Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO

Izinto Ezintathu Ezingenakuthengwa Ngemali

Izinto Ezintathu Ezingenakuthengwa Ngemali

NANTSI into ehlekisayo: Nangona abantu besecicini lokulahlekelwa ngumsebenzi, ikhaya, okanye imali, abaninzi kubo bawola yonke into abanokuyithenga.

Aba bantu baqhathwa ngabathengisi ababatsala ngokuthi bamele babe nezindlu ezinkulu, iimoto zikanokutsho neempahla ezinamagama. Ukuba akunamali, ayongxaki, usenokuthenga ngetyala. Abaninzi bafuna ukujongwa njengezinhanha, ngoxa bentyumpa-ntyumpeka ematyaleni.

Phofu ke, aye athi shwaka okomphunga loo mabhongo. Incwadi ethi The ­Narcissism Epidemic ithi: “Ukuthenga izinto zala maxesha nezinamaxabiso aphezulu ngetyala ukuze ubonakale usisinhanha kufana nje nokutshaya isiyobisi esingabizi mali eninzi ukuze udlamke. Zombini ziyafikeleleka, kodwa nje ixesha elifutshane. Ekugqibeleni zikushiya ungenayo nesenti yaye unxunguphele.”

IBhayibhile ithetha ngobudenge ‘bokuqhayisa ngezinto zobu bomi.’ (1 Yohane 2:16) Inyani kukuba, ukuthi phithi bubunewunewu kusenza singaziboni izinto ezibalulekileyo ebomini—izinto ezingenakuthengwa ngemali. Nantsi imizekelo emithathu.

 1. INTSAPHO EMANYENEYO

UBrianne, * intwazana yaseUnited States, uvakalelwa kukuba akukho nto ibaluleke njengomsebenzi nemali kutata wakhe. Uthi: “Nangona sinayo yonke into esiyifunayo, utata akahlali ekhaya. Ndiyazi ukuba usoloko esendleleni ngenxa yomsebenzi, kodwa nentsapho yakhe iyamdinga!”

Khawucinge ngoku: Yintoni anokuzisola ngayo utata kaBrianne emva kweminyaka? Ukuzixakekisa kwakhe kakhulu ngobunewunewu kwenza ntoni kulwalamano lwakhe nentombi yakhe? Yintoni efunwa yintsapho yakhe kuye ngaphezu kwemali?

Imigaqo yeBhayibhile onokucinga ngayo:

  • ‘Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nayo, bambi baye bazingxwelerha ngeentlungu ezininzi.’—1 Timoti 6:10.

  • “Kulungile ukutya imifuno nabantu obathandayo kunokutya inyama emnandi apho kukho intiyo.”—IMizekeliso 15:17, iGood News Translation.

Undoqo: Imali ayinakuthenga umanyano lwentsapho. Lubakho kuphela xa ubonisa intsapho ukuba uyayithanda yaye uchitha ixesha kunye nayo.Kolose 3:18-21.

 2. UKHUSELEKO LOKWENENE

USarah oneminyaka eyi-17 uthi: “Umama uhlala endixelela ukuba kufuneka nditshate umntu onemali, ndifunde ukuze ndifumane umsebenzi obhatalayo, ukuze ndingahlupheki naxa ingasekho eyomyeni. Eyona nto wayesoloko ecinga ngayo kukuhlala enemali.”

Khawucinge ngoku: Xa ucinga ngekamva, ziziphi izinto eziyimfuneko onokuzixhalabela? Ezi zinto ziqalisa nini ukuba yinkxalabo engekho ngqiqweni? Yintoni enokunceda umama kaSarah aqonde oko kuthethwa kukuba nemali?

Imigaqo yeBhayibhile onokucinga ngayo:

  • “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni, apho kudla khona inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekeza khona ebe.”Mateyu 6:19.

  • “Anikwazi oko ubomi benu buya kuba kuko ngomso.”Yakobi 4:14.

Undoqo: Ukufumba imali ayisosiqinisekiso sekamva. Ngaphezu koko, imali inokubiwaayinakukuphilisa xa ugula okanye ikwenze ungafi. (INtshumayeli 7:12) IBhayibhile ithi ukhuseleko lokwenene lubangelwa kukwazi uThixo nenjongo yakhe.Yohane 17:3.

 3. ULWANELISEKO

UTanya oneminyaka eyi-24 uthi: “Abazali bam bandifundisa ukuphila ubomi obulula. Sakhula kakuhle newele lam nangona sasingezozityebi.”

Khawucinge ngoku: Yintoni eyenza kube nzima ukwaneliseka zizinto eziyimfuneko? Uyibekela umzekelo onjani intsapho yakho kumba wemali?

Imigaqo yeBhayibhile onokucinga ngayo:

  • “Ukuba sinesixhaso nesambatho, masaneliswe zezo zinto.”1 Timoti 6:8.

  • “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”Mateyu 5:3.

Undoqo: Zininzi izinto ezibalulekileyo ebomini kunezinto ezinokuthengwa yimali. NeBhayibhile iyakuvuma oku, kuba ithi: “Kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ulwaneliseko lokwenene silufumana kwiimpendulo zemibuzo efana nale:

  • Kutheni silapha nje?

  • Lisiphathele ntoni ikamva?

  • Ndinokuba nguye njani umhlobo kaThixo?

Abapapashi balo Vukani!, amaNgqina kaYehova, bangakuvuyela ukukuphendulela le mibuzo.  

^ isiqe. 8 Amagama akweli nqaku atshintshiwe