UVUKANI! Julayi 2015 | Ngaba Nguwe Olawula Ubomi Bakho?

Ngaba ubomi bakho abuyiyo le nto ubufuna bube yiyo? Funda indlela onokuphinda ubulawule ngayo.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Nguwe Olawula Ubomi Bakho?

Iingxaki ezingalindelekanga zimele zingabuphazamisi ubomi bakho.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ingxaki: Iimeko Ongenakuzitshintsha

Amacebiso amane anokukunceda umelane nobomi xa iimeko ezingaphezu kwamandla akho zikongamela.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ingxaki: Ukuba Nokuninzi Emagxeni Akho

Ukuba uzama ukwenza yonk’ into, ungaphela ungenzanga nenye. Ungenza njani ukuze ucuthe istres?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ingxaki: Iingcinga Ezingakhiyo

Ngaba uziva wonganyelwe ziimvakalelo ezifana nokuba nexhala, umsindo, nokukhathazeka? Indlela ezinokukunceda umelane nazo.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Unako Ukubulawula Ubomi Bakho?

Ukuphinda ubulawule ubomi bakho kusenokuba lula kunokuba ucinga.

AMAZWE NABANTU

Ukutyelela EMongolia

“Ilizwe Lesibhakabhaka Esiluhlaza” likhaya loonothwal’ impahlana abanendlela nje yabo yokubuk’ iindwendwe.

UKUNCEDA INTSAPHO

Xa Nisahlukana

Unokuqhubeka njani nobomi emva kwentlungu yokwahlukana?

IMBONO YEBHAYIBHILE

Umsebenzi

Ngaba ibalulekile into yokuba wenza umsebenzi onjani?

Oko Umele Ukwazi Ngemalariya

Unako ukuzikhusela ukuba uhlala okanye ufuna ukutyelela kwilizwe egqugqisileyo kuyo imalariya.

NGABA YADALWA?

Umhlathi Wengwenya

Iwaphinda kathathu amandla okuluma engonyama okanye awengwe, kodwa izivamvo zomhlathi wayo zodlula nezeminwe yomntu. Kwenzeka njani oko?

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Abulunganga Ubusela

UThixo ubujonga njani ubusela? Funda iEksodus 20:15. Bukela le vidiyo uze ufunde ezinye izinto kunye noSihle.