSikolo SeBhayibhile Sezibini EzingamaKristu * eFransi. Ukuya kweso sikolo yaba sisipho sikaYehova esingasoze sisilibale.” Emva kokuba bephumelele esikolweni, babuyiselwa eMadagascar.

“SIZA KUQHAYISA NGANI!”

UNadine noDidier

Ngo-2010 uDidier noNadine, indoda nomfazi abasuka eFransi, bafudukela eMadagascar, beneminyaka engaphezu kweyi-50. UDidier uthi: “Sasingoovulindlela sisebancinci kunoku, emva koko sakhulisa abantwana abathathu. Ukukhula kwabo, sacinga ngokuya kushumayela kwelinye ilizwe.” UNadine yena uthi: “Xa ndandicinga ngokushiya abantwana bethu, ndandiye ndingaqiniseki nokuba ndiyafuna na ukuhamba, kodwa bathi: ‘Ukuba niye kushumayela kwilizwe elifuna abavakalisi abangakumbi, siza kuqhayisa ngani!’ Loo mazwi asenza safuna nyhani ukuhamba. Nangona sikude kubo, into esivuyisayo kukuba sisoloko sincokola nabo.”

Kwakunzima kuDidier noNadine ukufunda isiMalagasy. Encumile uNadine wathi: “Asisengobantwana ngoku.” Yintoni abayenzayo? Baqala ngokuya kwibandla labazalwana abathetha isiFrentshi. Emva koko, bathi bakukulungela ukufunda ulwimi lwasekuhlaleni, bafudukela kwibandla labazalwana abathetha isiMalagasy. UNadine uthi: “Abantu abaninzi esishumayela kubo bayakuvuyela ukufunda iBhayibhile nathi. Basibulela qho xa size kufunda nabo. Ekuqaleni ndandicinga ukuba ndiyaphupha. Ndiyakuthanda ukushumayela kule ntsimi. Xa ndivuka ndiye ndithi, ‘Namhlanje, ndiyoshumayela!’”

UDidier uyancuma xa ecinga into eyenzekayo xa wayeqala ukufunda isiMalagasy. Uthi: “Ndandiqhuba iintlanganiso kodwa ndandingaziva tu iimpendulo zabazalwana noodade. Ndandivele ndithi, ‘Enkosi.’ Xa ndandibulela omnye udade ngempendulo yakhe, ababehleli emva kwakhe bandibonisa ngezimbo zomzimba ukuba loo mpendulo ayichananga. Ndakhawuleza ndakhomba umzalwana endicinga ukuba waphendula kakuhle.”

ZANGE ASOKOLISE

Kwindibano eyayingo-2005, uThierry nomfazi wakhe uNadia babukela idrama ethi “Zama Ukufikelela Usukelo Lokuhlonela UThixo.” Loo drama yayithetha ngoTimoti yabenza bafuna ngamandla ukuya kushumayela kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi. UThierry uthi: “Xa kwakuqhwatywa ekupheleni kwaloo drama, ndoyama ngomfazi wam, ndambuza, ‘Thina siza kuya phi?’ Wathi naye ucinga loo nto.” Kungekudala emva koko, baqalisa ukulungisa izinto ukuze bakwazi ukuhamba. UNadia uthi: “Saya sicutha izinto esasinazo de sashiyeka nezisilingeneyo!”

Ngasekhohlo: UNadia noMarie-Madeleine Ngasekunene: UThierry

Bafika eMadagascar ngo-2006. Yaba mnandi intsimi befika nje. UNadia uthi: “Abantu esidibana nabo babesenza sivuye.”

Kwiminyaka eyi-6 belapho, kwavela ingxaki. Umama kaNadia owayehlala eFransi, uMarie-Madeleine, wawa wophuka ingalo, wonzakala entloko. Emva kokuba uThierry noNadia bethethe nogqirha kaMarie-Madeleine, bamcela ukuba eze kuhlala nabo eMadagascar. Nangona wayeneminyaka eyi-80, zange asokolise. Uthi kunjani ukuhlala kwelinye ilizwe? Uthi: “Ezinye izinto kunzima ukuziqhela, nakubeni ndingakwazi ukwenza yonke into, ndiziva ndiluncedo ebandleni. Eyona nto indivuyisa kakhulu kukuba, ngokuza kwam apha, ndibangele abantwana bam bangayeki ukushumayela.”

“UYEHOVA WANDINCEDA”

URiana unikela intetho ngesiTandroy

URiana ngumzalwana oneminyaka engaphezulwana kweyi-20. Wakhulela eAlaotra Mangoro, ummandla onomhlaba ochumileyo okwimpuma eMadagascar. Wayeqhuba kakuhle esikolweni, efuna nemfundo enomsila. Wathi akufunda iBhayibhile yaphela yonke loo nto. Uthi: “Ndandifuna ukukhawuleza ndigqibe esikolweni, ndaza ndathembisa uYehova ndisithi, ‘Ukuba ndiye ndapasa, ndiza kuba nguvulindlela.’” Wathi akupasa, waya kuhlala nomnye umzalwana onguvulindlela, waza wafumana umsebenzi owawuza kumenza akwazi ukuba nguvulindlela. Uthi: “Andizisoli tu ngokuba kule nkonzo.”

Izizalwana zikaRiana zazingasiqondi isizathu sokuba angaqhubeki nemfundo. Uthi: “Utata, utatomncinci nomakhulu babefuna ndifumane imfundo enomsila. Ndandingafuni nto eza kundiyekisa ukuba nguvulindlela.” URiana wafuna ukuya kushumayela apho kwakufuneka abavakalisi abaninzi. Yintoni eyabangela ukuba afune loo nto? Uthi: “Kwaqhekezwa kwindawo esasihlala kuyo kwaza kwabiwa izinto zam ezininzi. Loo nto yandicingisa amazwi kaYesu athetha ngokuziqokelelela ‘ubuncwane ezulwini.’” (Mat. 6:19, 20) Wafudukela kummandla okumazantsi eli lizwe owawufunyenwe yimbalela nokwiikhilomitha eziyi-1 300 ukusuka apho wayehlala khona. Apho kwakuhlala ama-Antandroy. Kwakutheni ukuze aye apho?

Kwinyanga ngaphambi kokuba uRiana aqhekezelwe, wayeqalise ukufunda iBhayibhile namadoda amabini angama-Antandroy. Wafunda amagama athile olwimi lwawo, loo nto yamenza wacinga ngama-Antandroy amaninzi angakeva nto ngeBhayibhile. Uthi: “Ndacela kuYehova ukuba andincede ndifudukele kummandla ahlala kuwo.”

Nyhani uRiana wafuduka. Wathi esand’ ukufuduka, waba nengxaki. Wayengawufumani umsebenzi. Enye indoda yathi kuye: “Bekutheni ukuze uze apha? Abantu balapha abafuna imisebenzi, baya apho usuka khona!” Emva kweeveki ezimbini, waya kwindibano yengingqi enemadlana nje encinci, engazi nokuba uza kuthini. Ngosuku lokugqibela lwendibano, omnye umzalwana wafaka into epokothweni kaRiana. Yayiyimali eninzi eyayiza kumenza akwazi ukugoduka aze afike aqale ishishini elincinci lokuthengisa iyogathi. URiana uthi: “UYehova wandinceda kanye ngexesha endandimdinga ngalo. Ngoku ndingaqhubeka ndinceda abantu abangazange bafumane thuba lokufunda ngoYehova!” Nasebandleni wawumninzi umsebenzi. Uthi: “Ndandisoloko ndinikela intetho yesidlangalala. UYehova wayendiqeqesha ngentlangano yakhe.” Nanamhlanje, uRiana usashumayela kuma-Antandroy amaninzi afuna ukwazi uYehova.

‘WASIKELELWA NGUTHIXO’

UYehova uthi: “Nabani na ozisikelelayo emhlabeni azisikelele ngoThixo” oyinyaniso. (Isa. 65:16) Xa sisebenza nzima sizama ukwahlukana neengxaki ezisibangela singakwazi ukuya kushumayela kwenye indawo, uYehova uyasixhasa. Cinga ngoSylviana, ekuthethwe ngaye ekuqaleni kweli nqaku. Wayecinga ukuba akanakukwazi ukuya kushumayela apho kufuneka abavakalisi abangakumbi khona. Kwakutheni ukuze acinge njalo? Uthi umlenze wakhe wasekhohlo mfutshane kakhulu kunowasekunene. Uyaqhwalela, ngoko ukhawulez’ adinwe.

USylviana (ekhohlo) noSylvie Ann (ekunene) bekunye noDoratine ngomhla awayebhaptizwa ngawo

Kodwa ngo-2014 uSylviana waya kushumayela nodade osemtsha onguvulindlela, uSylvie Ann, kwilali ekumgama oziikhilomitha eziyi-85 ukusuka kwidolophu yakowabo. Nakuba wayenengxaki, wakwazi ukuya kushumayela kwenye indawo, ibe uYehova wamsikelela. Uthi: “Emva konyaka sishumayela kuloo lali, umama oselula endandimfundela iBhayibhile, uDoratine, wabhaptizwa kwindibano yesiphaluka.”

“NDIZA KUKUNCEDA”

Njengokuba sisiva kwaba bavakalisi, xa sisebenza nzima sizama ukwahlukana neengxaki ezisibangela singakwazi ukuya kushumayela kwenye indawo, abonakala ngokoqobo amazwi uYehova awathembisa ngawo abakhonzi bakhe athi: “Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene.” (Isa. 41:10) Loo nto ibangela ukuba sisondele ngakumbi kuYehova. Ngaphezu koko, xa sizinikela kumsebenzi kaThixo singaqhutywa mntu, kwindawo esihlala kuyo okanye kwelinye ilizwe, sizilungiselela umsebenzi esiza kuwenza kwihlabathi elitsha. UDidier ebekuthethwe ngaye uthi, “xa sikhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi, siqeqeshelwa ixesha elizayo!” Sinqwenela ukuba bonke abangathanda ukwenjenjalo baqalise kwangoku.

^ isiqe. 4 Aba bavakalisi bavela eCzech Republic, eFransi, eJamani, eGuadeloupe, eKhanada, eLuxembourg, eMerika, eNew Caledonia, eSweden, eSwitzerland, naseUnited Kingdom.

^ isiqe. 8 Endaweni yaso, kuqhutywa iSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Abavakalisi abafanelekayo abashumayela ixesha elizeleyo kwamanye amazwe banokufaka isicelo sokuya kwesi sikolo kumazwe abo okanye kwelinye ilizwe esiqhutywa ngolwimi lwabo.