Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKWENZA IKHAYA LIBE NOXOLO

Indlela Yokuphelisa Iingxabano Ekhaya

Indlela Yokuphelisa Iingxabano Ekhaya

KUTHEKANI ukuba intsapho yakho isoloko ixabana? Mhlawumbi ukungavisisani kuyinto yemihla ngemihla. Kusenokwenzeka ukuba aniyazi ukuba ziqala njani ezi ngxabano. Sekunjalo niyathandana, kwaye anifuni kukhathazana.

Kubalulekile ukukhumbula ukuba ukwahluka koluvo lwenu akuthethi kuthi intsapho yenu ayovani. Into ebonisa ukuba ikhaya lenu liza kuba yindawo yenzolo okanye yengxwabangxwaba ayikokuxabana, kodwa yindlela enenza ngayo xa kuvela ingxabano. Nanga amanyathelo anokukunceda uphelise iingxabano.

1. MUSA UKUZIPHINDEZELELA.

Ingxabano ibangelwa ngabantu ababini, kodwa xa omnye wabo ethula aze amamele, inokuthomalala. Ngoko mus’ ukufuna ukuziphindezelela xa ucatshukisiwe. Zibambe ukuze ungalahlekelwa sisidima sakho. Ukhumbule ukuba, uxolo entsatsheni lubaluleke ngaphezu kokuba ufune kugqibele wena.

Apho kungekho nkuni uyacima umlilo, nalapho kungekho mnyelisi usukuzwano luyadamba.”—IMizekeliso 26:20.

2. ZAZI IIMVAKALELO ZELUNGU LENTSAPHO YAKHO.

Ukuphulaphula kakuhle nangovelwano ngaphandle kokuphazamisa okanye ukugweba umntu kunokuba luncedo ekuwubambeni umsindo nasekwenzeni uxolo. Kunokuba umgxeke omnye umntu, yazi indlela avakalelwa ngayo. Into ayenze ngenxa yokungafezeki, sukuthi yinkohlakalo iimpazamo ezibangelwa kukungafezeki. Amazwi abuhlungu asenokuba abangelwe kukuba loo mntu ethethe engacinganga, kungekhona kuba efuna ukuziphindezelela okanye enenjongo embi.

“Yambathani umsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.”Kolose 3:12.

3. ZIPHE IXESHA LOKUHLISA UMSINDO.

Ukuba unomsindo, bubulumko ukuba ukhe ubethwe ngumoya ukuze wehle. Usenokuya kwelinye igumbi okanye uthi tshalala ubuye xa sele uzolile. Oko akuthethi ukuba ubaleka ingxaki okanye awufuni ukuthetha ngayo. Kunoko, lixesha lokuba uthandaze kuThixo ucele ukuba nomonde nokuqonda.

“Ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.”IMizekeliso 17:14.

4. KULUMKELE OKO UKUTHETHAYO NENDLELA OKUTHETHA NGAYO.

Ukuphendula rhabaxa akuyi kuphucula nto. Endaweni yoko, zama ukusebenzisa amazwi anokuthomalalisa intlungu yaloo mntu umthandayo. Kunokuba ugqibe ngendlela afanele avakalelwe ngayo, ngokuthobeka cela akuxelele ukuba uvakalelwa njani uze umbulele ngokukwenza uyiqonde indlela avakalelwa ngayo.

“Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lezilumko luyaphilisa.”IMizekeliso 12:18.

5. GCINA ITHONI YELIZWI LAKHO IPHANTSI.

Ukungabi namonde kwelungu lentsapho kungenza elinye libe nomsindo. Kuphephe ukuphoxa, ukuthuka okanye ukunyusa ilizwi enoba sele ucaphuke kangakanani. Musa ukusebenzisa izityholo ezibuhlungu nje ngokuthi: “Awundikhathalele” okanye “Awukhe undimamele.” Kungcono ulichazele ngobubele iqabane lakho indlela ovakalelwa ngayo (“Ndiyakhathazeka xa u . . . ”). Ukutyhalana, ukuqhwaba ngempama, ukukhaba nalo naluphi na uhlobo lokuxhaphaza akuthetheleleki. Kuyafana ke nangokubizana ngamagama amabi, ukuthetha izinto ezibonisa ukungahloniphani okanye ukusongelana.

“Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.”Efese 4:31.

6. XOLELA NGOKUKHAWULEZA UZE UCHAZE OKO UFUNA UKUKWENZA UKUZE ULUNGISE INGXAKI.

Musa ukuvumela iimvakalelo ezimbi zikwenze ungayazi injongo onayo yokwenza uxolo. Khumbula, akukho mntu uphumelelayo xa nixabana. Ukuba nenza uxolo, niya kuphumelela. Ngoko, xa inguwe obangele ingxabano, yamkele loo nto. Nokuba uqinisekile ukuba awenzanga nto, usenokuxolisa kuba uye wacaphuka, waphendula kakubi okanye wamcaphukisa loo mntu ungazimiselanga. Ukuhlalisana ngoxolo nabanye kubaluleke ngaphezu kokuzicingela nokufuna kugqibele wena. Ukuba umntu uyaxolisa, mxolele ngokukhawuleza.

“Hamba uzithobe uze ulithukuthezele ngokulicenga idlelane lakho.”—Imizekeliso 6:3.

Xa ingxabano iphelile, unokwenza ntoni ukuze kubekho uxolo entsatsheni? Oku kuya kuba ngumxholo wenqaku elilandelayo.