Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Umphefumlo

Umphefumlo

Iicawa zineembono ezingafaniyo ngomphefumlo nento eyenzeka kuwo xa sisifa. Noko ke, iBhayibhile iyakucacisa oku.

Ngaba umphefumlo awufi?

OKUTHETHWA NGABANTU

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba umphefumlo awufi. Abanye bakholelwa ukuba umphefumlo usoloko uzalwa ngokutsha, uze uvele komnye umzimba kusakufa owokuqala. Abanye bathi umphefumlo ekugqibeleni udlulela kwenye indawo, mhlawumbi ezulwini okanye engcwabeni.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayithi umphefumlo awufi. Umprofeti uHezekile owasetyenziswa nguThixo ekubhaleni iBhayibhile, wathi umphefumlo unokohlwaywa ngokufa. IBhayibhile ikwasebenzisa ibinzana elithi ‘umphefumlo ofileyo’ xa ithetha ngesidumbu. (Levitikus 21:11) Kucacile ke ukuba iBhayibhile ayifundisi ukuba umphefumlo awufi.

“Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.”Hezekile 18:20.

Ngaba umphefumlo wahlukile emzimbeni?

OKUTHETHWA NGABANTU

Umphefumlo uba semzimbeni ngoxa umntu esaphila uze uphume xa esifa.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Kuthethwa ngomama ozala “imiphefumlo”—oko kukuthi, abantu abaphilayo nabaphefumlayo. (Genesis 46:18) Igama lesiHebhere elithetha “umphefumlo” elisetyenziswe eBhayibhileni linokuguqulelwa ngokuthi “isidalwa esiphefumlayo.” Ngamanye amaxesha eli gama lisetyenziswa naxa kuthethwa ngezilwanyana. Ngaphezu koko, iBhayibhile ithi umphefumlo uyakudinga ukutya. (Duteronomi 12:20) Ukuba umphefumlo ubuyinto eyahlukileyo emzimbeni, ngaba ubuza kudinga ukutya okanye kufuneke uphefumle? EBhayibhileni, igama elithi “umphefumlo” libhekisela kumntu ophilayo, kuquka umzimba, iimvakalelo nobuntu baloo mntu.

Wazala imiphefumlo elishumi elinesithandathu.Genesis 46:18.

Kwenzekani emphefumlweni xa sisifa?

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Njengoko imizimba yethu itshabalala xa sisifa, “akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka engcwabeni.” (INtshumayeli 9:10) IZibhalo zisiqinisekisa ukuba xa umntu esifa, ‘ubuyela emhlabeni; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.’ (INdumiso 146:4) Umphefumlo ofileyo awukwazi kuzenzela nto, ibe kungenxa yoko le nto iZibhalo zisithi abafileyo “balele.”—Mateyu 9:24.

KUTHENI KUNJALO NJE?

Xa ufelwe ngumntu omthandayo, uye ube nale mibuzo engqondweni: Baphi abafileyo? Injani imeko yabo? Ngaba bava ubuhlungu? Ekubeni iBhayibhile isiqinisekisa ukuba abafi abeva nto, sinokuthuthuzeleka kukwazi ukuba abeva buhlungu. Kunokusithuthuzela ngakumbi ukwazi ukuba uYehova uthembisa ukuba uza kubavusa abafileyo kwixesha elizayo.—Isaya 26:19.

“Abafileyo, abazi nto konke konke.”INtshumayeli 9:5.