Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe NgeYurophu

Makhe Sithethe NgeYurophu

Abemi baseYurophu ababekade beluthanda kakhulu unqulo, abasenamdla kulo. Nakubeni kunjalo, iindaba zakutshanje ezivela eYurophu ezithetha ngeBhayibhile zisenokukubambis’ ongezantsi.

Ukuncedwa Lilizwi Likamama

Abaphandi baseMilan, eItali, bafikelele kwisigqibo sokuba iintsana ezizalwe ngaphambi kwexesha ziyancedakala empilweni ngokuva ilizwi likamama wazo kwisixhobo esifakwe esihlahleni sazo ngoxa zisesibhedlele. Esi sixhobo sizama ukulinganisa indlela usana ebeluliva ngayo ilizwi likanina ngoxa belusesesibelekweni. Olu phando luqukumbela ngokuthi: “Ukuva ilizwi likamama lungekazalwa kuyalunceda usana xa luzelwe ngaphambi kwexesha.”

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE: “Ndiwuthomalalisile, ndawuzolisa umphefumlo wam njengolunyuliweyo kunina.”—INdumiso 131:2.

Ngaba Uyazicingela?

Uhlolisiso olwenziwa kubantwana abayi-565 baseNetherlands lubonisa ukuba abantwana abanabazali abathi “babhetele kakhulu kunabanye” kwaye bafanele “baphathwe ngendlela ekhethekileyo” bafumana amanqaku aphezulu kunaweetshomi zabo kwiimvavanyo ezazithetha ngokuzicingela. Bachaza nangendlela abavakalelwa ngayo ngokuba bakhulu kunabanye nokuba nezinto zabo. Omnye umbhali yena uthi: “Abantwana bayabakholelwa abazali xa bebaxelela ukuba abafani nabanye, babhetele kakhulu kunabo. Loo nto ayibancedi, ingancedi nabanye abantu abaphila nabo.”

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako; kodwa makacinge khon’ ukuze abe nengqondo ephilileyo.”—Roma 12:3.

Iinkonde Neenkondekazi Ezingalahlanga Themba

Abaphengululi beYunivesithi yaseJamani, iHeidelberg, bathi nakubeni zinkenenkene empilweni nasemizimbeni, iinkonde neenkondekazi ezineminyaka eyi-100 azikufuni kwaphela ukufa. Xa bekudliwan’ indlebe nezi nkonde neenkondekazi, ezintathu kwezine zikufuna ngamandla ukuphila kwaye zizama ngako konke ukulisebenzisa kakuhle lonke ixesha ezinalo ebomini. Zizuze okuninzi ebomini, zingalahlanga themba bezivakalelwa kukuba ubomi bunenjongo kwaye ziye zagcina iinkolo zazo nendlela yazo yokuphila.

KHAWUCINGE NGOKU: Njengoko INtshumayeli 3:11 isitsho, yintoni enokubonisa ukuba asinqweneli kufa?