Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Umsebenzi

Umsebenzi

Nangona iBhayibhile yabhalwa kudala, imigaqo yayo ayiphelelwa lixesha. Imbono yayo ngokuphathelele umsebenzi isasinceda nanamhlanje, njengokuba kwakunjalo ngexesha lokubhalwa kwayo.

Umele uwujonge njani umsebenzi?

OKUTHETHWA NGABANTU

Ukuze ukwazi ukuwugcina umsebenzi, kufuneka ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Ngenxa yoko, abaninzi baye abazihoya iintsapho zabo nempilo yabo ngenxa yokuzilahlela nofele emsebenzini.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile isifundisa indlela efanelekileyo yokujonga umsebenzi. Isifundisa ukuba sikhuthale, singabi ngamavila. (IMizekeliso 6:6-11; 13:4) Kwangaxeshanye, ayikukhuthazi ukuzingxixha ngomsebenzi. Kunoko, icebisa ukuba siphumle ngamaxesha athile. INtshumayeli 4:6 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” Ngoko asifanele sivumele umsebenzi usenze singazihoyi iintsapho zethu nempilo yethu. Akukho mvuzo ekubeni likhoboka lomsebenzi!

“Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.”INtshumayeli 2:24.

Ngaba ibalulekile into yokuba wenza umsebenzi onjani?

OKUTHETHWA NGABANTU

Ukuba ukubhatala kakuhle, nguwo kanye olungileyo. Ukucinga njalo nokunyoluka kwenze abanye abanyaniseka emsebenzini, baza abanye benza imisebenzi engekho mthethweni.

Abanye bafundiswe ukuba bafune kuphela umsebenzi ‘wamaphupha’ abo okanye ‘othi ngco entliziyweni.’ Ukuba umsebenzi abakuwo ayinguwo lo bawunqwenelayo okanye bawuthandayo, bawubona njengodikayo. Ngenxa yoko, uba yindinisa ibe abazimiseli kuwo. Abanye bade bangayamkeli eminye kuba beyibona njengebathoba isidima.

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

IBhayibhile ayisivumeli ukuba senze imisebenzi enokunganyaniseki okanye enokulimaza abantu nangayiphi na indlela. (Levitikus 19:11, 13; Roma 13:10) Umsebenzi olungileyo unceda abanye kunye nawe ukuba ube ‘nesazela esilungileyo.’—1 Petros 3:16.

IBhayibhile ikwafundisa ukuba eyona nto ibalulekileyo ngomsebenzi kukuziphilisa nokunyamekela intsapho ngaphezu kokuzanelisa. Kuhle kona ukuwonwabela umsebenzi, kodwa awumele ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini.

“Utata uxakeke kakhulu. Ukongezelela kumsebenzi wakhe wempangelo, kukho imisebenzi amele ayenze kwibandla esikulo lamaNgqina kaYehova. Nangona kunjalo, uyenza kakuhle yonke le misebenzi, aze aphinde abe nalo nexesha lam, usisi wam nomama. Nakuba esoloko exakekile, uba nalo ixesha lokwenza yonk’ into.”—UAlannah.

Kuyinyaniso ukuba, ukudodobala kwezoqoqosho nokunyuka kwamaxabiso kunokusenza sixhalabele indlela esiza kuziphilisa ngayo, kodwa iBhayibhile ikhuthaza ukuba saneliseke zizinto esinazo. Ithi: “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.” (1 Timoti 6:8) Loo nto ayithethi ukuba simele sibe ngamagqolo. Kodwa simele sibonise ingqiqo kwizinto esizithengayo, singawanqi yonk’ into le esiyibonayo.—Luka 12:15.

OKUTHETHWA KOKU

Wukhuthalele umsebenzi wakho. Yiba nomdla kuwo. Nokuba ubonakala uthoba isidima okanye ingengomsebenzi ubuwunqwenela, funda ukuwenza ngobuchule. Ukukhuthala emsebenzini kunokusenza sizive siphumelele ibe unokusanelisa xa sinobuchule bokuwenza.

Kwangaxeshanye, zinike ixesha lokuphumla nelokuzonwabisa. Oku kuba mnandi kakhulu emva kokusebenza ngenkuthalo. Xa sizisebenzela izinto esinazo, siye sibe nebhongo, ibe abanye bayasihlonipha, kuquka iintsapho zethu.—2 Tesalonika 3:12.

“Musani ke ukuxhala nisithi, ‘Siza kudla ntoni na?’ okanye, ‘Siza kusela ntoni na?’ okanye, ‘Siza kunxiba ntoni na?’ . . . UYihlo osemazulwini uyazi ukuba ziyimfuneko kuni zonke ezi zinto.”Mateyu 6:31, 32.