Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UKWENZA IKHAYA LIBE NOXOLO

Iingxabano Zentsapho—Zenzeka Njani

Iingxabano Zentsapho—Zenzeka Njani

USARAH * waseGhana oneminyaka eyi-17 etshate noJacob uthi: “Sisoloko sixabana ngemali.” Uthi: “Ndiba nomsindo kuba zininzi izinto endizenzayo ukuze ndinyamekele intsapho abe uJacob engathethi nam ngemeko yethu yezimali. Kuye kudlule iiveki singathethisani.”

Yena uJacob umyeni wakhe uthi: “Kunjalo, akhona amaxesha apho siye sixambulisane. Aye abangelwe kukungaqondani okanye ukungancokolisani kakuhle. Ngamanye amaxesha abangelwa kukucaphuka ungekeva kakuhle.”

UNathan waseIndia osele enethutyana etshatile, uchaza oko kwenzekayo xa uyisezala wangxolisa uninazala. Uthi: “Wabindeka waza wahamba. Xa ndambuzayo ukuba kutheni emngxolisa, yaba ngathi mna ndiyamdelela. Ndingazanga, ndabona sele singxoliswa sonke.”

Mhlawumbi nawe ukhe waqaphela ukuba ukuthetha ungacinganga okanye ukuthetha into engafanelekanga ngexesha elingafanelekanga kunokubangela ingxabano ekhayeni. Incoko emnandi nezolileyo isenokutshintsha ngesiquphe nize nixambulisane ngamazwi. Akakho umntu onokuhlala ethetha izinto ezifanelekileyo ngalo lonke ixesha, ngoko kusenokuba lula ukuyitolika kakubi into ethethwayo okanye into ebangele ukuba ithethwe. Sekunjalo, ninganako ukuba noxolo nemvisiswano.

Yintoni onokuyenza xa kuvela ingxabano? Yintoni onokuyenza ukuze ubuyisele uxolo nenzolo entsatsheni? Iintsapho zinokuligcina njani uxolo ekhayeni? Nceda uqhubeke ufunda.

^ isiqe. 3 Amanye amagama aye atshintshwa.