Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA NGUWE OLAWULA UBOMI BAKHO?

Ingxaki: Iingcinga Ezingakhiyo

Ingxaki: Iingcinga Ezingakhiyo

NGABA usoloko udakumbile, unomsindo, okanye unenzondo? Oko kunokulitya ixesha okanye amandla obunokuwasebenzisela izinto ezibalulekileyo. Yintoni onokuyenza xa uvakalelwa ngaloo ndlela? *

UMZEKELO OSEBHAYIBHILENI: UDAVIDE

UKumkani uDavide wathwaxwa ziimeko ezininzi ezamshiya exhalabile yaye ebuhlungu. Yintoni eyamncedayo? Kukuyekela izinto kuThixo. (1 Samuweli 24:12, 15) Kwakhona wayibhala phantsi indlela awayevakalelwa ngayo. Yaye ekubeni wayeyindoda enokholo, wayethandaza rhoqo. *

OKWENZIWA NGUGREGORY

Njengoko kukhankanyiwe kwinqaku lokuqala, uGregory unengxaki yokuxhalaba ngokugqithiseleyo. Uthi: “Ukuxhalaba kwam kwakubaxiwe ibe kungalawuleki.” Wakwazi njani uGregory ukubulawula kwakhona ubomi bakhe? Uthi: “Ndincedwe ngumfazi wam nangabahlobo bam. Enye into endincedileyo kukuba ugqirha eye wandixelela ngakumbi ngemeko yam. Emva kokwenza utshintsho kwindlela endizenza ngayo izinto, ndatsho ndaziva ukuba ndim oyilawulayo imeko endikuyo, kunokuba ibe yiyo endilawulayo. Nangona ndikhe ndibe nexhala nangoku, ndiyazi ukuba libangelwa yintoni, ibe ndiyayazi nento endimele ndiyenze ukuze ndizive ndingcono.”

“Intliziyo evuyayo iyaphilisa.”—IMizekeliso 17:22

OKO UNOKUKWENZA

Xa wonganyelwe ziingcinga ezingakhiyo, khawukhe uzame oku:

  • Yibhale phantsi indlela ovakalelwa ngayo.

  • Chazela isalamane okanye umhlobo osenyongweni ngendlela ovakalelwa ngayo.

  • Khawukhe uzihlole iingcamango zakho. Ngokomzekelo zibuze, ‘Ngaba nyhani isengqiqweni le ndlela ndivakalelwa ngayo?’

  • Musa ukuhlala unexhala, unomsindo, okanye inzondo. Amandla akho wasebenzisele ukwenza izinto ezakhayo. *

Lilonke: Iingcinga ezingakhiyo azidli ngokubangelwa ziimeko zethu, kodwa zibangelwa yindlela esizijonga ngayo.

^ isiqe. 3 Ezinye iingcinga ezingakhiyo zibangelwa ziingxaki zempilo ezisenokufuna ugqirha. UVukani! akancomeli naluphi na uhlobo lwezonyango. Mntu ngamnye umele enze uphando olufanelekileyo ngaphambi kokuba enze isigqibo.

^ isiqe. 5 Iindumiso ezininzi eziseBhayibhileni ziyimithandazo kaDavide, awayibhala phantsi.

^ isiqe. 13 Ukuze ufumane amacebiso angakumbi, funda inqaku elithi “Indlela Yokumelana Namaxhala,” elikwiMboniselo kaJulayi 1, 2015.