Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Oko Ufanele Ukwazi Ngokuxhuzula

Oko Ufanele Ukwazi Ngokuxhuzula

UMNTU omaziyo uyawa aze amkelwe ziingqondo. Umzimba uyaqina, aze aqalise ukuxhuzula. Ukuba uyamazi ukuba unesifo sokuxhuzula, ikho into onokumenza yona ngoxa usalindele ukuba afumane uncedo. Makhe sithethe ngezinto abangaziqondiyo abantu ngesi sifo.

Yintoni ukuxhuzula? Ukuxhuzula kwenzeka xa kukho ukuphazamiseka okuthile engqondweni. Kudla ngokuthatha imizuzu engaphantsi kwemihlanu. Le nto ichazwe ekuqaleni sisifo sokuwa, olona hlobo lokuxhuzula lwaziwayo.

Yintoni ebangela ukuxhuzula? Abaphandi bakholelwa ukuba umntu uxhuzula xa kukho ukuphazamiseka okuthile engqondweni. Unobangela woku awukaziwa ncam.

Ndimele ndenze ntoni xa umntu esiwa aze axhuzule? IThe Encyclopedia of the Brain and Brain Disorders ithi: “Umele ayekwe ade agqibe ukuxhuzula, kodwa kuqinisekwe ukuba akazenzakalisi yaye uyaphefumla.” Kwale ncwadi iphinda ithi: “Ukuba uqhubeka exhuzula de kudlule imizuzu emihlanu, naxa ephinda emva kwemizuzwana nje embalwa okanye engade abuyele ezingqondweni, kumele kubizwe inqwelo yezigulane.”

Ndinokumnceda njani umntu oxhuzulayo? Mqamelise ngento ethambileyo uze ususe izinto ezibukhali ezikufutshane naye. Xa egqibile, mlalise ngecala njengoko kuboniswe kulo mfanekiso.

Ndimele ndenze ntoni akuvuka? Okokuqala, mthuthuzele umxelele ukuba angakhathazeki iza kude idlule yonke le nto. Mncede aphakame uze umbeke kwindawo aza kukwazi ukuphumla kuyo. Abanye abantu baye bangazi ukuba kwenzeke ntoni yaye bozele emva kokuba begqibile ukuxhuzula; kanti abanye bakhawuleza babe sezingqondweni baze baqhubeke nento abebeyenza ngaphambi kokuba bagule.

Ngaba bonke abantu abanesifo sokuxhuzula bayawa? Akunjalo. Kwabanye iingqondo zikhe zimke kancinane nangona bengade bawe. Oku kwenzeka imizuzwana nje embalwa ukanti kwabanye kukhe kwenzeke ixesha elidana. Aba bamkelwa ziingqondo ixesha elidana badla ngokungqunga nje endlwini, impahla le bayinxibileyo babe ngathi bayayixhwitha-xhwitha. Emva kokumkelwa ziingqondo, basenokuziva ngathi intloko iyajikeleza.

Kunjani ukuphila nesifo sokuxhuzula? Abantu abaninzi  abanesi sifo bahlala bothukile kuba sifika nanini na. Ngenxa yokoyika ukuhlazeka, abakuthandi ukuba kwindawo enabantu abaninzi.

Ndinokumthuthuzela njani umntu oxhuzulayo? Mkhuthaze ukuba ayichaze indlela avakalelwa ngayo. Mphulaphule kakuhle. Mbuze ukuba angathanda wenze ntoni xa egula. Ekubeni abantu abaninzi abaxhuzulayo bengaqhubi, mhlawumbi unokumsa apho afuna ukuya khona okanye umyele.

Ngaba ukuxhuzula kunokuthonyalaliswa—okanye kuthintelwe? Zikho izinto ezibangela ukuba umntu axhuzule, ezifana nokukhathazeka okugqithiseleyo nokungalali kakuhle. Ngoko oogqirha bakhuthaza abantu abaxhuzulayo ukuba baphumle kakuhle yaye bajime qho ukuze banciphise ukukhathazeka. Ngamanye amaxesha, namayeza anceda kakhulu.