Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Nguwe Olawula Ubomi Bakho?

Ngaba Nguwe Olawula Ubomi Bakho?

NGOXA wawusakhula, wawufuna ukuba yintoni xa umdala? Mhlawumbi wawufuna ukutshata, ukuba yincutshe kumsebenzi othile, okanye ukwenza umsebenzi onik’ umdla. Kodwa ubomi abusoloko buhamba ngendlela esithanda ngayo. Kusenokwenzeka izinto ezingalindelekanga ezinokubutshintsha mpela ubomi. Kwenzeka kanye loo nto kuAnja, uDelina noGregory.

  • UAnja waseJamani kwafunyaniswa ukuba unesifo somhlaza xa wayeneminyaka eyi-21, ibe ngoku unzinyelwa nakukuphum’ endlwini.

  • UDelina waseMerika unesifo esihlasela imithambo-luvo. Ukongezelela apho, unyamekela abantakwabo abathathu abakhubazekileyo.

  • UGregory waseKhanada unengxaki yokuxhalaba ngokugqithiseleyo.

UAnja, uDelina noGregory bakwazile ukulawula ubomi babo nakuba beneengxaki. Njani?

Omnye umzekeliso weBhayibhile uthi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” (IMizekeliso 24:10) Kucacile ukuba, indlela ocinga ngayo ibaluleke gqitha. Abantu abalahl’ ithemba xa iimeko zabo zitshintsha basenokucinga ukuba akukho nto banokuphinda bakwazi ukuyenza, ngoxa abahlal’ ethembeni bekwazi ukulawula ubomi babo.

Yiva indlela ebancede ngayo loo nto uAnja, uDelina noGregory.